YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 23

23
Umyolelo kaDavide
1Nanku ke umyolelo kaDavide:
Utsho uDavide unyana kaJese,
itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,
umthanjiswa kaThixo kaYakobi,
iciko leengoma kwaSirayeli.
2UMoya *kaNdikhoyo uthetha ngomlomo wam;
ilizwi lakhe lisencakameni yolwimi lwam.
3Uthethile uThixo kaSirayeli;
iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi:
“Lowo kumkani ulawula ngobulungisa,
lowo ulawula esoyika uThixo,
4uqaqamba ngokwelanga ngomsobomvu ngentsasa engenamafu,
lona liqaqambis' umhlaba emva kwemvula,
lintshulise ingca emhlabeni.”
5UThixo ukuzinzisile ukulawula kwenzala yam,
kub' undenzel' umnqophis' ongasoz' ujike,
umnqophis' ongayi kwaphulwa,
dinga elingagugiyo.
Uya kuluphumelelisa usindiso lwam,
awufezekise wonke umnqweno wam.
6Kodwa amatshijolo ngamev' alahliweyo;
ziinkuni ezingathezwayo ngokuhlaba.
7Wona abanjwa ngesixhobo sentsimbi,
okanye atyhalwe ngomphini womkhonto,
atshiselwe kuloo ndawo akuyo.
Amagorha kaDavide
(1 Gan 11:10-41)
8Ngawo la amagama amagorha omkhosi kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon kuqala, owayeyinkokheli yamagorha amathathu. Walwa namakhulu asibhozo amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.
9Olandelayo nguElazare unyana kaDodo umAhoyi. Engomnye wamagorha amathathu nje, yena wayekunye noDavide xa bacela umngeni kumaFilistiya awayeze edabini. Abuya umva amaSirayeli, 10kodwa yena wangena kuwo amaFilistiya, wabetha sada isandla sakhe sagogeka yinkantsi, watsho akabi nako ukuliyeka ikrele lakhe. *UNdikhoyo watshatshela edabini loo mini. Igalelo labalandeli bakaElazare kwelo dabi yaba kukuthimba impahla yabawileyo.
11Olandelayo nguShama unyana ka-Age waseHarari. Waqubisana namaFilistiya eLehi ngasentsimini yeentlumayo. Abaleka amaSirayeli, 12wema yena uShama, walwa ekhusela loo ntsimi, afa amaFilistiya, watshatshela uNdikhoyo.
13Kwakha kwathi kanye xa kusondela ixesha lokuvuna, kwasuka isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide, saya kuye kumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise ngakwintili yamaRafa. 14Ngelo xesha uDavide wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem. 15UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.” 16Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni eBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi: 17“Andinakuze ndiwasele la manzi, Ndikhoyo. Loo nto ingafana nqwa nokusela igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.
Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.
18UAbhishayi, umntakwabo-Jowabhi, onina unguZeruya, yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu, wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu. 19Ewe, waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywanga kuloo magorha mathathu.
20Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama. 21Wabulala nesigantsontso somJiputa ophethe umkhonto. UBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa. 22Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu. 23Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
24Kuloo magorha angamashumi amathathu kwakukho aba:
YayinguAsayeli umntakwabo-Jowabhi,
uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
25uShama waseHarodi,
uElikana waseHarodi,
26uHeleze wasePeleti,
kunye noIra unyana kaIkeshe waseTekowa.
27Wayelapho uAbhiyezere waseAnatoti,
noMebhunayi waseHusha,
28uZalmon waseAhoyi,
kwakunye noMaharayi waseNetofa,
29uHelebhe unyana kaBhana waseNetofa,
noItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin.
30Wayelapho uBhenaya wasePiraton,
uHidayi wamaxandeka aseGahashe,
31kunye noAbhiyalebhon waseBhete-arabha,
uAzemavete waseBhawurim,
32noEliyabha waseShalebhon.
Zazilapho iinto zikaYashene,
noJonatan 33unyana kaShama waseHarari,
kunye noAhiyam unyana kaSharare waseHarari,
34uElifelete, unyana ka-Ahasebhayi waseMahaka,
uEliyam unyana ka-Ahitofele waseGilo,
35uHezero waseKarmele,
uParayi waseArbhi,
36uIgali unyana kaNatan waseZobha,
uBhani wakwaGadi,
37uZeleki umAmon,
noNaharayi waseBheroti umphathi-zikrweqe zikaJowabhi, unyana kaZeruya.
38Wayelapho uIra waseItri,
noGarebhe waseItri,
39kunye noUriya umHeti.
Babengamashumi mathathu anesixhenxe xa bebonke.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy