YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 34

34
Ukufa kukaMosis
1Ke kaloku uMosis wesuka kuloo mathafa aseMowabhi, wenyuka intaba iNebho, waya kutsho kuloo ncopho kuthiwa yiPisga imalunga neJeriko. Wathi elapho ke *uNdikhoyo wambonisa lonke elo lizwe: ummandla waseGiliyadi ukunyuka ukuya kutsho kwaDan; 2nawo wonke umhlaba wakwaNafetali; imimandla yakwaEfrayim nakwaManase, nowakwaJuda ukuya kuthi xhaxhe ngolwandle; 3ngokunjalo namazantsi akwaJuda; neso sithabazi samathafa ukusuka eZoware ukuya kuma ngeJeriko isixeko samasundu. 4UNdikhoyo wathi kuMosis: “Nanko ke umhlaba endathembisa ngawo ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi ndakuze ndiwunike abazukulwana babo. Ndifuna uwubone nje, kuba wena ngokwakho awuzukuya kungena kuwo.”
5Ngenene ke uMosis isicaka sikaNdikhoyo wafela apho kumhlaba waseMowabhi ngokomlomo kaNdikhoyo. 6UNdikhoyo wamngcwaba apho kwiintili zaseMowabhi malunga nedolophu iBhete-pehore. Kambe ke akukho bani uyazi ncam indawo elikuyo ingcwaba lakhe unanamhla. 7Ukufa kwakhe uMosis wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka, kodwa esomelele, engabikwa hlaba, namehlo akhe engekabi nalo norhatyazo. 8AmaSirayeli amzilela iintsuku ezimashumi mathathu apho kuloo mathafa aseMowabhi. Zaba ke zifezekile iintsuku zokuzila.
9UYoshuwa unyana kaNune wazaliswa bubulumko nokuqonda, kuba kaloku uMosis wambeka izandla emngenisa ezihlangwini zakhe. NamaSirayeli ke amthobela uYoshuwa, enza ngokwemiyalelo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo.
10KwaSirayeli ke akuphindanga kuvele *mshumayeli unjengoMosis, owazana noNdikhoyo ubuso ngobuso. 11Akukho mshumayeli wumbi wakha wenza imiqondiso nemimangaliso enjengaleyo uMosis wayethunywa nguNdikhoyo ukuba ayenze kwelaseJiputa kukumkani wakhona namaphakathi akhe, 12kungekho namshumayeli wakha wabonakalisa imisebenzi yamandla ngendlela erhwaqelisa njengaleyo wasebenza ngayo uMosis phakathi kwamaSirayeli jikelele.

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 34: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy