YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 17

17
UHushayi ulahlekisa uAbhasalom
1Wathi uAhitofele kuAbhasalom: “Ndivumele ndikhethe ishumi elinambini lamawaka amadoda, ndiphume ngobu busuku, ndimsukele uDavide. 2Ndifuna ukumhlasela esadiniwe nje, emi nematha. Ndifuna ukuwothusa abaleke la madoda ahamba naye. Ndifuna ukubulala ukumkani kuphela, 3ndiwazise kuwe onke amanye amadoda. Andithi mnye qha lo mntu ufuna ukumbulala, bonke abanye babuye bephila?” 4Lavakala njengecebo eliphilileyo eli kuAbhasalom nakumadoda amakhulu akwaSirayeli xa ewonke.
5Uthe uAbhasalom: “Khanibize kwanoHushayi umArki, silive nelakhe icebo.” 6Uthe akufika uHushayi uAbhasalom wamchazela iqhinga lika-Ahitofele, waza wathi: “Utsho ke uAhitofele; uthini wena?”
7UHushayi wathi kuAbhasalom: “Hayi, mhlekazi, kwesi sihlandlo kum ngathi alilihle iqhinga lika-Ahitofele konke. 8Wazi kakuhle ukuba uyihlo uDavide neqela lakhe ngamadoda aqhele ukulwa, yaye bayakhwankqisa, ngathi yimazi yebhere inxakamela amathole ayo. Uwaqhelile amadabi uyihlo, ngoko ke akahlali ndawonye nomkhosi wakhe ebusuku. 9Ngoku ndithethayo ngahle uzimele mqolombeni uthile, okanye uthe nca ndaweni ithile. Ukuba yena uthe waba ngowokuqala ukuhlasela amadoda akho, abakuvayo oko baya kusuka bathi: ‘Axheliwe amadoda ka-Abhasalom.’ 10Ndithi nawona madoda aziingonyama ukukhalipha aya kunkwantya, kuba kwaSirayeli uyihlo udume ngokulwa, yaye nomkhosi wakhe ngamagorha.
11“Mna ke ndicebisa ukuba uwaqokelele onke amaSirayeli kulo lonke eli, ukususela kwaDan kuye kutsho eBheshebha, abe maninzi ngokungathi yintlabathi yaselwandle, uze uwakhokele wena ngenkqu ukuya edabini. 12UDavide yena somfuna apho azimele khona, simhlasele okombethe olele kwiindawo zonke, kungasindi namnye kuye nakuloo madoda onke anaye. 13Uya kuba ngaya dolophini ithile, sifike nalapho singamaSirayeli, sithandele ngeentambo, sizitsale ezo ndonga zidilike, ziye kuthi didli ezantsi entilini, kude kungabikho nalinye ilitye apho.”
14UAbhasalom namadoda onke akwaSirayeli bathi: “Icebo likaHushayi umArki lelona lilungileyo kunelika-Ahitofele.” Yayisisigqibo *sikaNdikhoyo kakade ukuba maliphanze icebo lika-Ahitofele, khon' ukuze aze kuhlelwa lishwangusha uAbhasalom.
UDavide uyasaba akulunyukiswa
15Usuke apho uHushayi waya kwazisa ooZadoki noAbhiyatare ababingeleli ngeqhinga yena acebise ngalo uAbhasalom namadoda amakhulu akwaSirayeli kwanangelo lalivela kuAhitofele. 16Uqhube wathi: “Ke ngoko khawulezani nithumele kuDavide, nithi kuye: ‘Uze ungahlali phaya ngakumazibuko asentlango ngobu busuku. Welela ngaphesheya kweJordan, hleze ukumkani nabantu bonke abanaye bacinywe.’ ”
17UJonatan kunye noAhimazi babehlala belinde kulaa mthombo wase-En-rogele, kuba bekungafuneki babonwe bengena esixekweni. Kwathunywa isicakazana, saya kubaxelela, baza bona baya kwazisa ukumkani uDavide. 18Kodwa babhaqwa yinkwenkwana eyaya kuxelela uAbhasalom. Bakhawuleza ke bemka kuloo ndawo, baya kuzimela mzini wasemathileni eBhawurim. Kwakukho iqula ngakuloo mzi, baza ke baya kuhlala ngaphakathi kwalo. 19Inkosikazi yalapho yathatha into, yaligquma ngayo, yaneka imbewu ngaphezulu, ukuze kungabikho bani urhanela nto. 20Afika apho kuloo mzi amaphakathi ka-Abhasalom, athi kuloo mfazi: “Baphi ooAhimazi noJonatan?”
Waphendula ngelithi loo mfazi: “Bagqithe apha, baya ngasemlanjeni.” Loo maphakathi afuna, afuna, ada ancama, abuyela kwaseJerusalem.
21Akuba emkile loo madoda, baphuma kwelo qula ooAhimazi noJonatan, basa udaba ababeluthunyiwe kuDavide. Bamxelela ngeyelenqe lika-Ahitofele, batsho besithi: “Phakama ukhawuleze uwelele ngaphesheya komlambo.” 22Bawela ke ooDavide namaphakathi, kwathi kusisa babe bengaphesheya kweJordan bonke.
23Uthe akubona uAhitofele ukuba iqhinga lakhe alisiwanga so, suka wakhwela idonki yakowabo, wagoduka esinga kweyakubo idolophu. Uthe nje ukuba agqibe ukulungisa imicimbi yakhe, waya wazixhoma wafa. Ungcwatyelwe apho kumangcwaba ooyise-mkhulu.
24Wayeselefikile uDavide kwidolophu yaseMahanayim, ngexesha yena uAbhasalom namaSirayeli onke awayenaye bawela iJordan. 25UAbhasalom wenza uAmasa injengele yomkhosi esikhundleni sikaJowabhi. UAmasa wayengunyana kaYetere umSirayeli, ezalwa nguAbhigeli intombi kaNahashe, engudade boZeruya unina kaJowabhi. 26UAbhasalom namaSirayeli bazimisa iintente zabo kummandla waseGiliyadi.
27UDavide ukufika kwakhe eMahanayim wayehlangatyezwa nguShobhi unyana kaNahashe owayevela kwidolophu iRabha kwelama-Amon, nanguMakire unyana ka-Amiyeli waseLodebhare, noBhazilayi umGiliyadi waseRogelim. 28Babephethe iimandlalo, izitya, neengqayi, kunye nengqolowa, nerhasi, nomgubo, nogcado, neembotyi, neentlumayo, nokunye ukutya okugcadiweyo, 29nobusi, nebhotolo, neegusha, netshizi yobisi lweenkomo. Konke oku babekuphathele ukuxhasa uDavide nabantu bakhe, kuba babesithi: “Aba bantu balambile, badiniwe, banxaniwe nokunxanwa apha entlango.”

Currently Selected:

2 KASAMWELI 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy