YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 11

11
Ingxelo kaPetros ebandleni laseJerusalem
1*Abathunywa namakholwa akulo lonke elakwaJuda, eva ukuba iintlanga nazo zilamkele ilizwi likaThixo. 2Akubuyela eJerusalem uPetros, amaJuda angamakholwa amgxeka esithi: 3“Wena ubulundwendwe lwabantu abangolukiyo ngokwesiko likaMosis, usitya nokutya nabo.”
4Ke yena uPetros wabanika inkcazelo ezeleyo, esusela ekuqaleni kwento eyehlayo. Wathi: 5“Ndathi ndiseJopa, ndithandaza ndabona umbono. Ndabona kusihla into engathi lilaphu elikhulu, lithotywa ngamasondo omane ezulwini, yaza kuthi ngxingxilili ngakum. 6Ndaqwalasela ngaphakathi kuyo, ndabona izilo nezilwanyana, iinyoka neentaka zasendle. 7Ndeva ilizwi lisithi kum: ‘Vuka, xhela utye, Petros.’ 8Kodwa mna ndithe: ‘Nkosi, unotshe! Andizanga ndikufake kowam umlomo ukutya okungatyiwayo.’ 9Kwakho lathi ilizwi elo: ‘Musa ukuthi ayityiwa nayiphi na into uThixo athi iyatyiwa.’ 10Le nto yenzeka kwada kwakathathu, kwathi ekugqibeleni labuyiselwa kwasezulwini elo laphu. 11Ngaloo mzuzu kanye, nako kufika kuloo mzi ndandihlala kuwo, amadoda amathathu awayethunywe kum, evela eKhesariya. 12UMoya oyiNgcwele wathi mandihambe nawo loo madoda, ndingathingazi. Naloo makholwa mathandathu aseJopa aya kunye nam eKhesariya, safikela kwaKorneli sisonke. 13UKorneli wasixelela ngombono wakhe, apho isithunywa sezulu safika sathi kuye makathumele umntu eJopa, aye kubiza umfo ogama linguSimon Petros, 14sisithi nguye oya kubazisa indlela abaya kusindiswa ngayo yena nosapho lwakhe. 15Ndithe ke ndakushumayela wehla kwangoko uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, njengoko wehlayo nakuthi kuqala. 16Ndatsho ndacinga ngamazwi âthethwa yiNkosi xa yayisithi: ‘UYohane wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina niza kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.’ 17Kucace gcaa ukuba uThixo ezaa ntlanga uzinike kanye esiya sipho wasinika sona thina siyamkeleyo iNkosi uYesu Krestu. Bendingubani na ke mna ukuba ndingáde ndime phambi kwentando kaThixo?”
18Yabanelisa le ngxelo, baza bamdumisa uThixo, ngokuba kuthe kanti neentlanga ezi uThixo uyazinika ithuba lokuguquka, ukuze zidle ubomi.
Ibandla eAntiyokwe
19Abakholwayo basarhazwa yintshutshiso yethuba lokufa kukaStefano. Abanye baphaphatheka, baya kutsho eFenike, eSipro, naseAntiyokwe. Babeluvakalisa udaba lweNkosi kumaJuda kuphela. 20Kodwa abanye bamakholwa, amadoda aphuma eSipro naseKirene, aya eAntiyokwe, aluvakalisa udaba nakwiintlanga ezintetho isisiGrike, ezishumayeza iindaba ezimnandi ezingeNkosi uYesu. 21Amandla eNkosi ayewafukamele loo madoda, laza iqela elikhulu labantu lazinikela eNkosini.
22Le nto yenzekileyo ngabo yaya kuvakala nakwibandla laseJerusalem, laza lathumela uBharnabha eAntiyokwe. 23Akuba efikile khona, wabubona ububele bukaThixo ebantwini; waza wavuya wabalúleka bonke ukuba bathembeke, banyaniseke eNkosini ngeentliziyo zabo zonke. 24UBharnabha wayeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo.
Abantu abaninzi bazinikela eNkosini, 25waza ke ngoko uBharnabha waya kukhangela uSawule eTarso. 26Akumfumana, waya naye eAntiyokwe. Yaba ngunyaka wonke aba babini behlala phakathi kwebandla elo, baza baqeqesha iqela elikhulu. Kwakulapha eAntiyokwe apho abalandeli bakaYesu baqala ukubizwa ngokuba ngamaKrestu.
27Ngelo xesha kwesuka *abashumayeli abathile eJerusalem baya eAntiyokwe. 28Omnye wabo ogama linguAgabho, ezele nguMoya oyiNgcwele, wayixela kwangaphambili indlala eyayiza kubakho kuwo wonke umhlaba. Yona ke yafika ngexesha *likaKhesare Klawudiyo. 29AmaKrestu agqiba ekubeni ulowo nalowo kuwo makaqwebele inkxaso yamakholwa akwelakwaJuda kangangoko anako. 30Le nto ke bayenza, baza ke imali leyo bayithumela kubadala bebandla ngoBharnabha noSawule.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy