YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 11

11
UPawulos nabathunywa bobuxoki
1Bendinga ningakhe nindinyamezele kancinane kobu budenge bam; ngenene ndinyamezeleni! 2Ndinekhwele ngani kanye ngale ndlela uThixo anekhwele ngayo ngani; ninjengentombi enyulu endiyendisela esokeni elinye qha, elinguKrestu. 3Kambe ndinoloyiko hleze iingqondo zenu ziwexuleke, nikutyeshele ukuzondelela uKrestu, kanye ngalaa ndlela uEfa walukuhlwa ngayo bubuqhetseba benyoka. 4Kaloku nithakazelela nabani na oza kuni anishumayeze uKrestu ongomnye, ongenguye lo ndamshumayelayo; nize ninyamazele nabani na oza nomoya ongenguye lo namnikwayo. Namkela neendaba ezinxamnye neendaba ezimnandi enazifumana kuthi.
5Akukho nto ndisilela ngayo kwabo bathunywa benu baxabisekileyo! 6Kungenzeka ukuba andilociko ekuthetheni, kodwa ke ndinalo lona ulwazi. Iye yacaca le nto kuni amaxesha ngamaxesha naphantsi kweemeko ngeemeko.
7Ngokuya ndandinishumayeza iindaba ezimnandi zikaThixo zange ndinihlawulise nento le; ndazithoba mna ukuze nizimaseke nina. Ngaba ndona ngokwenjenjalo? 8Ngokuya ndandisebenza phakathi kwenu ndandibonelelwa ngamanye amabandla. Ngenye indlela ndandiwaqhatha ukuze ndincede nina. 9Ngelo xesha ndandinani andizange ndinikhathaze ngakufuna nto kuni xa ndandiswele imali. Amakholwa awayevela eMakedoni andiphathela yonke into endandiyiswele. Njengakwixesha elidlulileyo, koba njalo nakwelizayo: andisoze ndibe ngumthwalo kuni! 10Ndithetha ndingokaKrestu nje, eli qhayiya ndinalo lokuba ndingengomthwalo kuni aliyi kunqandwa bani kulo lonke elaseAkaya. 11Ndiyithethiswa yintoni ke le nto? Ngaba kungenxa yokuba ndinganithandi? UThixo uyazi ukuba ndiyanithanda!
12Ndiya kuqhubela phambili ndisenza le nto ndiyenzayo, ukuze ndibavalele abo bathunywa babo bangabi nandlela yakuqhayisa, besithi benza kwalo msebenzi ndiwenzayo. 13Loo madoda ayingobathunywa – angoosinga-bathunywa; azithethelela ngobuqhetseba, azenze akhangeleke ngathi angabathunywa bakaKrestu ngenene. 14Ayimangalisi loo nto, kuba noSathana ngokwakhe uzenza akhangeleke ngathi sisithunywa sokukhanya. 15Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.
Ubunzima obathwalwa nguPawulos
16Kwakhona ndithi makungabikho bani uba ndisisidenge. Kodwa ukuba nithi ndisisidenge, ze nindinyamezele ke njengesidenge, oku kokuba ndifumane ithutyana lokuqhayisa. 17Ngenene le nto ndiyithethayo ngoku andiyithunywanga yiNkosi. Kulo mbandela wokuqhayisa ndithetha njengesidenge mpela. 18Kodwa ke ngenxa yokuba bebaninzi kangaka nje abaqhayisa ngamabakala eli hlabathi, nam ndiya kwenjenjalo. 19Nakuba nina nilumke kangaka nje niyakuthakazelela kodwa ukunyamezela izidenge! 20Ninyamezela nabani na onivuyelelayo, okanye onixhaphazayo, okanye ozanyiselelayo, okanye onijongele phantsi, okanye oniqhwabayo. 21Ndineentloni ukuyivuma loo nto; kambe mna ndaba ligwala!
Kodwa ke ukuba kukho bani onobuganga bokuqhayisa – ndivakala njengesidenge – nam ndiya kuba nobuganga obukwanjalo. 22Ngaba bangamaHebhere na? Nam ndinguye. BangamaSirayeli? Nam ndinguye. Ngaba bayinzala ka-Abraham na? Nam ndiyiyo. 23Bazizicaka zikaKrestu na? – Ndivakala njengegeza – Nam ndisiso, nangaphezulu! Ndisebenze nzima ngokungaphezulu, ndivalelwe kaninzi entolongweni, ndikatswe kaninzi, ndilikrobe kaninzi ingcwaba. 24Kukahlanu ndikatswa imivumbo engamashumi amathathu anethoba ngamaJuda. 25Ndikatswe izihlandlo ezithathu ngamaRoma, futhi ndakha ndaxulutywa ngamatye. Kukathathu ndiqhekekelwa yinqanawa elwandle; ndakha ndachitha ubusuku nemini enzonzobileni yamanzi. 26Ndaba soloko ndiseluhambeni; ndibe sezingozini emilanjeni, iingozi kwizihange, iingozi kumawethu, iingozi kwabasemzini, iingozi ezidolophini, iingozi emaphandleni, iingozi elwandle, iingozi nakwabanga bazizihlobo. 27Ndaba soloko ndisebenza nzima, ndibulaleka; ndaba soloko ndingalali; ndilamba, ndinxanwa; ndaba soloko ndiswele ukutya okwaneleyo, indawo yokuhlala, nempahla yokunxiba. 28Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla. 29Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.
30Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam. 31UThixo uYise weNkosi uYesu – malidunyiswe igama lakhe njalo-njalo – uyazi ukuba andixoki. 32Xa ndandiseDamasko irhuluneli ephantsi kokumkani uAreta yabeka abalindi emasangweni edolophu ukuze bandibambe. 33Kodwa ndathotywa ngebhaskiti kwikroba elaliseludongeni, ndasinda ke.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy