YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 25

25
1“Xa amaSirayeli amabini exabene, aza asana enkundleni, omnye wawo ke wafunyaniswa engenatyala, waza ke wagwetywa omnye lo; 2ukuba ugwetywe ikatsi, umgwebi makatsho acanjalaliswe. Inani lemivumbo yakhe loxhomekeka kwelo tyala alenzileyo. 3Angákatswa ukuya kwimivumbo emashumi mane, kodwa ke ingadluli apho. Kaloku xa inokuba ngaphezu kwaleyo wòba umthobile umwenu.
4“Xa usebenzisa inkabi yenkomo ekubhuleni ingqolowa, musa ukuyifaka isicheme.”
Uxanduva kwabazalanayo
5“Ukuba oonyana bomntu omnye bahlala mzini-mnye, aze omnye lo asweleke engenanyana, umhlolokazi lowo kamfi akufuneki athathwe ndoda yamzi wumbi; kaloku luxanduva lomntakwabo-mfi ukumthatha amenze umfazi. 6Ke unyana wokuqala abaya kumzala bobabini woba ngunyana kamfi, khon' ukuze umlibo wakhe ungatshitshi kwaSirayeli. 7Kambe ke ukuba umntakwabo-mfi lo akafuni kumthatha, umka-mfi makaye kuxelela amadoda amakhulu edolophu leyo, athi: ‘Umntakwabo-mfi akavumi kuwenza umsebenzi wakhe; uyala ukuvelisela umfi inzala phakathi kwamaSirayeli.’ 8Ke wona amadoda amakhulu aya kumbiza athethe naye.
“Ukuba ke uphikelela ukwala, 9umka-mfi lowo makaye kuye ekho namadoda amakhulu edolophu leyo, afike akhulule isihlangu sakhe, amtshicele ebusweni, athi: ‘Nantso ke into eyenziwayo kumntu ongafuniyo ukuvelisela umntakwabo inzala.’ 10Jikelele ke kwaSirayeli umzi wakhe uya kwaziwa njengomzi ondoda ikhululelwe isihlangu.”
Izilumkiso
11“Ukuba amadoda amabini ayalwa, aze umfazi wenye azame ukuncedisa indoda yakhe ngokubamba le ilwa nayo ngobudoda, 12sukumenzela nceba, mnqumle isandla.
13-14“Xa usebenzisa isilinganiso sukwenza buqhophololo mayela nobunzima nobungakanani. Izilinganiso zakho mazibe zezizizo ngalo lonke ixesha. 15Sisebenzise ngokunyaniseka isilinganiso, khon' ukuze uhlale ithuba elide kwelo lizwe akunika lona uNdikhoyo uThixo wakho. 16Kaloku banezothe kuNdikhoyo abantu abanobuqhophololo.
17“Ungaze uyilibale into enayenziwa ngama-Amaleki ngokuya nanivela eJiputa. 18Wona ahlangana nani nidiniwe, niphelelwe ngamandla, aza ababulala bonke abo baberhuqeka ngasemva. Kaloku ayengamoyiki uThixo. 19Ngoko ke akuba uNdikhoyo ekuhlangule kuzo zonke iintlanga ezikungqongileyo, waza wawuma umhlaba akunika wona ukuba ube lilifa lakho, uze uwabulale uwatshayele ama-Amaleki atsho alibaleke. Uyabona ke, uze ungaphazami!”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 25: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy