YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 7

7
Isithembiso sikaThixo kuDavide
(1 Gan 17:1-15)
1Akuba ukumkani ezinzile kwikomkhulu lakhe, *noNdikhoyo emnike ukuphumla kuzo zonke iintshaba ezimnqongileyo, 2wathetha *nomshumayeli uNatan wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi kaThixo ihlala nje ententeni!”
3UNatan wathi kukumkani: “Nantoni na oyicingayo qhubela phambili uyenze, kuba uNdikhoyo unawe.”
4Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 5“Hamba, uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ngaba iya kuba nguwe na ondakhela indlu endiya kuhlala kuyo? 6Ukususela mhla ndawakhupha eJiputa amaSirayeli, kude kube namhlanje, andizange ndihlale endlwini; bendisoloko ndihamba-hamba ndihlala ententeni, nditsho kanye umnquba. 7Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’
8“Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli. 9Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni. 10Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini na. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili, 11ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kukwenza uphumle kuzo zonke iintshaba zakho.
“ ‘UNdikhoyo utsho kuwe ukuthi nguye ngokwakhe oya kuyizinzisa indlu yakho. 12Yakuphela imihla yakho, xa sewuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho oyinyama negazi lakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe. 13Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam, ndiluzinzise ulawulo lombuso wakhe ngonaphakade. 14Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam, xa onile abantu ndiya kubenza intonga endimohlwaya ngabo nemivumbo endimbetha ngabo. 15Inceba yam ayisayi kuze ishenxe kuye njengokuba ndênjenjalo kuSawule endamsusa esihlalweni ukuze kungene wena. 16Indlu yakho ndiya kuyizinzisa, ubukumkani bakho buhlale buhleli, ulawulo lwakho luhlale ngonaphakade.’ ”
17Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.
Umthandazo kaDavide
(1 Gan 17:16-27)
18Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Nkosi yam Ndikhoyo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku? 19Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?
20“Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Nkosi yam Ndikhoyo? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho. 21Ngenxa yelizwi lakho nangokokuthanda kwakho wenze le nto inkulu kangaka, ngenxa yesithembiso nobubele bakho, waza wayazisa kwisicaka sakho.
22“Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe. 23Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze azenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha kunye *noothixo bazo, khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa. 24Ubazinzisile abantu bakho amaSirayeli, wabenza bangabakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.
25“Ngoku ke, Thixo Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso mawusigcine ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho 26ukuze igama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo onamandla onke nguThixo kaSirayeli.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.
27“Nguwe kaloku, Ndikhoyo onamandla onke, Thixo wakwaSirayeli, ondityhilele ezi zinto mna sicaka sakho. Nguwe othe: ‘Indlu yakho ndiza kuyakha.’ Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokwenza kuwe lo mthandazo. 28Nkosi yam Ndikhoyo, wena unguThixo, yaye amazwi akho athembekile. Isicaka sakho usenzele esi sithembiso sihle kangakanana. 29Ndiyakubongoza ke, yithamsanqele indlu yesicaka sakho, ize ihlale ikukhonza njalo. Kaloku, Ndikhoyo, Nkosi yam, kutsho wena ukuba indlu yesicaka sakho uya kuhlala uyithamsanqela ngonaphakade.”

Currently Selected:

2 KASAMWELI 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy