YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 21

21
UPawulos uya eJerusalem
1Sakwahlukana nabo, sangena enqanaweni, sahamba ngqo sada saya kufika eKos. Ngengomso sagaleleka eRodo, sasuka saya kutsho ePatara. 2Safumana inqanawa apho eyayisiya eFenike, saza sangena kuyo, sahamba ngayo. 3Sayithi ntlaa, sayishiya ngasekhohlo iSipro, sijonge eSiriya. Sehla enqanaweni eTire. Kaloku kwakulapho yayiza kothulwa khona umthwalo. 4Safika kukho amakholwa apho, saya kuhlala nawo iveki yonke. Ngokutyhilelwa nguMoya oyiNgcwele athi uPawulos makangayi eJerusalem. 5Kodwa lakufika ixesha lokumka, sayihamba indlela yethu. Basikhapha sada sangaphandle kwedolophu, bekunye nabafazi kwanabantwana babo. Saguqa elunxwemeni apho, sathandaza. 6Sahlukana ke, thina sangena enqanaweni, bona bagoduka.
7Ukusuka kwethu eTire, sahamba sada saya kufika eTolimayi. Apho sadibana namakholwa, sahlala nawo imini yonke. 8Kwakusa salishiya elo, saya kungena eKhesariya. Apho safikela emzini womvakalisi weendaba ezimnandi uFilipu, omnye walaa madoda asixhenxe awanyulwa eJerusalem. 9Wayeneentombi ezine ezingendanga ezaziluvakalisa udaba lweNkosi. 10Kuthe sekuntsuku silapho, kwafika umvakalisi-daba onguAgabho, evela kwaJuda. 11Ufike wathatha ibhanti kaPawulos, wazibopha ngayo iinyawo nezandla, wathi: “Uthi uMoya oyiNgcwele: ‘Umnini wale bhanti uya kubotshwa enjiwenje ngamaJuda eJerusalem, yaye aya kumnikela ezintlangeni.’ ”
12Sakuyiva le nto, samcenga uPawulos, sikunye namakholwa alapho, ukuba angayi eJerusalem. 13Kodwa wathi ukuphendula: “Nenza ntoni, nifuna ukundityhafisa nje ngezi nyembezi zenu? Andilungelanga kubotshwa kuphela eJerusalem; kwanokufa oku ndikulungele ngenxa yeNkosi uYesu.”
14Sancama ke, kuba singabanga nakumoyisa, sathi: “Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.”
15Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem. 16Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili.
UPawulos uhambela uYakobi
17Ekufikeni kwethu eJerusalem, amakholwa asamkela ngezandla ezishushu. 18Ngengomso sahamba noPawulos, saya kubona uYakobi. Nabo bonke abadala bebandla babekhona. 19Ebabulisile uPawulos, wabanika ingxelo epheleleyo ngezinto zonke uThixo awayezenzile ngaye phakathi kweentlanga. 20Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis. 21Evile ke ngawe ukuba wena ufundisa onke amaJuda ahlala kumazwe eentlanga, ukuba awulahle umthetho kaMosis. Futhi kuthiwa wena uthi makangabolùsi abantwana bawo, bangawalandeli namasiko esiJuda. 22Kunjalonje aza kuva ukuba ufikile. Uthi kungenziwa ntoni? 23Phulaphula ke, sikucebise! Apha kukho amadoda amane azibophe ngesifungo. 24Ngoko ke wena zibandakanye nawo, ungene *ekuhlanjululweni, uze uwahlawulele iindleko zawo, abe nako ukuzicheba iintloko zawo. Ngale ndlela ke wonke umntu uya kuqonda ukuba bubuxoki yonke le nto bayivileyo ngawe – ndaweni yaloo nto wena ngokwakho usawugcinile umthetho kaMosis. 25Kodwa zona iintlanga ezingamakholwa sasizibhalele ileta ngokwesigqibo sethu, sibayala ukuba bangakutyi ukutya kwedini, nanyama inegazi, nasilwanyana sikrwitshiweyo, futhi bazikhwebule ekurheletyeni.”
26Ke kaloku uPawulos wahlangana nawo loo madoda, waza ngengomso walenza kunye nawo isiko lokuhlanjululwa. Waza ke waya endlwini kaThixo ukuya kwenza amalungiselelo alo mcimbi, ngokukodwa malunga nomnikelo owawuya kufuneka ekupheleni kwexesha lentlambululo.
Ukubanjwa kukaPawulos
27Xa zaziza kuphela iintsuku ezisixhenxe *zentlambululo, amaJuda athile ephondo laseAsiya ambona uPawulos *esendlwini kaThixo. Avusa uqhushululu ebantwini, ambamba uPawulos, 28akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.” 29Babesitsho kuba babekhe bambona kaloku uTrofimo wase-Efese edolophini apho, ekunye noPawulos; ngoku ke babeba uPawulos umzise endlwini kaThixo.
30Yaba ludushe ke kuyo yonke idolophu; basuka indulumbane bonke abantu, bambamba uPawulos, bamqweqwedisela ngaphandle kwendlu kaThixo. Kwangoko bazivala iingcango. 31Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem. 32Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu. 33Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?” 34Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni. 35Baya kufika naye ezitepsini, kwanyanzeleka ukuba amthwale apho amajoni, ngenxa yesiphithi-phithi sabantu. 36Bonke babemlandela bekhwaza besithi: “Bulala!”
UPawulos uzama ukuzithethelela
37Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?”
Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike? 38Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?”
39Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.”
40Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi:

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy