YouVersion Logo
Search Icon

UAMOS 4

4
Abafazi baseSamariya
1Liphulaphuleni eli lizwi, bafazindini basezintabeni zaseSamariya,
zintondini ezityebe okweemazi zeenkomo zaseBhashan,
nina nicinezela iindwayi, niwaxhaphaze amahlwempu,
ezi zinto zithi kumadoda azo: “Thungani sisele!”
2Ifunge ubungcwele bayo iNkosi *uNdikhoyo, yathi:
“Seyinifikele imini yokuqweqwediswa kwenu nirhuqwa ngamagwegwe,
abantwana benu betsalwa ngomlobothi.
3Niya kukhutshwa ngeemfanta zeendonga ezilungelelene nani;
niya kulahlwa kweziya ntaba zaseHarmon.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
Iinkani zamaSirayeli
4“Yiyani eBhetele, none;
niye naseGiligali, nigabadele ukona;
nivuke mihla le nisondeze amadini;
nizise izishumi qho ngosuku lwesithathu!
5Zitshiseni izonka ezinegwele zibe ngumnikelo wombulelo,
nibhengeze iminikelo yenu yokuqhutywa yintliziyo,
nihambe niqhayisa ngaloo nto.
Nantso ke into enikholwa yiyo, nina maSirayeli.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
6“Ndanizisela indlala ezixekweni zenu zonke,
akwabikho nesuntswana eli lesonka emizini yenu,
kodwa anibuyelanga kum.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
7“Ndim ozise imbalela iinyanga ezintathu phambi kwesivuno,
ndanisa imvula kule dolophu, ndayishiya leya;
yanetha kule intsimi, enye ndayishiya ibharhile.
8Basuka kule dolophu baya kuleya abantu,
befuna amanzi okusela,
suka akabanela.
Kodwa phezu koko anibuyelanga kum.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
9“Ndahlisa ulophu olutshisayo nomngundane,
zazitsho zee waca izityalo nezidiliya zenu,
iinkumbi zawanqunqutha amakhiwane enu nemithi yeminquma.
Phezu koko anibuyelanga kum.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
10“Ndanihlisela isibetho esifana nesaseJiputa,
oonyana benu bawa ngekrele edabini
kunye namadoda akhwela amahashe.
Zanuka phu iikampu zenu liphunga lezidumbu zabo,
suka nina anabuyela kum.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
11“Abanye benu ndababhubhisa ngalaa ndlela ndabhubhisa iSodom neGomora ngayo.
Nina nasinda ngathi sisikhuni sixwilwe emlilweni,
kodwa anifuni kude nibuyele kum.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
12“Ke ngoko, Sirayeli, ndophinda ndikwenze konke oku.
Ke, njengoko ndiza kwenjenjalo,
zilungiseleleni, maSirayeli, ukuhlangana noThixo wenu.”
13Ulodala iintaba, adal' umoya,
ulozityhilayo iinjongo zakhe eluntwini,
ulojik' umsobomvu kuvel' urhatyazo,
ulonyathela imimango ephakamileyo yomhlaba,
nguNdikhoyo uThixo onamandla onke igama lakhe.

Currently Selected:

UAMOS 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy