YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 13

13
UAmnon noTamare
1Ke kaloku uDavide wayenonyana ogama linguAbhasalom, odade wabo yayinguTamare owayeyinzwakazi. Omnye woonyana bakaDavide ogama linguAmnon, usuke wayithanda le nzwakazi. 2Wahlupheka uAmnon ngangokude agule ngenxa yodade wabo uTamare, kodwa kwakungekho nto anokuyenza kuye, kuba wayeyintombi engazani nandoda.
3Phofu kwakukho mfo owayevana noAmnon, owayenguYonadabhi igama; wayengunyana kaShama ongumntakwabo-Davide. UYonadabhi lo wayengumfo onamacebo. 4UYonadabhi wathi kuAmnon: “Ungunyana kakumkani, kodwa imihla nezolo akukhululekanga; khawutsho, kwenzeke ntoni?”
“Hayi, ndifuna uTamare, lo ungudade bomntakwethu uAbhasalom,” utshilo uAmnon.
5UYonadabhi wathi kuye: “Zenze umntu ongaphilanga, uye kulala. Uze uthi, akufika uyihlo eze kukubona, uthi kuye: ‘Nceda uthumele udade wethu uTamare, eze kundonga. Ndifuna aze kundilungiselela ukutya apha phambi kwam, andityise ngesakhe isandla.’ ” 6Wazenza ogulayo ke uAmnon, waya kulala.
Ukumkani waya kumvelela uAmnon, waza yena wathi kukumkani: “Bawo, ndicela uthumele uTamare udade wethu eze kundenzela amaqebengwane amabini ndijongile, andityise ngesakhe isandla.”
7UDavide ke wathumela kuTamare ebhotwe esithi: “Khawuye endlwini yomnakwenu uAmnon, umenzele into etyiwayo.” 8Waya ke uTamare endlwini ka-Amnon umntakwabo, wafika esemandlalweni. Wathatha umgubo waxova, wenza amaqebengwana ejongiwe nguAmnon, 9wawakhupha epanini, wabeka phambi koAmnon, kodwa akatya.
Uvakele uAmnon esithi: “Khupha wonke umntu okule ndlu!” Baphuma bonke abo bantu kuloo ndlu.
10Uthe kuTamare uAmnon: “Zisa loo maqebengwana apha egumbini lam lokulala, undityise ngesakho isandla.” Wawathatha loo maqebengwana awenzileyo uTamare, wawasa kumntakwabo uAmnon egumbini lakhe lokulala. 11Kuthe esamnika ukuba atye, wamthi hlasi, wathi: “Yiza silale, dade wethu.”
12UTamare wathi kuye: “Hayi, mnakwethu, musa ukundinyanzela; ayenziwa into enje kwaSirayeli. Musukulenza eli nyala! 13Khona, mna ndoba yintoni lihlazo lam? Wena kungathiwa usesona sithwangathwanga sakha sakho kwaSirayeli. Ndiyacela ke, thetha nokumkani. Ndiqinisekile uya kuvuma ukundendisela kuwe.” 14Kodwa akazange afune ukuva uAmnon, waza wamnyanzela, walala naye, kuba wayenamandla kunaye.
15Emva koko uAmnon wamcaphukela uTamare ngentiyokazi eyaba ngaphezu kothando abenalo kuye ngaphambili. Uvakele selesithi kuye: “Hamba; phum' apha!”
16“Hayi, andiphumi,” utshilo uTamare. “Yhu, eli hlazo lokundigxotha lingaphezu koqale wandenza lona.”
Akayihoyanga yonke loo nto uAmnon, 17usuke wabiza isicaka sakhe, wathi: “Khupha le ntombazana, imke apha, uze utshixe wakugqiba.” 18Isicaka samkhupha uTamare, saza satshixa ucango.
UTamare wayenxibe isambatho eside esinemikhono emide. Kaloku eso sasisinxibo seentombi ezizalwa komkhulu ngaloo mihla. 19Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo. 20Uvele kweso sithuba umnakwabo uAbhasalom, wathi: “Ukudlwengule umnakwenu uAmnon? Hayi, dade, musa ukuzikhathaza ngale nto. Ligazi lakho kaloku uAmnon; uze ungamxhibi.” Waya kuhlala kwamnakwabo uAbhasalom uTamare, ephila ubomi belolo.
21Wavutha ngumsindo ukumkani uDavide zakufika kuye ezo ndaba. 22Yena uAbhasalom wamthiya uAmnon ngenxa yokudlwengula udade wabo, kangangokuba akazange aphinde afune nokuthetha oku naye.
UAbhasalom uyaphindezela
23Emva kweminyaka emibini uAbhasalom waba netheko lokuhlinzeka abachebi bakwakhe. Wayelenzela eBhali-hazore engasemdeni welakwaEfrayim. Wayememele bonke oonyana bakakumkani kwelo theko. 24Usuke waya kukumkani uDavide uAbhasalom, wafika wathi: “Mhlekazi, kuyachetywa phaya kwam, ke bendinqwenela ukuba umhlekazi namaphakathi akhe babekho kwitheko eliza kwenziwa.”
25Ukumkani wathi kuAbhasalom: “Hayi, mfo wam, masingayi sonke, hleze wonganyelwe ngumsebenzi xa silapho sonke.” Waba ngacenga uAbhasalom, akavuma uDavide. Ndaweni yaloo nto suka wamndulula ngokumthamsanqela.
26Ke uAbhasalom wathi: “Xa ungavumiyo wena, bawo, umntakwethu uAmnon ngewumkhulula yena ahambe nathi.”
Ukumkani wathi kuye: “Ahambele ntoni nawe?” 27Wacenga uAbhasalom, wada wavuma uDavide ukukhulula uAmnon ahambe noonyana bonke bakakumkani.
28UAbhasalom wafika wayalela izicaka zakhe ngelithi: “UAmnon lo nize nimqaphele, nimbone ukuba seleyobile yiwayini, nimgwaze afe ndakutsho kuni ukuthi: ‘Mbulaleni uAmnon!’ Ze ningoyiki, kutsho mna, niyeva! Ze niqine, nikhaliphe.” 29Hayi ke, izicaka zika-Abhasalom zenza ngokomyalelo wenkosi yazo uAbhasalom. Bonke oonyana bakakumkani bathi khwasu bakhwela iimbongolo zabo, babaleka.
30Zafika kuDavide besesendleleni egodukayo ezo ndaba zithi: “UAbhasalom ubabulele bonke oonyana bakakumkani, akwasala noba abe mnye.” 31Ukumkani wathi khwasu kwangoko, wakrazula izambatho zakhe, waqungquluza emhlabeni. Amaphakathi akhe onke nawo azikrazula ezawo izambatho emi ngakuye.
32Kwesi sithuba kuvele uYonadabhi unyana kaShama umntakwabo-Davide, wathi: “Umhlekazi makangeva kusithiwa babulewe bonke oonyana bakhe; kufe uAmnon yedwa. Loo nto yenzeka kuba uAbhasalom wagqiba kwangalaa mhla uAmnon wadlwengula udade wabo ukuba uya kuze ambulale. 33Ngoko ke umhlekazi makangazihluphi ngokucinga okokuba oonyana bakhe bafe bonke. Hayi, nguAmnon yedwa lo ufileyo.”
34Ke yena uAbhasalom wabaleka wabhaca.
Ke umlindi wabona ihlokondiba labantu lisihla intaba, lihamba ngendlela evela eHoronayim. 35Waza uYonadabhi wathi kukumkani: “Khangela, nabaya besiza oonyana bakakumkani. Kunjengoko besitshilo isicaka sakho.” 36Uthe esakhova nje ukuthetha, bagaleleka oonyana bakakumkani, basitsho isikhalo. Wangenelela ukumkani, amaphakathi nawo angenelela, bonke batsho ngesikrakra.
37UAbhasalom wabalekela kuTalmayi, unyana ka-Amihudi, owayengukumkani waseGeshuri. UDavide wamzilela mihla le uAmnon unyana wakhe. 38Ke yena uAbhasalom owayebalekele eGeshuri wahlala apho iminyaka emithathu. 39Sakudlula isithukuthezi sokufelwa ngunyana wakhe uAmnon, ukumkani uDavide wanqwenela ukuya kumbona unyana wakhe uAbhasalom.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy