YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24

24
Ukuqhawulwa komtshato
1“Ukuba indoda ithathe umfazi, yaza kamva yakruquka nguye ngenxa yesizathu esithile, kufuneka imbhalele incwadi yokwahlukana, ize imnike, ibe ke iyamgxotha ngolo hlobo. 2Xa athe kamva waphinda wathathwa yenye indoda, 3yaza nayo yamala yambhalela incwadi yokwahlukana yamgxotha, okanye ke mhlawumbi le ndoda yakhe yesibini isuke yatshaba, 4laa ndoda yakhe yokuqala ayinalungelo lokuphinda imthathe. Kaloku ngoku *unomlaza. Xa ingasuka imthathe kwakhona yoba lisikizi elo *kuNdikhoyo. Ngoko ke elo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho ungaze *uligqwalise ngamasikizi anjalo.”
Ukubabonela abanye
5“Indoda esandula ukuthath' umfazi mayingaphumi nomkhosi. Nakuwo nawuphi na umsebenzi onjalo mayikhululeke ixesha elingangonyaka, khon' ukuze ihlale ekhaya yonwabe nomkayo.
6“Xa kukho into oyiboleke omnye umntu, sukumenza abambise ngelitye lakhe lokusila, nditsho nkqu imbokotho; kaloku ngolo hlobo loo mzi ungaba wohluthwe indlela yawo yokwenza ukutya.
7“Nawuphi na umntu oqweqwedise umSirayeli, waza wamenza ikhoboka lakhe, okanye wamthengisa ukuze abe likhoboka, makabulawe. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.
8“Xa kukho umntu ogula sisifo solúsu, yenza ngenyameko kanye ngokwemigqaliselo oyinikwa ngababingeleli; yenza ngokwemiyalelo endabanika yona. 9Yikhumbule into awayenzayo *uNdikhoyo uThixo wakho kuMiriyam ngokuya naniphuma kwelaseJiputa.
10“Xa kukho into oyiboleke umntu othile, sukungena endlwini yakhe xa uye kulanda impahla abambisa ngayo; 11linda phandle, ibe nguye oyizisayo. 12Ukuba lo mntu lihlwempu, le mpahla yakhe ke mayingalali kuwe, 13koko yibuyisele kuye ukutshona kwelanga, kuba uyayifuna ngexesha lokulala. Úya kuthamsanqeliswa ke nguloo mntu, nesenzo sakho sibe sesobulungisa emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakho.
14“Isicaka osiqeshileyo esisweleyo sukusiqhatha noba singumSirayeli okanye siyintlanga ehlala kwakwezo dolophu zenu. 15Yonke imihla ukutshona kwelanga mhlawule ngomsebenzi wakhe; kaloku loo mali uyayifuna, uqamele ngayo. Xa ungamhlawuli uya kukuxela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.
16“Abazali mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabantwana babo, nabantwana mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabazali babo; umntu makabulawe ngenxa yesono asenze ngokwakhe.
17“Uzungayigqwethi inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama. Xa umhlolokazi eboleke ulutho, sukuyithatha ingubo yakhe abambisa ngayo. 18Kaloku khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka eJiputa, waza ke uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula; yiloo nto ke ndikunika lo myalelo nje.
19“Ukuba ushiye isithungu sengqolowa entsimini xa uvunayo, sukuphinda usiphuthume; sesoba sesabangeneleli abahlala phakathi kwenu, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kuyo yonke into oyenzayo. 20Xa uvuna umnquma, sukubuya ukhwahlaze; lo useleyo woba ngowabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi. 21Ngokunjalo naxa uvuna idiliya sukukhwahlaza; leyo iseleyo yeyabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi. 22Mayingaze iphume engqondweni yakho into yokuba nawe wawukhe walikhoboka eJiputa; yiyo loo nto ke mna ndikuyala ngolu hlobo nje.

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy