YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 16

16
UAhazi ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 28:1-27)
1Ke kaloku kwathi ngonyaka weshumi elinesixhenxe elawula uPeka unyana kaRemaliya kwaSirayeli, uAhazi unyana kaYotam ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwelakwaJuda. 2UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe. 3Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli. 4Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.
5Ke uRezin, ukumkani wakwa-Aram, kunye noPeka, unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, basuka bahlasela iJerusalem, bayingqinga nakuba bengayoyisanga. 6Ngelo thuba ke ukumkani uRezin wakwa-Aram wayibuyisela kwa-Aram iElati, wabagxotha kuyo abantu bakwaJuda. Aza ke angena ema khona amaSiriya unanamhla.
7UAhazi ke wathumela izigidimi kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, esithi kuye: “Mna ndisisicaka nebamba lakho; ngoko ke nceda uze kundihlangula, naku ndihlaselwa ngukumkani wakwa-Aram ekunye nowakwaSirayeli.” 8Kananjalo ke uAhazi wayithatha isiliva kunye negolide ezazisendlwini kaNdikhoyo nakoovimba bakomkhulu, wazithumela zasisipho arhuma ngaso kukumkani waseAsiriya. 9Ukumkani waseAsiriya ke wasamkela eso sicelo, waza ke wahlasela iDamasko. Abemi bakhona wabafudusela eKiri, ke yena uRezin wambulala.
10Ukumkani uAhazi wahlangabeza ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere eDamasko. EDamasko ke apho wabona iqonga lamadini, waza wathumela kumbingeleli u-Uriya emnika iplani yalo neenkcukacha zokwakha elifana nalo. 11Umbingeleli u-Uriya ke wakha iqonga lamadini ngokwezo nkcukacha wayezithunyelelwe ngukumkani uAhazi eseDamasko. Iqonga elo waligqiba engekabuyi eDamasko ukumkani uAhazi. 12Ekubuyeni kwakhe ke, ukumkani walibona iqonga elo, waza wenza amadini kulo. 13Wenza amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, kunye neminikelo ethululwayo, waza wafefa ngegazi elingumnikelo wakhe wobudlelwane kwalapho eqongeni. 14Ke lona iqonga lobhedu elalimi phambi koNdikhoyo walisusa phambi kwendlu kaThixo, apho lalikhona phakathi kweqonga elitsha nendlu kaNdikhoyo, walimisa ngasentla kweqonga elitsha.
15Ukumkani uAhazi wayalela umbingeleli u-Uriya wathi: “Kweli qonga litsha likhulu yenza amadini atshiswayo akusasa, namadini eenkozo asemalanga, amadini kakumkani atshiswayo, ndawonye namadini akhe eenkozo, kunye namadini atshiswayo abantu beli lizwe, ndawonye namadini abo eenkozo kunye nathululwayo. Apho eqongeni ke uze ufefe ngegazi lawo onke amadini atshiswayo. Ke lona iqonga lobhedu ndolisebenzisa xa ndifuna isikhokelo.” 16Ngenene ke u-Uriya wenza ngokomyalelo kakumkani uAhazi.
17Ukumkani uAhazi waziqhaqha iinqwelo zobhedu ezazilapho endlwini kaThixo, wazisusa nezitya zokuhlambela ezazikuzo. Walisusa ichibi lobhedu kwezo nkunzi zeenkomo zazilixhasile, walixhasa ngesiseko samatye. 18Wasisusa isigqubuthelo esasakhelwe *uMhla woPhumlo apho endlwini kaThixo, walisusa nesango elalilungiselelwe ukumkani apho endlwini kaNdikhoyo, izinto ezo awayezenza kuba ezama ukukholisa ukumkani waseAsiriya.
19Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 20UAhazi waya kuphumla kunye nooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uHezekiya.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy