YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 27

27
UPawulos usiwa eRoma ngenqanawa
1Kwakuba kugqityiwe ukuba sisiwe ngenqanawa eItali, uPawulos ekunye namanye amabanjwa banikelwa kuJuliyo, owayengumphathi-butho lomkhosi ekuthiwa libutho *likaKhesare. 2Sangena enqanaweni eyayivela eAdramita, iza kunduluka iye kwizikhululo-nqanawe zephondo laseAsiya, sahamba ngayo. Wayekunye nathi uAristarko waseTesalonika, ekummandla waseMakedoni. 3Sagaleleka eSidon ngemini elandelayo. UJuliyo wamphatha ngobubele uPawulos, wamvumela ukuba aye kubona abalingane bakhe, khon' ukuze bamtende. 4Sanduluka apho, sathi kuba umoya wawusityhala uvela ngaphambili, sahamba ngecala langasempuma yeSipro, elalingenamoya. 5Sacanda kulwandle olungaseKiliki nasePamfili, saya kungena eMira kummandla waseLikiya. 6Apho umphathi-butho wafumana inqanawa eyayiza kuya eItali, ivela eAlesandriya, sangena kuyo.
7Sahamba iintsuku icotha inqanawa, sada emva kokuhamba nzima kakhulu, saya kufika ngakwidolophu iKinido. Umoya awusivumelanga ukuba sihambe ngqo ngaloo ndlela, saza ke sehla ngecala elingenamoya elikumzantsi weKrete, saya kudlula ngaseSalimone. 8Salugudla unxweme, sihamba nzima, saya kungena kwindawo ekuthiwa ngamaChweba aMahle, eyayingekude kwidolophu iLaseya.
9Sahlala ixesha elide apho, kwada kwacaca ukuba koba yingozi ukuqhubela phambili ihambo yethu, kuba kwakusekudlule nomhla wamaJuda wozilo ekwindla. Ke ngoko uPawulos wenza esi silumkiso: 10“Madoda, ndibona ukuba luza kuba nengozi uhambo lwethu ukusuka apha. Umthwalo uza konakala kakhulu, nenqanawa yaphuke, kufe nabantu.” 11Kodwa umphathi-butho zange ayihoye le ntetho kaPawulos, wasuka weva into ethethwa ngumphathi woomatiloshe, nomnini-nqanawa. 12Isikhululo-nqanawa eso sasingàkulungele ukuba kungáchithwa ubusika kuso, lwaye uninzi lwamadoda lufuna ukuba kungenwe elwandle, kulingwe ukuya kufika eFenike, ukuba kwakunokwenzeka. Esi sikhululo-nqanawa saseKrete, siziwa ngumoya wasemzantsi-ntshona kunye novela emntla-ntshona, kwakunokuhlalwa kuso ebusika.
Uqhwithela elwandle
13Kwavela umoyana ngasezantsi, aza amadoda acinga ukuba angalilinga iqhinga lawo. Bayitsalela enqanaweni iankile, baza ke bayiqhuba inqanawa begudle unxweme lwaseKrete. 14Kodwa kwakamsinyane kwabakho umoyakazi ekuthiwa nguMntla-mpuma, uvela ngasesiqithini apho. 15Wayintlitha inqanawa; kwathi kuba yayingenakuqhutywa ijonge ngqo emoyeni inqanawa, asabi salinga, sasuka sayiyeka yadudulwa ngumoya. 16Safumana indawo esithileyo ukudlula kwethu emazantsi esiqithana iKhawuda. Salitsalela enqanaweni apho iphenyana kunzima. 17Oomatiloshe balibophelela, baza bayiqamangela ngentsontela inqanawa. Babesoyika ukuba bangaxinga enyeleni yonxweme xa bedlula ngaseLibhiya. Bayithoba ke iseyile ukuze inqanawa ityhalwe ngumoya. 18Lwavuthuza njalo uqhwithela, baza ngengomso baqala bawulahlela elwandle umthwalo. 19Kwathi ngolwesithathu usuku bazilahla ngezandla zabo iimpahla zenqanawa. 20Yaba ziintsuku ezininzi singenakulibona ilanga neenkwenkwezi, yaye uqhwithela lona lusitsho ukuvuthuza. Ekugqibeleni sancama ukuba singásinda.
21Emva kwexesha elide amadoda lawo engatyi, waphakama uPawulos wathi: “Madoda, ukuba nanindivile asemka eKrete, ngesiwuphephile wonke lo monakalo nale lahleko ingaka. 22Kodwa ke qinani, ndiyanibongoza! Kuba akukho bani uza kuphulukana nobomi bakhe; yinqanawa yodwa eza konakala. 23Kuba phezolo isithunywa sikaThixo, lo ndingowakhe ndimnqulayo, sifike kum, 24sathi: ‘Sukoyika, Pawulos! Uza kuma phambi *koKhesare. UThixo ngokulunga kwakhe uza kubasindisa bonke aba uhamba nabo.’ 25Ngoko ke, madoda, qinani; kuba ndimthembile uThixo ukuba uya kwenza njengoko andixeleleyo. 26Kodwa ke siya kududulwa siye kuphoswa kunxweme lwesiqithi esithile.”
27Yayibubusuku beshumi elinesine sidudulwa luqhwithela kuLwandle lweAdriya. Kwathi malunga phakathi kobusuku, oomatiloshe bakrokrela ukuba asikude emhlabeni. 28Baphosa intambo ebotshelelwe intsimbi emanzini, belinganisa ubunzulu bamanzi, baza bafumana ingamashumi amathathu anantandathu eemitha ubunzulu. Baphinda emva koko, baza bafumana amashumi amabini anesixhenxe eemitha. 29Bathi ngenxa yokuba besoyika ukuba isuke inqanawa yethu iphoseke ematyeni, bazithoba zane iiankile esinqeni senqanawa, sebelangazelela ukuba kuse. 30Oomatiloshe bazama ukuzímela, bathobela iphenyane emanzini, bezenza ngathi ba-ankila umphambili wenqanawa. 31Kodwa wathi uPawulos kumphathi-butho: “Ukuba oomatiloshe abahlali apha enqanaweni, aninakusinda.” 32Asuka ke amajoni azinqumla iintsontela ezazibambe iphenyane, laza lona lawa emanzini.
33Ekuseni uPawulos wabacenga ukuba batye, esithi: “Ngoku lishumi elinesine leentsuku nilindile, ningasafaki nento le etyiwayo emlonyeni. 34Ndiyanibongoza, yityani. Niya kuncedwa kukutya kule ngozi. Anisayi kulahlekelwa nalunwele olu.” 35Akuba etshilo uPawulos, wathatha isonka, wabulela kuThixo, watya phambi kwabo. 36Bomelezeka ke, baza bathatha ukutya, batya bonke. 37Sasingamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesithandathu sisonke. 38Bakuba betyile, bawuphungula umthwalo wenqanawa ngokuphosa ingqolowa elwandle.
Ukutshona kwenqanawa
39Kwakuba kusile oomatiloshe babona unxweme abangalunakananga kakuhle, kodwa baqaphela indawo enentlabathi, baza bazimisela ukuya kuyimisa khona inqanawa xa benako. 40Ngoko ke bazinqumla iiankile, zasala elwandle, kwangelo xesha linye bazikhulula neentsontela ezazibambe amaphini okugwedla. Bayiphakamisa iseyile ekumphambili wenqanawa, ukuze umoya uyiqhubele phambili elunxwemeni inqanawa. 41Kodwa inqanawa yasuka yabaleka yaya kungena endulini yesanti ephantsi kwamanzi; umphambili wenqanawa wagxumekeka apho waxinga awashukuma, isinqe senqanawa sona santlithwa saziingceba ngamaza alwayo.
42Amajoni wona aceba ukuwabulala amabanjwa, ukuze angadadi azimele. 43Kodwa umphathi wawo, efuna ukusindisa uPawulos, wawanqanda. Endaweni yaloo nto wathi amadoda akwaziyo ukudada makangene emanzini, adadele elunxwemeni; 44baze abaseleyo balandele, bedada ngamaplanga, nangezinye izinto ababenokuzifumana. Xa sisonke ke sasinda ngaloo ndlela, saya kufika elunxwemeni singenawo nomkrwelo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy