YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 13

13
UYowahazi ukumkani wakwaSirayeli
1Ngonyaka wamashumi amabini anantathu engukumkani uYowashe unyana ka-Ahaziya ukumkani wakwaJuda, uYowahazi unyana kaYehu waba ngukumkani kwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe. 2Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo; ewe, yena wathi nca kuzo. 3Ngoko ke umsindo kaNdikhoyo wavutha ngakuSirayeli. Kwaba lixesha elide emyekele phantsi kwesandla sikaHazayeli, ukumkani wakwa-Aram, ndawonye nonyana wakhe uBhenadadi.
4Ke uYowahazi wakhala kuNdikhoyo, waza ke yena wamphulaphula, kuba wayekubona ukuphatheka kabuhlungu kukaSirayeli phantsi kwesandla sokumkani wakwa-Aram. 5UNdikhoyo wamnika umhlanguli uSirayeli, waza ke waphuncula kweso sandla sama-Aram. USirayeli ke wabuya wadla ngendeb' endala njengangaphambili. 6Kodwa ke akahlukananga nezono zendlu kaJerobhowam, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; ewe, waqhubela phambili ukuzenza. Nentsika ka-Ashera yasala isamile apho eSamariya.
7Ke wona umkhosi kaYowahazi wavuthuluka waphela kwasala amadoda amahashe angamashumi amahlanu, ishumi leenqwelo, neshumi lamawaka lamajoni eenyawo. Kaloku ukumkani wakwa-Aram watshabalalisa konke, washiya kuxusheke ngathi luthuli lexa lokubhula.
8Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaYowahazi, imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 9UYowahazi waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uYehowashe.
UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli
10Ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe kakumkani uYowashe wakwaJuda, uYehowashe unyana kaYowahazi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesithandathu. 11Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akahlukananga nezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; naye waziqhubela phambili.
12Ke ezinye iziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe, ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 13UYehowashe waya kuphumla kooyise, esikhundleni sakhe kwangena uJerobhowam. UYehowashe wangcwatyelwa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli.
14Ngoku ke uElisha wayegula engazi kuphila. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waya kumbona, wamlilela esithi: “Tata wam! Tata wam! Nâzo iinqwelo zabamahashe bakwaSirayeli!”
15UElisha wathi kuye: “Yiza neentolo nesaphetha.” Weza nazo ke, 16waza uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Thatha isaphetha sibe sesandleni sakho.” Akusithatha ke, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezo zokumkani, wathi: 17“Vula ifestile engasempumalanga.” Watsho eyivula ukumkani, waza uElisha wathi: “Dubula!” Wadubula ke ukumkani, uElisha wathi: “Nâlo utolo lukaNdikhoyo loloyiso, utolo lokoyisa ama-Aram! Uya kuwoyisa uwatshabalalise ama-Aram eAfeki.”
18Wabuya ke wathi: “Zithathe ezi ntolo.” Waza wazithatha ke ukumkani. UElisha wathi kuye: “Betha ngazo umhlaba.” Wabetha kathathu, wapheza. 19Ke umfo wakwaThixo wakhathazeka, wathi: “Ngewubethe kahlanu okanye kathandathu, ukuze ube uloyise walitshabalalisa mpela elakwa-Aram. Ngoku uya kuyoyisa kathathu kuphela.”
20UElisha wasweleka, waza ke wangcwatywa.
Ke amaMowabhi ayedla ngokulihlasela elo lizwe ukuthwasa konyaka. 21Kwathi ke kaloku amaSirayeli athile esangcwaba umntu, asuka abona iqela labahlaseli. Othuka, aza ke awuphosa engcwabeni likaElisha loo mzimba, wathi ke loo mzimba wakudibana namathambo kaElisha, suka waphila umntu lowo, wema ngeenyawo.
22UHazayeli ukumkani wakwa-Aram wawacinezela amaSirayeli ngalo lonke ixesha lokulawula lukaYowahazi. 23Kambe ke uNdikhoyo waba nesisa, wahlabeka, wavelana nawo ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi. Unanamhlanje ke akazimiselanga kuwatshabalalisa okanye awagxothe awabhebhethe kuphele.
24Ukumkani uHazayeli wakwa-Aram wasweleka, kwaza esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uBhenadadi. 25Ke uYowahashe unyana kaYowahazi wabuya wazithimba kuBhenadadi unyana kaHazayeli iidolophu awayezohluthe edabini esilwa noyise uYowahazi. Kwaba kathathu uYowahashe emoyisa, waza ke wazibuyisa iidolophu zamaSirayeli.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy