YouVersion Logo
Search Icon

AMAVA ENGQONDI 4

4
Ngubani endibulalekela yena?
1Kwakhona ke ndathi ndakukhangela ndayibona ingcinezelo ekhoyo apha phantsi kwelanga.
Awu, iinyembezi zabo bacinezelweyo;
ibe ke kungekho namthuthuzeli!
Ewe, akukho mntu ubathuthuzelayo,
ibe ke bona abacinezeli baxhaswa ligunya.
2Ndafumanisa ukuba abo bangasekhoyo, abasele befile kakade,
bakwimeko engcono kunabo baphilayo, abasahleliyo nangoku.
3Kambe ke oyena ukwimeko engcono ngulowo ungekabikho,
engekayiboni le nkohlakalo yenziwayo apha phantsi kwelanga.
4Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
5Isiyatha sisonga izandla,
sizitshabalalise ngokwaso.
6Phofu ke akunani kwaintwana engephi, oyifumana wonwabile,
kunentabalala ezuzwa ngembulaleko kusukelwana nomoya.
7Kwakhona ndawabona amampunge alapha phantsi kwelanga:
8Nanko umntu ohlala yedwa, kungekho owesibini:
akananyana namntakwabo,
kodwa uxhabashile, uyasebenza engaphezi;
noxa kunjalo amehlo akhe akaneliswa bubutyebi bakhe.
Ude athi: “Ngubani endibulalekela yena,
ndide ndizivimbe ulonwabo kangaka?”
Ewe, nale into ngamampunge;
ngumzamo ophuthileyo!
Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima
9Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.
10Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa. 11Ewe, xa ababini belala ngangubo-nye abagodoli. Kodwa ke kunzima ukufudumala xa ulele wedwa. 12Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.
Izikhundla ngamampunge
13Endaweni yokumkani owalupheleyo osisityhakala esingeva nacebiso lilunge kanye igatyana lomfana olihlwempu xa enobulumko, 14nangona angade abe wazalelwa ebuhlwempini phantsi kwaloo kumkani. Ewe, usenokuphuma nasentolongweni abe ngukumkani alawule. 15Ndibone ukuba bonke abadla ubomi besihla benyuka apha phantsi kwelanga basuke bamlandela umfana lowo ungene esikhundleni sokumkani lowo walupheleyo. 16Ewe, baba baninzi kakhulu abantu abamlandelayo kangangokuba bangabi nakubalwa. Kambe ke sona isizukulwana esilandelayo asibi saba namdla kuye. Ngenene nale ke into ikwangamampunge nokusukelana nomoya.

Currently Selected:

AMAVA ENGQONDI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy