YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 20

20
Ukugula kukaHezekiya
(Isaya 38:1-8,21-22; 2 Gan 32:24-26)
1Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”
2Ke uHezekiya wasuka wafulathela, wajonga eludongeni, wathandaza kuNdikhoyo wathi: 3“Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.
4Uthe ke uIsaya engekaphumi kwindlu ephakathi, labe ilizwi likaNdikhoyo selifikile kuye. Lalisithi: 5“Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo. 6Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho. Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela ngenxa yesidima segama lam nangenxa yesicaka sam uDavide.’ ”
7UIsaya uqhube wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane.” Ngenene ke balibekela ithumba elo, waza ke waphila.
8UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba uNdikhoyo uya kundiphilisa ndize ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku?”
9UIsaya wathi: “Nanku ke umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe. Ùthi isithunzi masiye phambili ishumi leenyawo okanye sibuye umva ishumi leenyawo?”
10UHezekiya wathi: “Yinto engenamsebenzi ukuba isithunzi siye phambili ishumi leenyawo. Hayi, kanye masibuye umva ishumi leenyawo.”
11Ke umshumayeli uIsaya wanqula uNdikhoyo, waza uNdikhoyo wasibuyisa umva isithunzi kangangeenyawo ezilishumi apho kwisitupu sika-Ahazi.
Izigidimi zaseBhabheli
(Isaya 39:1-8)
12Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba uHezekiya ubekhe wagula. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho. 13UHezekiya wazamkela izigidimi ezo, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva negolide, ubulawu neziqholo, nazo zonke izikrweqe zakhe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.
14Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?”
UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude eBhabheli.”
15“Ngaba kukho nto ayibonileyo ke apha komkhulu?” ubuzile umshumayeli.
UHezekiya uphendule ngelithi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwangenise kubo bonke oovimba bam.”
16Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi likaNdikhoyo: 17‘Ngenene liyeza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje liya kuthinjwa lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala. 18Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”
19“Eli lizwi likaNdikhoyo ulithethayo lifanelekile,” uphendule watsho uHezekiya. Kaloku wayesithi: “Noko kuya kubakho inzolo nokhuseleko ngemihla yokudla kwam ubomi.”
Ukufa kukaHezekiya
(2 Gan 32:32-33)
20Ke ezinye zeziganeko zikaHezekiya, nayo yonke imizabalazo yakhe esenza iqula netonela awatsala amanzi ngalo ewangenisa esixekweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 21UHezekiya ke waya kuphumla kooyise, waza ke unyana wakhe uManase wangukumkani esikhundleni sakhe.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy