YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 12

12
Imibono nezityhilelo zikaPawulos
1Ndiya kuqhayisa ke khona, nakuba loo nto ingancedi nje. Ndiza kubalisa ngemibono nangezityhilelo zeNkosi. 2Kukho mfo uthile womKrestu owathi kwiminyaka elishumi elinane eyadlulayo, wathwetyulelwa phezulu ezulwini. (Andazi phofu nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje; kwazi uThixo kuphela.) 3-4Ndiyaphinda ndithi loo mfo wathwetyulelwa ezulwini. (Ndiphinde ndithi kwakhona nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje, andazi; kwazi uThixo kuphela.) Wathwetyulelwa apho akhoyo uThixo. Apho ke weva amazwi angathethekiyo, ekungavumelekanga nokuba athethwe mntu. 5Nguloo mfo ke lo ndiza kuqhayisa ngaye. Mna andizi kuzingca nganto ngaphandle nje kwezo zibonakalisa ubuthathaka bam. 6Phofu ukuba bendingafunayo ukuqhayisa bendingayi kuba ndisisidenge, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso. Kodwa ke andizi kuqhayisa, kuba andifuni kubekho mntu undicingela ngaphezu kwaloo nto ndiyiyo ekwenzeni nasekuthetheni.
7Ngoko ke, ukuze ndingakhukhumali likratshi ngenxa yezi zityhilelo zimangalisayo, ndabethwa ngesifo esaba sisithunywa sikaSathana ukuze sindintlithe ndingazingci ngokugqithisileyo. 8Ndayithandaza kathathu iNkosi, ndiyicela ukuba isisuse kum. 9Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam. 10Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.
UPawulos uxhalela amaKorinte
11Ndenze ubudenge ngokuqhayisa, kodwa nini abandibangele obo budenge. Bendifanele ukuba ndinconywe nini; kuba, nokuba andinto na, andikho nganeno kodwa kwabo singa-bathunywa benu! 12Nizibone ngawenu amehlo iimpawu *zomthunywa ngemiqondiso yamandla nemimangaliso endathi rhoqo ukuyenza phakathi kwenu. 13Ngaba kukho nto iyenye na ndanenzela yona kakubi nina kunamanye amabandla, ngaphandle nje kokuba ndingabanga ngumthwalo kuni? Ndiyaxolisa ke ngelo xanasi! 14Ngoku sesesithathu isihlandlo ndikulungele ukuza kunibona; ndaye ndingazi kuba ngumthwalo konke kuni. Ndixabise nina kunemali yenu. Andibi kanene ngabazali abondla abantwana, ayingobantwana abondla abazali! 15Kungamnandi kakhulu kum ukuba mna ndinokudleka, ewe, ndichithe konke endinako ngenxa yenu. Ndinithanda kangaka nje mna, ngaba nina nindithanda kancinane?
16Ewe, nokuba bendingengomthwalo kuni, nisenokutsho ukuthi ndaninyusha ngobuqhetseba bam. 17Njani? Yiyiphi kumadoda endawathuma kuni, endathi maze inixhaphaze? 18UTito ndamthundeza ukuze anihambele, ekhatshwa ngulaa mwethu ndandimthume kuni. Ningatsho ukuthi uTito waninyusha? Ningathini kaloku nisazi kakuhle nje ukuba yena nam sineenjongo ezinye, siqhuba ngenkqubo enye?
19Kungenzeka kambe ukuba ngalo lonke eli xesha niba ndiyazithethelela kuni. Hayi, ndithetha phambi koThixo, ndingokaKrestu, yaye nenjongo yam ikukuba nakheke, zihlobo zam ezithandekayo. 20Ndinoloyiko lokuba ndifike apho ningeyiyo into endinqwenela ukufika niyiyo, nam ndingeyiyo leyo nindinqwenelela ukuba ndibe yiyo. Ndinoloyiko hleze ndifike kukho iingxabano nomona, imisindo nolunya, izinyeliso neentlebendwane, amayelenqe neziphithi-phithi. 21Ndinexhala lokuba ndakuthi ndakufika apho andiphoxe uThixo wam, ndilile phambi kwenu ngenxa yabo bonileyo baza àbaguquka ekungcoleni abakwenza ngombulo nokurheletya.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy