YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 21

21
UManase ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 33:1-20)
1UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu. Unina yayinguHefezibha. 2Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhwa emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli. 3Iindawo zonqulo eziphakamileyo awazitshitshisayo uyise uHezekiya, yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela noBhali amaqonga, wenza nentsika ka-Ashera, kanye ngendlela awayenze ngayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi ezinqula. 4Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayeyalele wathi: “Igama lam ndolimisa eJerusalem.” 5Kuzo zombini iinkundla endlwini kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga. 6Unyana wakhe wamfaka emlilweni, esenza idini ngaye. Wayethe phithi yimilingo nokuvumisa, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo, emqumbisa.
7Wathatha intsika ka-Ashera awayeyikrolile, wayifaka endlwini kaThixo, ukanti ke uNdikhoyo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli. 8Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, awuthobela wonke umthetho awawunikwa sisicaka sam uMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.” 9Kodwa akaphulaphulanga, kuba uManase wawalahlekisa ngangokuba wada wabalasela ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.
10UNdikhoyo wathetha ngomlomo wezicaka zakhe *abashumayeli, wathi: 11“UManase ukumkani wakwaJuda wenze izono ezilumezayo. Yena ubalasele ekwenzeni okubi kunawo nama-Amori awayelapho ngaphambi kwakhe. Ngale mifanekiso yakhe uJuda umlukuhlele esonweni. 12Ngoko ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: ‘Niyabona, iJerusalem ndawonye noJuda ndiza kuyithobela isithwakumbe esiya kubetha zithi nzwii iindlebe zakhe wonke umntu ophulaphuleyo. 13Apha phezu kweJerusalem ndiza kuthoba isohlwayo esifana neso ndayohlwaya ngaso iSamariya kunye nendlu ka-Ahabhi. IJerusalem ndoyitshabalalisa ndiyibhukuqe oku komntu osula isitya aze asiphethule. 14Ndosuka ndiwabukule amasalela alilifa lam; ewe, ndowanikezela ezandleni zeentshaba zawo. Aya kuxhatshazwa abhunculwe ziintshaba zawo. 15Kaloku wona asuke enza okubi emehlweni am, awuxhokonxa umsindo wam, nto leyo ke yenzeka kwamhla bâphuma ooyise eJiputa kude kube namhla.’ ”
16Ngaphezu koko ke uManase waliphalaza gqitha igazi elingenatyala, eqalela kweli cala, athi xhaxhe kweliya icala leJerusalem; nangaphandle kwesono awalukuhlela amaJuda kuso ukuze enze okubi emehlweni kaNdikhoyo.
17Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaManase, nayo yonke imisebenzi yakhe ikunye neso sono sakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 18Ke uManase waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa emyezweni wakhe apho ebhotwe – lowo ke ngumyezo kaUza. Unyana wakhe uAmon wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.
UAmon ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 33:21-25)
19Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anambini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula iminyaka emibini eJerusalem. Unina yayinguMeshulemete intombi kaHaruze eYotebha. 20KwanjengoManase uyise naye wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. 21Yena wahamba ekhondweni likayise, akanxaxha; naye wanqula imifanekiso *yezithixo njengoyise, equbuda kuyo. 22Wasuka wambukula uNdikhoyo uThixo wooyise, akahamba ngendlela yakhe.
23Ke amaphakathi kakumkani uAmon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe. 24Bona ke abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.
25Ezinye ke iziganeko zolawulo luka-Amon, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 26Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe emyezweni kaUza. Unyana wakhe uJosiya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy