YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 8

8
Uloyiso lukaDavide ezimfazweni
(1 Gan 18:1-17)
1Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya, wawoyisa, wabuhlutha ubukhosi esandleni sawo.
2Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi. Uwalalise phantsi emhlabeni, wathatha intambo, wawalinganisa ngayo, isibini sobude bawo wasibulala, ke sona esesithathu sisonke wasiyeka saphila. AmaMowabhi aba phantsi kukaDavide ke, amnika imirhumo.
3Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi, xa kanye wayezama ukubuyisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati. 4UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.
5Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo. 6Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo konke apho ahamba khona. 7UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayengawamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem. 8Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neBherotayi ukumkani uDavide wathimba intaphane yobhedu.
9Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyi iindaba zokoyiswa komkhosi kaHadadizere nguDavide. 10Wandulula unyana wakhe uYoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyi. UYoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.
11Ezo zipho uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo nangesiliva negolide awayeyithimbe kwizizwe zonke azoyisileyo: 12ama-Aram, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, kunye nama-Amaleki. Wanikezela nangamaxhoba awawathimba kukumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi.
13UDavide wazenzela igama ukubuya kwakhe emva kokubulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyiwa. 14Wamisa amabutho akhe kulo lonke elase-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.
Amagosa kaDavide
15Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe. 16UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku. 17Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uSeraya yena engunobhala. 18UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengabacebisi bakakumkani.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy