YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 22

22
Ingoma kaDavide yoloyiso
(Ndum 18)
1UDavide wabhekisa lo mhobe *kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nasesandleni sikaSawule. 2Wathi:
NguNdikhoyo iliwa lam;
nguye inqaba yam;
nguye umkhuseli wam.
3Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
Nguye ikhaka lam;
nguye ondigcina ndifihlakele.
Nguye inqaba yam ephakamileyo;
nguye isikhundla sam sokuzimela.
Mhlanguli wam, nguwe ondisindisayo kumadoda anogonyamelo.
4Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,
asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.
Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!
5Bendintlithwa ngamaza abulalayo,
amaza arhaxayo endigubungele.
6Ukufa bekundirhangqile,
ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.
7Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo;
ewe, ndabiza kuThixo wam.
Wandiva engqendeve kwibhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam.
8Suka wagungqa wanyikima umhlaba,
isibhakabhaka sangcangcazela,
kuba uThixo wayenomsindo.
9Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,
walephuza amadangatye ngomlomo,
kuliqika amalahle avuthayo.
10Wasikrazula isibhakabhaka
wehla engqendeve phezu kwelifu elimnyama.
11Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko,
itshebeleza ngesantya emoyeni.
12Wayethiwe gqume sisithokothoko,
kumnyama thsu;
engqingwe ziingqimba zamafu anemvula,
13kutshawuza imibane ngaphambi kwakhe,
kunga kuvutha amalahle.
14Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,
lavakala ilizwi loPhezukonke.
15Wadubula ngeentolo zakhe,
zee qhu saa iintshaba,
eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.
16Watsho zoma qoko iilwandle,
kwatsho kwavela nezisekelo zelizwe,
akukhalima yena uNdikhoyo,
egragramela iintshaba enomsindo.
17Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,
wandihlangula kumanzi enzonzobila.
18Wandihlangula kwiintshaba zam
nakwabo bandichasayo, bendivuyelela.
19Bandihlasela ndisengxingweni,
wandikhusela yena uNdikhoyo.
20Wandihlangula ndisengozini,
wandisindisa kuba ekholisekile ndim.
21Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;
wandithamsanqela kuba ndimsulwa.
22Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;
andimfulathelanga uThixo wam.
23Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;
andayaphula imithetho yakhe.
24Uyandazi ukuba andonanga;
ndiyazilumla ekwenzeni ububi.
25Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;
uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.
26Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;
ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
27Umsulwa kwabo bamsulwa;
uchasene nabo bangamatshijolo.
28Ungumsindisi wabathobekileyo,
obabone benekratshi ubathobe.
29Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;
nguwe ondigxothela ubumnyama.
30Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,
ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.
31Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.
32NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo;
33ewe, nguThixo oyinqaba yam;
nguye oyenza iphumelele indlela yam.
34Undicondobisa kuhle njengenxala,
andichankcathise emaweni ndingatyibiliki.
35Undiqhelisa ukulwa edabini,
andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.
36Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
37Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.
38Ndizisukela ndizoyise iintshaba zam;
andijiki ndide ndizitshabalalise.
39Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,
ziqungquluze apha phambi kwam.
40Undinika amandla edabini,
undoyisele iintshaba zam.
41Ziyandoyika iintshaba zam;
abandithiyileyo ndibatshabalalisile.
42Ziba ngafuna uncedo zingancedwa bani;
ziba ngazibika kuNdikhoyo angaphenduli.
43Mna ndizicumza zibe njengothuli,
ndizinyhashe okodaka endleleni.
44Wena wandihlangula ekuvukelweni ngamawethu,
walimisa igunya lam elizweni,
ndada ndaphatha nabo bendingabazi.
45Ndikhahlelwa nangabasemzini abantu;
bayandithobela bakuwuva umthetho wam.
46Baphuma kwiinqaba zabo begubha,
bephelelwe sisibindi xa bebonke.
47Huntshuu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!
Mawubongwe wena mkhuseli wam,
Thixo ongumhlanguli wam!
48Wena undoyisela iintshaba zam;
wena ugoba iintlanga zindikhahlele;
49wena undihlangula kwabandichasayo!
Ewe, undoyisele iintshaba zam,
wandikhusela kubaphalazi-gazi.
50Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,
ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.
51NguThixo omnika uloyiso ukumkani,
amenzele izibele umthanjiswa wakhe,
uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy