YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 11

11
UAtaliya noYowashe
(2 Gan 22:10 – 23:21)
1UAtaliya unina ka-Ahaziya wathi akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yakomkhulu. 2Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, engudade boAhaziya wasuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala, emzimelisa kuAtaliya. Ngaloo ndlela ke wasinda ekufeni. 3Wahlala ezinyeliswe naloo neni ke apho endlwini *kaNdikhoyo kwada kwayiminyaka emithandathu, xesha elo wayesalawula uAtaliya.
4Ngonyaka wesixhenxe umbingeleli uJoyada wabiza iingqawyi-ngqwayi ezikhokela abalindi basebhotwe nababekomkhulu jikelele, waza wathi maziye endlwini kaThixo, zenze isifungo, zinqophisane ukumxhasa kwinto awayeyicebisa. Wazibonisa uYowashe unyana kakumkani uAhaziya. 5Waziyala wathi: “Nina maqela mathathu asebenzayo *ngoMhla woPhumlo, iqela lokuqala loba sebhotwe, 6elesibini libe kwisango iShure, lize elesithathu libe sesangweni elisemva kwabalindi abo babolekisana ngokulinda indlu kaThixo. 7Ke nina bakumaqela amabini angadli ngokusebenza ngoMhla woPhumlo, niya kugada ukumkani endlwini kaThixo. 8Ze nime ningqonge ukumkani, indoda nganye ixhobile. Nabani na othe cakatha makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”
9Iingqwayi-ngqwayi zamabutho lawo ke zenza njengoko zaziyalelwe ngumbingeleli uJoyada. Nganye kuzo yemka neqela layo, abo babesebenza *ngoMhla woPhumlo nabo babephumile emsebenzini, bonke baya kumbingeleli uJoyada. 10Ke iingqwayi-ngqwayi zamaqela wazinika imikhonto namakhaka lawo awayengawokumkani uDavide egcinwe endlwini kaNdikhoyo. 11Ngenene ke abalindi bonke bamphahla ukumkani bexhobile, bemi ngaseqongeni lendlu kaThixo, ukusukela kwicala elingasezantsi ukuya kwelingasentla apho endlwini kaThixo.
12UJoyada waphuma naye unyana kakumkani, waza wamthwesa isithsaba, wamnika umnqophiso obhaliweyo, ebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, baza ke abantu baduma badanduluka bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”
13Akuva loo ntswahla yayisenziwa ngabalindi ndawonye nabantu, uAtaliya waya ebantwini endlwini kaNdikhoyo. 14Akukhangela wabona tyhini nanko ukumkani emi ngasentsikeni ngokusesikweni. Amaphakathi nabakhalisi-maxilongo babephahle ukumkani, baye bonke abemi belizwe benemihlali bekhalisa amaxilongo. Ke uAtaliya wasuka wazikrazula izambatho zakhe, wadanduluka wathi: “Uvukelo! Uvukelo!”
15Umbingeleli uJoyada wayalela iingqwayi-ngqwayi zamabutho omkhosi, wathi: “Mthatheni nimkhuphe phakathi kwamabutho; nabani na omlandelayo nimbulale ngekrele.” Kaloku umbingeleli wayesithi: “Makangabulawelwa endlwini kaNdikhoyo.” 16Ngoko ke bambamba xa efika kwiSango lamaHashe eyadini yakomkhulu, bambulalela apho.
17Ke kaloku uJoyada wenza umnqophiso phakathi kukaNdikhoyo nokumkani ndawonye nabantu wokuba baya kuba ngabantu bakaNdikhoyo, waba lingqina nakumnqophiso ophakathi kwabantu nokumkani. 18Bonke abantu belizwe elo ke baya endlwini yokunqula uBhali, bafika bayidiliza. Amaqonga ndawonye nemifanekiso bayintlekeza yaziingceba, baza bambulala umbingeleli kaBhali uMatan apho phambi kwamaqonga.
Umbingeleli uJoyada wamisa abalindi apho endlwini kaNdikhoyo. 19UJoyada wahamba neengqwayi-ngqwayi zabalindi basebhotwe nabo bakomkhulu, bamxhaka ukumkani ukusuka endlwini kaThixo ukuya komkhulu, belandelwa ngabantu bonke. Bangena ngesango labalindi, waza ukumkani wachopha esihlalweni. 20Xa bebonke ke abantu babenemihlali bevuya, nesixeko ngokwaso sizolile ngoku abuleweyo ngekrele uAtaliya apho komkhulu.
21UYowashe waba ngukumkani xa eneminyaka esixhenxe ezelwe.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy