YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 20

20
UPawulos eMakedoni nakwelamaGrike
1Lwakuba ludambile udushe olo, uPawulos wawahlanganisa amakholwa, wawanika amazwi enkuthazo nawokwahlukana. Waza wasuka apho wasinga kwelaseMakedoni. 2Watyhutyha loo mimandla, ehamba ethetha amazwi enkuthazo ebantwini. Wafika nakwelamaGrike, 3apho wahlala iinyanga ezintathu. Wathi xa alungiselela ukuya eSiriya, wabhaqa ukuba amaJuda amenzela iyelenqe, waza wabona ukuba makaphindele emva, acande kwelaseMakedoni. 4Nâba abâmkhapháyo: uSopatro unyana kaPiro waseBheriya, uAristarko noSekundo baseTesalonika, uGayo waseDerbhe noTimoti, kwanoTikiko noTrofimo baseAsiya. 5Basandulela baya kusilinda eTrowa. 6Emva kweSidlo seZonka ezingenaGwele sanduluka eFilipi ngesikhephe, saza emva kweentsuku ezintlanu sadibana nabo eTrowa, apho sachitha iveki khona.
Utyelelo lokugqibela lukaPawulos eTrowa
7Ngokuhlwa koMgqibelo sahlanganisana kwisidlo sobudlelwana. UPawulos wathetha nabo abantu, wolula kwada kwaphakathi kobusuku, kuba kaloku wayeza kuhamba ngomhla olandelayo. 8Intlanganiso leyo yayisegumbini eliphezulu apho kwakukho izibane ezininzi. 9Umfana ogama linguYutiko wayehleli efestileni, wada wozela walala, kuba uPawulos engayeki ukuthetha. Wothuleka apho kumngangatho wesithathu, waya kuwa emhlabeni, bamchola apho efile. 10UPawulos wehla waya kuye, wafika waziphosa phezu kwakhe, wamgona, wathi: “Sanukothuka, kuba akafanga, uhleli!” 11Waza ke uPawulos wenyuka waya egumbini eliphezulu, wafika wathatha isonka watya. UPawulos wathetha nabo kwada kwaphuma ilanga, waza ke wemka. 12Umfana lowo bagoduka naye ephilile, nabo bethuthuzelekile.
Uhambo lokusuka eTrowa ukuya eMileto
13Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni. 14Wathi akudibana nathi eAso, sahamba naye saya kufika eMitilene. 15Sasuka apho, saya kudlula malunga neKiyo ngosuku olulandelayo. Kwakhona ngemini elandelayo safika eSamo, saza ngengomso saya kufika eMileto. 16UPawulos wayegqibe ukuba angagqithi e-Efese, ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya. Wayengxamele ukuba usuku *lwePentekoste lumfikele eseJerusalem xa kunokwenzeka.
Intetho kaPawulos nabadala base-Efese
17Sathi xa siseMileto, uPawulos wathumela e-Efese, ukuba abadala bebandla baye kuye. 18Bakufika wathi kubo: “Nina ngokwenu niyayazi kakuhle indlela endahlala nani ngayo, ukusuka kwimini yokuqala endathi ndafika ngayo kweli phondo laseAsiya. 19Njengesicaka seNkosi, umsebenzi wam ndawenza ngentobeko ndisezinyembezini, nakumaxesha anzima ândifikeláyo ngenxa yamayelenqe amaJuda. 20Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu. 21KumaJuda nasezintlangeni ndazingisa ukubalumkisa abantu ukuba baguqukele kuThixo beyivuma iNkosi yethu uYesu. 22Ngoku ke ngokuthundezwa nguMoya oyiNgcwele ndiya eJerusalem, ndingayazi into eya kundihlela khona. 23Ndazi nto-nye, le yokuba kuzo zonke iidolophu uMoya oyiNgcwele undilumkisile ukuba ndilindelwe yintolongo neenkxwaleko. 24Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
25“Ndijikelezile phakathi kwenu, ndivakalisa ngolawulo lukaThixo kuni. Ibe ngoku ndazi kakuhle ukuba akukho bani kuni uya kuphinda andibone. 26Ngokunjalo ndingqina ndiqinisekile ngayo le mini ukuba xa kuthe kwakho umntu olahlekayo apha kuni, ndimsulwa mna, 27kuba andizange ndifihle nto – ndalivakalisa njengoko linjalo icebo likaThixo kuni. 28Zilumkeleni nina ngokwenu, niwulumkele nawo umhlambi athe uMoya oyiNgcwele wanibeka phezu kwawo. Yibani ngabelúsi bebandla likaThixo, athe walizuza ngegazi lowakhe uNyana. 29Kuba ndiyazi ukuba ndakumka, kuya kuvela kwalapha kuni iingcuka eziqwengayo, ezingayi kuba nanceba ngomhlambi lo. 30Kwalapha kuni kuya kubakho amadoda agqwetha inyaniso, enenjongo yokuwalahlekisa amakholwa. 31Lumkani ngoko, nikhumbule ukuba imini nobusuku ndaniluleka nonke ngabanye, ndisezinyembezini, ithuba leminyaka emithathu.
32“Ngoko ke ndiyambongoza uThixo ukuba makanikhusele. Uya kunakha ngodaba lwesisa sakhe, olunamandla okunenza nilixhamle ilifa kunye nabo bonke abantu bakhe. 33Andizange ndinqwenele mali nampahla yamntu. 34Kaloku nazi mhlophe ukuba ndasebenza ngezi zandla zam, ndizixhasa kuzo zonke iintswelo zam kwanezamahlakani am. 35Ndinibonisile ngeendlela zonke ukuba sifanele ukusebenza nzima, ukuze sincede nabo bahluphekileyo, siwakhumbula amazwi eNkosi athi: ‘Kuluyolo ukupha ngaphezu kokuphiwa.’ ”
36Akuwagqiba la mazwi uPawulos, waguqa nabo bonke, wathandaza. 37Bathi besithi ndlela-ntle kuye, baye bengenakuzibamba bengqukruleka. Babemgona ngokwesiko labo. 38Babehlatyaniselwe ngokukodwa ngamazwi awawathetháyo esithi abayi kuphinda bambone. Baza ke bamkhapha, baya naye enqanaweni.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy