YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos – *endingumthunywa kaKrestu Yesu, ngokuthanda kukaThixo – kunye noTimoti uwethu. Sibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, nemilowo yakhe yonke kwelaseAkaya, sisithi: 2Wanga uThixo uBawo wethu, kunye neNkosi uYesu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.
UPawulos ubulela uThixo
3Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. 4Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye. 5Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu. 6Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu. 7Ithemba lethu ngani aligungqi, kuba siyazi ukuba njengoko nidlelana nathi nje ngeembandezelo, nikwadlelana nathi nangothuthuzelo esilufumana kuThixo.
8Mawethu, sifuna niziqonde into eziyiyo iinzima esazifumana kwiphondo laseAsiya. Sasithwele ubunzima apho, sada saphants' ukulilahla ithemba lokuphila. 9Sasesilibona lijinga phezu kwethu ithunzi lokufa. Loo nto yasifundisa ukuthembela kuThixo ovusa abafileyo, singazithembi thina. 10Wasikhulula kwezo ngxingongo zokufa, yaye usasikhulula nangoku. Ewe, aligungqi ithemba lethu lokuba usaza kusikhulula nangomso, 11njengoko nani nisixhasa ngokusithandazela. Ngoko ke ngenxa yobuninzi babantu abasithandazelayo, boba baninzi nabambulelayo uThixo ngenxa yesisa sakhe kuthi.
UPawulos urhoxisa utyelelo lwakhe
12Ibhongo lethu linye ngani: lelokuba asinasazela nganto ngokuziphatha kwethu phakathi kwabantu behlabathi, ingakumbi ke phakathi kwenu. Besinyanisekile, singahanahanisi. Besingenamaqhinga, koko besilawulwa sisisa sikaThixo. 13Sinibhalela ezo zinto ninokuzifunda niziqonde. Kwaye ke ngumnqweno wam ukuba ezi zinto niziqonda nganxanye 14nide niziqonde ngokupheleleyo. Kaloku noba nebhongo ngathi kwanjengoko nathi siya kuba nebhongo ngani ngeMini yeNkosi uYesu.
15Kangangokuba ndandiqinisekile ngalo mbandela ndazimisela ukuba ndinityelele, ukuze nina nibe sethamsanqeni lokuba ndinihambele kabini. 16Kaloku ndandizimisele ukuba ndinityelele kabini, xa ndiyayo naxa ndibuyayo eMakedoni, nize ke nina nindisize kuhambo lwam oluya kwelakwaJuda. 17Ngaba ke ndafana ndasijika nje esi sicwangciso? Ngaba xa ndicwangcisayo ndenza nje ngokuzithandela, ndilungele ukuthi ewe okanye hayi ngokuthanda kwam? 18Njengokuba uThixo enyanisekile, umlomo wam kuni wawungenguye uewe nohayi ombaxa. 19UNyana kaThixo, uYesu Krestu lo washunyayelwa kuni nguSilas noTimoti nam, akathi ewe-hayi, hayi-ewe, ngaxesha-nye. Endaweni yaloo nto unguewe kaThixo. 20Unguewe kaThixo kuzo zonke izithembiso zakhe. Yiyo ke loo nto simdumisa uThixo sisithi “*Amen” ngaye uYesu Krestu. 21-22NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.
23UThixo uyandingqinela ukuba isizathu sokuba ndingezi eKorinte yayikukwazelelela nina. 24Andifuni ukunintlokothisa elukholweni. Ndiyasebenzisana nani ukuze nonwabe, lube ke phofu nokholo lwenu aluhexi.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy