YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 12

12
Ukuhlaziywa kwendlu kaThixo
(2 Gan 24:1-16)
1Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe kaYehu uYowashe waba ngukumkani, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha. 2Ngalo lonke ixesha eboniswa ngumbingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo. 3Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshatyalaliswe, abantu baqhuba benqula kuzo, besenza amadini, betshisa iziqhumiso.
4UYowashe wathetha nababingeleli, wathi: “Qokelelani yonke imali eyiminikelo eziswa endlwini kaNdikhoyo; imali eqokelelwe ngobalo, imali yezifungo zabantu, ndawonye nemali eziswa endlwini kaThixo ngabo bazivayo. 5Umbingeleli ngamnye makathathe imali komnye woonondyebo, ize isetyenziswe ekulungiseni nawuphi na umonakalo ofumaneka endlwini kaThixo.”
6Kodwa ke yada yaba ngunyaka wamashumi amabini anantathu kakumkani uYowashe ababingeleli bengekayihlaziyi indlu kaThixo. 7Ngoko ke ukumkani uYowashe wabiza umbingeleli uJoyada nabanye ababingeleli, wababuza wathi: “Ngani ukuba nibe anikawulungisi umonakalo osendlwini kaThixo? Niyabona ke, sanukuba sathatha mali koonondyebo, koko yonke imali yinikezeleni ukuze kuhlaziywe ngayo indlu kaThixo.” 8Bavuma ke ngoko ababingeleli ukuba abayi kuba saqokelela mali yimbi ebantwini, futhi bengayi kuyihlaziya ngokwabo indlu kaThixo.
9Umbingeleli uJoyada wathatha ityesana, wayigqobhoza isivalo, waza wayibeka kwicala lasekunene endlwini kaNdikhoyo kufutshane neqonga, ababingeleli ababegada isango bayigalela kuyo yonke imali eyayisiza nabantu endlwini kaNdikhoyo. 10Yayisithi yakuba sisixa imali leyo apho kuloo tyesana, unobhala wasebhotwe kunye nombingeleli omkhulu beze bayibale imali ezisiweyo endlwini kaNdikhoyo, baze bayifake ezingxoweni. 11Ithe ke imali yakuba sisixa esithile, bayithatha bayinikela kwabo babemiselwe ukongamela umsebenzi wendlu kaThixo. Ngayo ke bahlawula abo babesebenza endlwini kaNdikhoyo, abachweli, nabakhi, 12nabavusi beendonga, nabakroli bamatye. Bathenga imithi namatye ahonjisiweyo okulungisa indlu kaNdikhoyo, bahlawula zonke iindleko zokuhlaziya indlu kaThixo.
13Le mali yayiziswe endlwini kaThixo ke ayichithwanga ekwenzeni izitya zesiliva, izikhwezeli, izitya zokutshiza, amaxilongo, nayo nayiphi na into yendlu kaNdikhoyo eyenziwe ngegolide okanye isiliva, 14koko ngayo kwahlawula abasebenzi, baza bahlaziya indlu kaThixo ngayo. 15Zange bafune nkcukacha kwabo babebanikela ukuba bahlawule abasebenzi, kuba babesebenza ngokunyaniseka. 16Ke yona imali yeminikelo yobutyala neyamadini esono yayingeziswa endlwini kaNdikhoyo, kuba yayiyeyababingeleli.
17Ngeli thuba ke ukumkani wakwa-Aram uHazayeli wahlasela iGati wayithimba. Wabuya ke wahlasela neJerusalem. 18Kambe ke ukumkani uYowashe wakwaJuda wazithatha zonke izinto ezingcwele ezazinikelwe ngooyise – uYoshafati noYehoram noAhaziya, ookumkani bakwaJuda – kunye nezipho ezazinikelwe nguye ngokwakhe, nayo yonke igolide eyafumaneka koovimba bendlu kaNdikhoyo, naleyo yasebhotwe, waza wazithumela kukumkani uHazayeli wakwa-Aram, owathi ke akuzifumana warhoxa eJerusalem.
19Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaYowashe, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 20Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, ambulala eBhete-milo kwindlela eya eSila. 21Loo maphakathi ambulalayo yayinguYozakare unyana kaShimeyati noYozabhele unyana kaShomere. Wasweleka ke, waza ke wangcwatywa phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAmaziya.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy