YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 20

20
UShebha uvukela ukumkani uDavide
1Apho eGiligali kwakukho itshijolo elithile lomfo ogama linguShebha, unyana kaBhikri wesizwe sakwaBhenjamin. Wasuka wabetha isigodlo sakhe, wamemelela esithi: “Asinasahlulo kuDavide, singenalifa kunyana kaJese. Elowo makaye endlwini yakhe, maSirayeli!”
2Ke onke amadoda akwaSirayeli amshiya uDavide, alandela uShebha unyana kaBhikri, kodwa wona amaJuda asala noDavide, amlandela ukusuka eJordan ada aya kutsho naye eJerusalem.
3Wathi uDavide akufika komkhulu eJerusalem, wawathatha lawo maqadi akhe alishumi ayesele ejonge ikomkhulu, wathi makajongwe ngabalindi. Wayebondla, kodwa akabuyanga ahlangane nabo, bahlala ubomi bobuhlolokazi bonke ubomi babo.
4UDavide wathi kuAmasa: “Wabize amadoda akwaJuda eze apha zingadlulanga iintsuku ezintathu.” 5Wahamba uAmasa, esiya kubiza amaJuda, kodwa akabuya ngosuku awayemiselwe lona ngukumkani.
6Uvakele esithi ukumkani kuAbhishayi: “Phofu uyaqonda na ukuba uShebha unyana kaBhikri uza kusenzela ingxwaba-ngxwaba nangaphezu koAbhasalom. Hamba nala madoda omkhosi wam, nimlandele engekayi kwiidolophu ezinqatyisiweyo, asithele emehlweni ethu.” 7Asuka ke amadoda ebutho likaJowabhi, nabalindi abangamaKreti namaPleti, nawo onke amagorha, anduluka eJerusalem, alanda ekhondweni likaShebha unyana kaBhikri.
8Bathi bakufika ngakwelaa liwa laseGibheyon, bahlangana noAmasa. UJowabhi wayegaxele ezedabi, ikrele lisesingxobeni, sibotshelelwe ebhantini. Uthe akusondela lawa elo krele.
9UJowabhi wathi kuAmasa: “Uphila njani, mfo wethu?” Wamthi nqaku ngentshebe uAmasa ngesokunene isandla sakhe, eza kumanga. 10UAmasa wayengalilumkelanga ikrele elalisesandleni sikaJowabhi, wamhlaba ngalo esiswini, wamkhupha amathumbu. Wafa kwangoko, akwafuneka ukuba abuye amhlabe uJowabhi.
Basuka apho uJowabhi nomntakwabo uAbhishayi bangena endleleni, belandela uShebha unyana kaBhikri. 11Enye kulaa madoda ayehamba noJowabhi yasala imi ngakweso sidumbu sika-Amasa, ikhwaza isithi: “Indoda engakwicala likaJowabhi noDavide mayilandele uJowabhi.” 12Isidumbu sika-Amasa esasilijaja ligazi sasiqungquluze phakathi endleleni. Loo ndoda yathi yakubona amadoda afika eme apho, yasirhuqela entsimini eso sidumbu, yasigquma ngengubo. 13Emva koko ke wonke umntu walandela uJowabhi, kuzingelwa uShebha unyana kaBhikri.
14UShebha wawutyhutyha wonke ummandla wezizwe zakwaSirayeli, wada waya kutsho kwidolophu iAbhele-bhete-mahaka, elandelwa nguwo wonke umzi wakwaBhikri. 15UJowabhi nomkhosi wakhe bamngqinga uShebha apho eAbhele-bhete-mahaka. Benza amanqwanqwa ngomhlaba okuqabela udonga lwangaphandle, bemba ngaphantsi kodonga, befuna ukuluwisa.
16Kweso sixeko kwakukho umfazi owayehlakaniphile. Wamemeza engaphakathi, wathi: “Khawuphulaphule apha. Nceda undibizele uJowabhi; ndifuna ukuthetha naye.”
17Efikile uJowabhi, wabuza loo mfazi wathi: “UnguJowabhi?”
Wathi: “Ewe, ndinguye.”
Umfazi lowo wathi kuye: “Khawuphulaphule ke, mhlekazi, oko isicakazana sakho sikuthethayo.”
Yena wathi: “Ewe, qhuba, ndimamele.”
18Umfazi lowo wathi: “Kudala kwakudla ngokuthiwa: ‘Yiya kwidolophu iAbhele, uye kuvisa khona.’ Yayisenziwa ke loo nto. 19Le yidolophu exolileyo nethembekileyo kwaSirayeli; kutheni ke ngoku uyidiliza nje, utshabalalisa isixeko esingunozala kuSirayeli? Ngani ukuba ufune ukucima isixeko esililifa *likaNdikhoyo?”
20Waphendula uJowabhi wathi: “Hayi, andingeke ndisidilize isixeko senu ndisicime. 21Asiyiyo injongo yam leyo. Kukho umfo okuthiwa nguShebha, unyana kaBhikri wakweleentaba kwaEfrayim; nguye oqale olu dushe ngokuvukela ukumkani uDavide. Mkhupheni ngaphandle; ndosiyeka esi sixeko.”
“Kulungile, intloko yakhe soyijula ngaphandle kodonga,” utshilo loo mfazi. 22Wabuyela kubemi balapho necebo lakhe, bamnqumla intloko uShebha, bayijula ngaphandle kodonga kuJowabhi. Wasivuthela isigodlo, amadoda akhe ayeka ukusihlasela isixeko, agoduka. Wenjenjeya noJowabhi ukubuyela kukumkani eJerusalem.
Amaphakathi kaDavide
23Umphathi-mkhosi wakwaSirayeli yayinguJowabhi. Abalindi bakakumkani uDavide abangamaKreti namaPleti umphathi wabo yayinguBhenaya unyana kaJoyada. 24UAdoram yena wayephethe abo benza umsebenzi ngokunyanzelwa; uYoshafati yena, unyana ka-Ahiludi, wayengumgcini-manqaku, 25uSheva ingunobhala, ababingeleli inguZadoki noAbhiyatare. 26UIra waseJayire wayengomnye wababingeleli bakaDavide.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy