YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 18

18
Ukoyiswa kuka-Abhasalom
1UDavide uwaqokelele onke amadoda omkhosi wakhe, wawahlula-hlula, wawamisela izinxiba-mxhaka eziphethe amajoni aliwaka neziphethe amajoni alikhulu. 2Emva koko umkhosi uwahlule waba ngamaqela amathathu, elinye liphethwe nguJowabhi, elinye nguAbhishayi umntakwabo-Jowabhi, elinye liphethwe nguItayi waseGati. Ke uDavide wathi kumkhosi wakhe: “Nam ngenkqu ndiza kuphuma kunye nani.”
3Amadoda omkhosi athi: “Hayi, mhlekazi, mus' ukuya edabini. Akungebi lutho xa utshaba luswantsulisa thina, nokuba kungade kuwe isiqingatha sethu, kodwa ubukho bakho bufana neshumi lamawaka amadoda. Kuhle ke ukuba usale apha esixekweni, uze ukwazi ukusithumela amancedo.”
4Ukumkani wathi kubo: “Kulungile ke, mandenze loo nto ikholekileyo kuni.” Wema ngasesangweni, ewajongile ukunduluka kwawo, ephuma engamaqela amajoni alikhulu naliwaka. 5Ukumkani wabayalela ooJowabhi noAbhishayi kunye noItayi, wathi: “Nize nindincede niyiphathe kakuhle laa ntwana inguAbhasalom.” Loo myalelo kaDavide awayewubhekisa kwiinjengele weviwa ngawo onke amadoda omkhosi.
6Wenjenjeya umkhosi kaDavide ukuya kuqubisana namaSirayeli endle ngakwihlathi lakwaEfrayim, zanqoza. 7AmaSirayeli oyiswa ngumkhosi kaDavide. Abethwa kakubi, kwasala apho edabini amawaka angamashumi amabini. 8Idabi layigqiba yonke loo ndawo, uninzi lwafela ehlathini, lwangaphezulu kwabo babefele edabini.
9UAbhasalom wagaxeleka phakathi kweqela lamadoda kaDavide. Wayekhwele embongolweni. Kuthe xa ithubeleza ngaphantsi kom-oki omkhulu, wabambeka ngentloko kuloo masebe omthi. Yabaleka yemka imbongolo, wasala yena ejinga emoyeni.
10Wabonwa ngumfo othile owaxelela uJowabhi wathi: “UAbhasalom ndimbone ejinga emthini wom-oki.”
11Uthe uJowabhi kuloo ndoda: “Xa umbonileyo kutheni ukuze ungambulali kwangoko nje? Mna bendiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva, ndikuthi jize ngomxhaka ngaphezu koko.”
12Loo mfo uphendule uJowabhi ngelithi: “Nokuba ubungade undihlawule iwaka leesiliva, bendingasoze ndimse sandla mna unyana kakumkani wam. Kaloku simve ngezethu iindlebe ukumkani ngokuya ebekuyala wena noAbhishayi noItayi esithi: ‘Nokuba ngubani na azayikhusele laa ntwana uAbhasalom.’ 13Ukuba bendenze ubugwenxa ndambulala uAbhasalom, ubeza kuyiva loo nto ukumkani, yaye akukho nto ifihlakeleyo kuye, ube wena ungayi kundithethelela.”
14UJowabhi wathi: “Hayi, andizi kudla xesha apha ngawe.” Uthathe iintshuntshe zantathu, wamgwaza ngazo entliziyweni uAbhasalom esaphila, ejinga kuloo mthi wom-oki. 15Emva koko kwafika ishumi lamadoda omkhosi kaJowabhi, amjikeleza uAbhasalom, amhlaba amgqibezela.
16Uthe uJowabhi makuvuthelwe isigodlo, iphele imfazwe, abuye amadoda awayesukela amaSirayeli. 17Awuthatha umzimba ka-Abhasalom, awuphosa emngxunyeni omkhulu owawulapho ehlathini, awugqumelela ngemfumba enkulu yamatye. Abaleka onke amaSirayeli, yayileyo indoda yajonga kowayo.
18Esaphila uAbhasalom wayezenzele ilitye lesikhumbuzo kwiNtili kaKumkani, kuba wayesithi: “Andinanyana oza kuvusa igama lam.” Walithiya ngegama lakhe. Unanamhla oku kusathiwa lilitye lesikhumbuzo lika-Abhasalom ukubizwa kwalo.
UDavide uxelelwa ngokufa kuka-Abhasalom
19Emva koko uAhimazi, unyana kaZadoki, wathi kuJowabhi: “Mandikhawuleze ndise kukumkani iindaba zovuyo zokuba *uNdikhoyo umgwebele wamkhulula kwiintshaba zakhe.”
20UJowabhi wathi kuye: “Hayi, akukho zindaba zovuyo uya kuzisa kukumkani namhlanje. Loo nto uya kuyenza ngenye imini. Kaloku unyana kakumkani ufile.” 21Waza ke uJowabhi wathi kumfo waseKushe: “Yiya kuxelela ukumkani oko ukubonileyo.” Wakhahlela umKushe, wangena endleleni.
22UAhimazi unyana kaZadoki waphinda wathi kuJowabhi: “Kungehla okuhlayo, ndiyeke ndingene endleleni emva kwaloo mKushe.”
“Kutheni wafuna ukuya ngokwakho kukumkani? Akukho mvuzo aza kukunika wona phofu,” utshilo uJowabhi.
23“Ndithe kuwe kungehla okuhlayo, ndifuna ukuhamba,” utshilo uAhimazi.
Ke uJowabhi wathi: “Thatha khona!” Wasuka ke uAhimazi wangena endleleni, waya kuthi gubhu kulaa ntili yeJordan, wamshiya endleleni umKushe lowo.
24UDavide wayehleli kwindawo ephakathi kwamasango angaphakathi nawangaphandle kwesixeko. Kwesuka umlindi waya kukhwela phezu kodonga lwesixeko, wema ngapha kophahla lwesango, wondela, wabona kukho indoda ehamba yodwa, ibaleka. 25Wabhekisa ngezantsi kukumkani, wamxelela, waza ukumkani wathi: “Xa ehamba yedwa uzisa iindaba zovuyo.” Eso sigidimi saya sisondela ngokusondela.
26Ubuye wabona esinye isigidimi loo mlindi, wabhekisa kumgcini-masango wathi: “Nantso nenye indoda isiza ibaleka iyodwa.”
Uthe ukumkani: “Nalowo usekwaza neendaba ezimnandi.”
27Uthe umlindi: “Ukubaleka kwakhe lo ungaphambili ngathi nguAhimazi unyana kaZadoki.”
Ukumkani wathi: “Kowu, lilunga lomfo elo; usiphathele iindaba zovuyo.”
28UAhimazi wabhekisa kukumkani wathi: “Izinto zihamba kakuhle!” Wafika wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni, wathi, “Mbonge uNdikhoyo uThixo wakho! Uboyisile abo bebeyivukela inkosi yam ukumkani!”
29Ukumkani wathi: “Ngaba usindile umfana uAbhasalom?”
Uphendule wathi uAhimazi: “Mhlekazi, ngokuya bendithunywa nguJowabhi iphakathi lakho, ndibone kukho isiphithi-phithi, phofu andingetsho ukuba bekutheni na.”
30Ukumkani wathi: “Khawume bucala ulinde.” Wahamba ke, waya kuma bucala.
31Ke kaloku wafika umKushe, wathi kukumkani: “Ndize neendaba zovuyo, mhlekazi, nkosi yam! Namhlanje uNdikhoyo ukugwebele waboyisa bonke abo bebekuvukela.”
32Ukumkani wathi kumKushe: “Yena umfana uAbhasalom usindile phofu?”
UmKushe wathi: “Mhlekazi, bendinga into emhleleyo unyana wakho ibinga ingenzeka kuzo zonke iintshaba zakho, nakwabo bakuvukelayo.”
33Ukumkani waba nengevane, wenyuka waya kwigumbi eliphezu kwesango, wafika walila. Wayehamba elila, esithi: “Yini umntwana wam! Awu, nyana wam Abhasalom, nyana wam Abhasalom! Akwaba ibindim ofileyo, Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”

Currently Selected:

2 KASAMWELI 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy