YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 15

15
UAzariya ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 26:1-23)
1Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uJerobhowam engukumkani kwaSirayeli, uAzariya unyana ka-Amaziya waqalisa ukulawula kwaJuda. 2Ukungena kwakhe ebukhosini wayeneminyaka elishumi elinesithandathu, walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya, intombi yaseJerusalem. 3UAzariya wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoko wenzayo uyise uAmaziya. 4Ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo.
5Ukumkani lowo ke wabandezelwa ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.
6Ezinye zeziganeko zolawulo luka-Azariya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 7UAzariya waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Endaweni yakhe kwangena uYotam unyana wakhe.
UZakariya ukumkani wakwaSirayeli
8Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo uAzariya engukumkani wakwaJuda, uZakariya unyana kaJerobhowam waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya isithuba seenyanga ezintandathu. 9Naye wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise. Zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.
10Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe wamenzela iyelenqe uZakariya. Wamhlasela phambi kwabantu wambulala, waza wangena ezihlangwini zakhe wangukumkani. 11Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZakariya nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 12Lazaliseka ke ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kuYehu lisithi: “Indlu yakho iya kumlawula uSirayeli kude kube sisizukulwana sesine.”
UShalum ukumkani wakwaSirayeli
13Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wamashumi amathathu anethoba u-Uziya engukumkani wakwaJuda, walawula inyanga yanye eSamariya. 14Kwasuka uMenahem unyana kaGadi eTirza, waya eSamariya, wafika wahlasela uShalum, unyana kaYabheshe, wambulala, waza wangena esikhundleni sakhe.
15Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaShalum, neyelenqe awaliqulunqayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
16Ngelo xesha ke uMenahem wasuka eTirza, wahlasela iTifesa nabo bonke ababekweso sixeko nemimandla. Kaloku bona basuka bala ukuvula amasanga abo bezinikezela kuye. Wavuthulula bonke apho, wada wagrabhuza nabafazi abakhulelweyo.
UMenahem ukumkani wakwaSirayeli
17Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anethoba uAzariya elawula kwaJuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya ishumi leminyaka. 18Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. Ngalo lonke ithuba lombuso wakhe akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo.
19Ke kaloku uPuli ukumkani waseAsiriya wahlasela uSirayeli, waza ke uMenahem wamnika amashumi amathathu anesine amawaka eekhilogram zesiliva ukuze amxhase, futhi abe nokumila embusweni wakhe. 20Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.
21Ezinye zeziganeko zolawulo lukaMenahem nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 22UMenahem waya kuphumla nooyise, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uPekaya.
UPekaya ukumkani wakwaSirayeli
23Ngonyaka wamashumi amahlanu elawula kwaJuda uAzariya, uPekaya unyana kaMenahem waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, waza walawula iminyaka emibini. 24Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uPekaya. Akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo. 25Elinye lamaphakathi akhe injengele uPeka unyana kaRemaliya wamenzela iyelenqe. Wathatha amashumi amahlanu kumadoda aseGiliyadi, waza wambulala uPekaya ndawonye noArgobhi noAriye enqabeni yebhotwe lakomkhulu eSamariya. Ewe, uPeka wambulala uPekaya, waza ke wangena esikhundleni sakhe.
26Ezinye zeziganeko zolawulo lukaPekaya nayo yonke imisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
UPeka ukumkani wakwaSirayeli
27Ngonyaka wamashumi amahlanu anambini elawula uAzariya kwelakwaJuda, uPeka unyana kaRemaliya waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya iminyaka emashumi mabini. 28Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.
29Ngexesha likaPeka, ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere weza wafika wathimba i-Iyon, iAbhele-bhete-mahaka, iYanowa, iKedeshe, neHazore. Wayithimba neGiliyadi ndawonye neGalili (lonke elikaNafetali), waza abemi wabafudusela eAsiriya. 30Ke uHosheya unyana kaEla wamenzela iyelenqe uPeka unyana kaRemaliya. Suka wamhlasela wambulala, waza wangukumkani esikhundleni sakhe xa uYotam unyana kaUziya wayekunyaka wamashumi amabini elawula kwaJuda.
31Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaPeka, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
UYotam ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 27:1-9)
32Ngonyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli, uYotam unyana kaUziya wakwaJuda waqalisa ukulawula. 33Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki. 34Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo. 35Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe, abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo.
36Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 37Ngaloo mihla uNdikhoyo waxhokonxa uRezin ukumkani waseSiriya, ndawonye noPeka unyana kaRemaliya, baza bahlasela uJuda. 38UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide uyise. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy