YouVersion Logo
Search Icon

UAMOS 3

3
Isohlwayo sâbo bayimilowo kaNdikhoyo
1Liveni eli lizwi alibhekisa kuni *uNdikhoyo, bantu bakwaSirayeli,
kuni nalo lonke usapho lwakhe awalukhuphayo eJiputa:
2“Nini kuphela abantu endabanyulayo kwizizwe zonke zehlabathi;
yiyo ke loo nto ndiza kunohlwaya ngenxa yobugwenxa benu bonke.”
3Bakha bahamba kunye na ababini bengavani?
4Kanene, ikhe igqume ehlathini ingonyama ingenalo ixhoba?
Khona, ikhe irgargame ingonyama entsha esikhundleni sayo ingabambanga nto?
5Yona intaka ikhe ingene kwisabatha apho kungabekwanga mgibe khona?
Sona isigu khe sifane sibambise nje, kungekho nto ibanjiweyo?
6Kanene, khe kubekho intlaba-mkhosi ingabothusi abantu esixekweni?
Hee, khe kuvele ishwangusha esixekweni lingasuki kuNdikhoyo?
7Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo *abashumayeli.
8Yakugquma ingonyama, ngubani ongakhwankqiyo?
Yakuthetha iNkosi uNdikhoyo, ngubani ongalayo ukushumayela?
9Luvakalise olu daba kumabhotwe aseAshdode;
luxele nakumabhotwe aseJiputa, uthi:
“Buthelani ezintabeni zaseSamariya,
niye kubona imbudumbudu ekweso sixeko,
niyijonge ingcinezelo elapho.”
10Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Abo bantu abazani tu nobulungisa;
amabhotwe abo azele zizinto abazizuze ngobugebenga nangokuxhaphaza.”
11Yiyo ke loo nto iNkosi uNdikhoyo itshoyo ukuthi:
“Umhlaba wenu uza kurhawulwa ziintshaba,
zinaphule iimpondo,
zithimbe naloo mabhotwe enu.”
12Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Kuloo maSirayeli athe zava kwezo sofa zaseSamariya,
ehleli kwezo zihlalo zitofo-tofo,
kosinda nje imbinana,
ngathi yimilenze yegusha
okanye isijungqe sendlebe
efane yaxhwilwa ngumalusi emlonyeni wengonyama.”
13Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uThixo onamandla onke:
“Yivani, nize niyilumkise inzala kaYakobi.
14Kaloku ngaloo mini ndomohlwaya uSirayeli ngenxa yeziphoso zakhe,
ndiwadilize amaqonga aseBhetele,
nezo mpondo zawo ndizinqumle ziwe phantsi.
15Ndozichitha izindlu zasebusika nezasehlotyeni,
ndiwatsho abe ngamabhodlo loo mabhotwe ahonjiswe ngamabamba eendlovu,
aphele amapomakazi alapho.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

Currently Selected:

UAMOS 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy