YouVersion Logo
Search Icon

UESTERE 3

3
UHaman uzama ukutshabalalisa amaJuda
1Ke kaloku emva kwezo ziganeko ukumkani uAsuwerosi wawonga uHaman unyana kaHamedata um-Agagi, wamphakamisa wamnika esona sihlalo siphezulu kunazo zonke ezinye izikhulu. 2Zonke izicaka zikakumkani apho esangweni zaguqa zakhahlela kuHaman ngokomyalelo kakumkani ngoHaman lowo. Kambe ke yena uModekayi zange aguqe akhahlele apho kuHaman.
3Ke izicaka zikakumkani ezazilapho esangweni zabuza uModekayi zathi: “Ngani ukuba wena ungawuthobeli umyalelo kakumkani?” 4Mihla le zazithetha naye ngale nto, kodwa yena engavumi ukuthobela loo myalelo. Ngoko zamxelela uHaman ngoModekayi lowo, zifuna ukuqonda ukuba sonyanyezelwa na eso simo sikaModekayi, njengoko wayezixelele ukuba yena ungumJuda.
5UHaman akuqonda ukuba uModekayi akavumi ukuguqa akhahlele kuye, wasuka wanomsindo. 6Kodwa wathi, akuluqonda uhlanga lukaModekayi, akayithanda into yokuba abulale uModekayi yedwa. Ngoko ke uHaman wazama indlela yokulutshabalalisa lonke uhlanga lukaModekayi – amaJuda – kubo bonke ubukumkani buka-Asuwerosi.
7Kuthe ke kunyaka weshumi elinambini kakumkani uAsuwerosi, ngenyanga yokuqala uNisan, kwenziwa ipuri (liqashiso ke elo), kukhethwa usuku nenyanga. Elo qashiso ke laphuma nenyanga yeshumi elinambini uAdari.
8UHaman wathetha nokumkani uAsuwerosi wathi: “Kukho uhlanga oluthe saa phakathi kwabantu bonke kuwo onke amaphondo ombuso wakho. Aba bantu bahleli bezikhethile kwabanye abantu. Amasiko abo ahlukile kuwo onke awabanye abantu, nemithetho kakumkani abayithobeli. Ngoko ke asinto intle ukuba ukumkani abanyamezele aba bantu. 9Xa kukholekile kuwe, kumkani, makubhalwe phantsi batshatyalaliswe. Ke mna ndiza kukhupha iikhilogram zesiliva ezingaphezu kwamakhulu amathathu anamashumi amane amawaka, ndizinikezele ezandleni zabagcina oovimba bakomkhulu, ukuze zigcinwe kubo.”
10Ngoko ke ukumkani wakhupha umsesane wakhe emnweni, wawunika uHaman unyana kaHamedata um-Agagi owayelutshaba lwamaJuda. 11Ukumkani wathi kuHaman: “Yeyakho kaloku imali leyo; yenza ngokubona kwakho mayela nolu hlanga.”
12Ke kaloku ngosuku lweshumi elinesithathu kwinyanga yokuqala babizwa oonobhala bakomkhulu. Basixelelwa isihlokomiso esasiphuma kuHaman, sisiya kwiirhuluneli zikakumkani, nabalawuli kunye nezikhulu zamaphondo awahlukeneyo abantu ngabantu. Kwathiwa mabasibhale kwangezo lwimi zahlukeneyo zeentlanga ngeentlanga. Ezi zaziso ke zabhalwa egameni likakumkani uAsuwerosi ngokwakhe, zaza zanyatheliswa ngomsesane wakhe. 13Ezo ncwadi ke zanikezelwa kwizigidimi ezathunywa kuwo onke amaphondo ombuso kakumkani. Zaziyalela ukuba onke amaJuda, amadala kwanamanci, abafazi nabantwana, makabulawe atshatyalaliswe atshitshiswe ngamini-nye – umhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare – ke zona iimpahla neento zawo zonke zithathwe zibe ngamaxhoba. 14Ikopi yesi sihlokomiso ke yayiza kubekwa ibe ngumthetho kwiphondo ngalinye, ibhengezwe kubantu beentlanga ngeentlanga, khon' ukuze bahlale belulindele olo suku.
15Ke kaloku yaba ngamaxhaphetshu, izigidimi zikakumkani zibhengeza eso sihlokomiso sasiphuma kukumkani komkhulu eSusa. Ke ukumkani noHaman bahlala phantsi basela, sabe sona isixeko esiyiSusa sididekile.

Currently Selected:

UESTERE 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy