YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 11

11
UDavide noBhashebha
1Kwathi ngentlako-hlaza ngexesha iikumkani zazidla ngokulwa iimfazwe ngalo, uDavide wandulula uJowabhi kunye namaphakathi nawo wonke umkhosi wakwaSirayeli. Bawachitha-chitha ama-Amon, basingqinga nesixeko sawo iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem.
2Ngamhla uthile, ukujika kwelanga, kwathi uDavide esahamba-hamba kumgangatho ophezu kophahla lwebhotwe, esandula ukuvuka emandlalweni wakhe, wabona umfazi ehlamba umzimba. Yaye iyinzwakazi kanobom leyo. 3Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”
4UDavide ke wathumela izigidimi ukuba zize naye. Waziswa ke kuye, waza yena walala naye. Oku kwenzeka xa loo mfazi wayesandula ukuzihlambulula emva kokuba sexesheni. Emva koko uBhashebha wabuyela emzini wakhe. 5Wamitha ke loo mfazi, waza wathumela kuDavide esithi: “Ndikhulelwe.”
6UDavide usuke wathumela umyalelo kuJowabhi, wathi: “Mthumele kum apha u-Uriya umHeti.” Ke uJowabhi wamthumela kuDavide u-Uriya. 7Akufika u-Uriya uDavide wambuza ngempilo kaJowabhi, nempilo yomkhosi, nokuba imfazwe iqhuba njani na. 8Emva koko uDavide uthe ku-Uriya: “Hamba uye endlwini yakho, ukhe uhlambe iinyawo.” Waphuma ke u-Uriya komkhulu, kwalandela isipho esivela kukumkani, sasiwa kwakhe. 9Akazange agoduke yena u-Uriya; wasuka waya kulala phaya ngasesangweni lakomkhulu kunye nezicaka zikakumkani.
10Waxelelwa uDavide kwathiwa: “U-Uriya akayanga emzini wakhe.” Waza uDavide wathi ku-Uriya: “Ubuseluhambeni ithuba elide; kutheni ungayanga kulala kwakho nje?”
11U-Uriya wathi kuDavide: “Ityesi yomnqophiso kunye namadoda omkhosi akwaSirayeli nakwaJuda ahlala ezintenteni, kanti noJowabhi inkosi yam kwakunye namaphakathi akho, mhlekazi, aphaya endle, ube wena usithi mna mandigoduke nditye, ndisele, ndilale nomkam! Uhleli nje, inene, andisokuze ndiyenze into enjalo, mhlekazi.”
12Uthe ke uDavide ku-Uriya: “Sewuhlala ke okwanamhlanje; ndiza kukukhulula uhambe ngomso.” Wahlala ke apho eJerusalem ngaloo mhla u-Uriya, nangomhla olandela lowo. 13UDavide wammema, waza watya wasela kunye naye, wamnxilisa. Kodwa nangobo busuku akazange agoduke u-Uriya, suka yena waya kulala kwindawo yakhe ngakwizicaka zakomkhulu.
14Kwakusasa ngengomso uDavide wabhalela uJowabhi incwadi, wayithumela kwangoUriya. 15Udaba lwalusithi: “U-Uriya lowo uze umbeke ngaphambili emsini apho lishushu idabi, nize nihlehle, aze yena angxwelerhwe afe.” 16Kwathi ke ekusingqingeni kwakhe isixeko uJowabhi, wambeka kwelona cala linamagorha u-Uriya. 17Waphuma umkhosi esixekweni, walwa nokaJowabhi. Apho kwawa iqela lamajoni omkhosi kaDavide, wafela apho naye u-Uriya umHeti.
18Emva koko uJowabhi wathumela ingxelo kuDavide malunga nemfazwe, 19wasiyalela isigidimi wathi: “Xa ugqibayo ukumbalisela ukumkani ngako konke okwenzeke edabini, 20ngahle abe nomsindo, akubuze athi: ‘Benisondelelani kangaka kwisixeko sotshaba lwethu? Beningaqondi na ukuba zinganidubula ngeentolo zazo zisithele ngodonga? 21Ngubani na owabulala uAbhimeleki unyana kaJerubhesheti ? Akafanga na eTebheze ngokugityiselwa ngumfazi ngelitye lokusila, emi ngaphezu kodonga. Benisondelelani kangaka kudonga lwesixeko?’ Uze ke uthi: ‘Nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.’ ”
22Eso sigidimi ke saya kufika kuDavide, safika samxelela wonke loo myalelo kaJowabhi. 23Wenjenje loo mfo ukuthetha noDavide: “Mhlekazi, ziphumile iintshaba zethu esixekweni, saqubisana endle. Zithande ukusigqwesa, kodwa sazibetha zahlehla zaya kungena ngesango esixekweni. 24Zithe xa silapho ngasesangweni zasidubula ngeentolo zimi eludongeni, zawachana amanye amajoni akho, mhlekazi. Ngokunjalo nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.”
25UDavide wathi kwisigidimi eso: “Uze uthi kuJowabhi: ‘Uzungavumi ukuba le nto ikutyhafise; kakade ikrele eli lidla kulo nakulowaa. Sihlasele ngamandla isixeko, usichithe.’ Uze utsho ke, umomeleze.”
26Ke umka-Uriya weva ngokusweleka komyeni wakhe, waza wamzilela. 27Lakudlula ixesha lenzila, uDavide wathi makaye kuthathwa, aze kuhlala ebhotwe, abe ngumkakhe. Wafika apho, wazala umntwana oyinkwenkwe. Kambe ke sona isenzo sikaDavide saba sibi emehlweni *kaNdikhoyo.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy