YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 16

16
UTimoti uhamba noPawulos noSilas
1UPawulos waya eDerbhe naseListra. Apho kwakukho ikholwa eligama linguTimoti, onina wayekwalikholwa, engumJudakazi, uyise yena engumGrike. 2Onke amakholwa aseListra naseIkoniyo ayemazi ngesimilo esihle uTimoti. 3UPawulos wafuna ukuhamba noTimoti, ngoko ke wamolùsa kuqala, kuba onke amaJuda aloo mmandla ayesazi ukuba uyise wayengolukanga. 4Ekuzityhutyheni kwabo ezo dolophu, amakholwa bawazisa ngesigqibo *sabathunywa nabadala eJerusalem. 5Aza ke amabandla omelezeka elukholweni, anda nangamanani imihla ngemihla.
UPawulos ubizelwa eMakedoni
6Xa babekwingingqi yaseFrigi naseGalati, uMoya oyiNgcwele wabalela ukuba balishumayele ilizwi eAsiya. 7Bakufika emdeni waseMisi, bazama ukungena eBhitini, kodwa nakhona uMoya kaYesu akabavumelanga. 8Ngoko ke bacanda eMisi, behla baya eTrowa. 9Xa babelapho ke, ebusuku uPawulos wabona umbono. Indoda yaseMakedoni yayimile imcenga isithi: “Yiza apha eMakedoni, uzokusinceda.” 10Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho.
Ukuguquka kukaLidiya
11Semka ngesikhephe eTrowa, sahamba ngqo sacanda sijonge eSamotraki, saza ngengomso sangena eNapoli. 12Sakusuka apho, saya kutsho eFilipi, idolophu yokuqala kwisithili saseMakedoni, eyayilithânga laseRoma. Sakhe sahlala iintsukwana apho kuloo dolophu. 13*NgoMhla wokuPhumla saphuma edolophini, saya ngasemlanjeni, apho sasiba koba kukho indawo athandazela kuyo amaJuda. Sahlala phantsi, sancokola namakhosikazi awayebuthe apho. 14Enye yawo eyayisiphulaphule nguLidiya waseTiyatire, owayengumthengisi weempahla ezimsobo zexabiso. Wayeyintokazi eyayimhlonela uThixo, yaza ke iNkosi yayibaza ingqondo ukuba izigqale izinto ezazithethwa nguPawulos. 15Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.
UPawulos noSilas entolongweni yaseFilipi
16Ngamhla uthile xa sasisiya kwindawo yokuthandaza, sahlangana nentombi eyayilikhoboka. Yayinamafufunyana. Yayibenzela imali eninzi ke abanikaziyo ngokuchazela abantu izinto eziza kubehlela. 17Yasilandela sinoPawulos, ikhwaza isithi: “La madoda angabakhonzi bakaThixo uPhezukonke. Anishumayeza indlela eningásindiswa ngayo.” 18Yaqhuba iintsuku ezininzi iyenza le nto, yada yamthukuthezela uPawulos, wajika wathi kuloo moya: “Ngengunya legama likaYesu Krestu ndithi: ‘Phuma kule ntombi.’ ” Aphuma kwangoko amafufunyana.
19Bakuphawula abanikaziyo ukuba ayisekho indlela yokwenza imali ngale ntombi, babagxavula ooPawulos noSilas, babarhuqela kwinkundla yamatyala eyayisebaleni lembutho. 20Babamangalela kwabasemagunyeni, besithi: “La madoda angamaJuda, yaye adala isidubedube apha edolophini yethu. 21Afundisa imikhwa enxamnye nomthetho wethu. Thina singamaRoma, asinakuyamkela loo mikhwa.” 22Nesihlwele sangenelela ekubahlaseleni.
Zaza iziphathamandla zathi mazikrazulwe izambatho zikaPawulos noSilas, babethwe nokubethwa. 23Bakuba bebethwe kanobom, bavalelwa entolongweni. Wayalelwa nojela ukuba abatshixele abagcine ngokunqabileyo. 24Ewufumene umyalelo lowo, ujela wabatshixela kwelingaphakathi igumbi, wabakhonkxa iinyawo ngezikhuni.
25Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva. 26Ngesaquphe kwabakho inyikima eyashukumisa izisekelo zentolongo. Zatsho zavuleka zonke iingcango, namatyathanga akhululeka kumabanjwa. 27Evukile ujela, wabona iingcango zentolongo zivulekile, wacinga ukuba abalekile amabanjwa onke; waza warhola ikrele lakhe, eza kuzibulala. 28Kuthe kusenjalo wamemeza uPawulos esithi: “Mus' ukuzenzakalisa, kuba sisaphelele!”
29Ujela lowo wathi makuziwe nesibane, waza engcangcazela enjalo wangena wawa ezinyaweni zikaPawulos noSilas. 30Wabakhuphela phandle, wabuza wathi: “Bahlekazi, ndingenza ntoni ukuze ndisinde?”
Bona baphendula bathi: 31“Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.” 32Bamchazela ke yena nabo bonke ababesendlwini yakhe ngodaba lweNkosi. 33Ngaloo yure kanye yobusuku ujela wabathatha, wahlamba amanxeba abo; waza wabhaptizwa kunye nosapho lwakhe kwangoko. 34Waya nabo endlwini yakhe ooPawulos noSilas, wabapha ukutya. Yena nosapho lwakhe bazaliswa luvuyo ngenxa yokuba bezinikele kuThixo.
35Ngentsasa elandelayo abasemagunyeni bathumela amagosa abo, besithi: “Wakhululeni loo madoda.” 36Ujela ke wamxelela uPawulos ukuba iziphathamandla zithumele umyalelo wokuba yena noSilas bangákhululwa. Ngoko ke bakhululekile bangáhamba ngoxolo.
37Kodwa waphendula uPawulos wathi kumagosa lawo: “Hayi kaloku, sikatswe esidlangalaleni, nakuba singakhange sibekwe tyala, ibe futhi singabemi abangamaRoma! Ngaphezu koko sivalelwe entolongweni. Bangathini ke ngoku ukusikhulula bucala? Hayi bo! Ayinakwenzeka loo nto! Abasemagunyeni mabeze kusikhulula ngokwabo.”
38Amagosa lawo aya kuwaxela la mazwi kwiziphathamandla, ezathi zakuva ukuba uPawulos noSilas ngabemi abangamaRoma, zoyika kakhulu. 39Ngoko ke zaya kubo, zacela uxolo, zabacenga ukuba bahambe, zabakhupha ke bemka. 40UPawulos noSilas bayishiya ke intolongo leyo, baya kwaLidiya. Apho ke bahlangana namakholwa, baza bathi, bakuba bewakhuthazile, bemka.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy