YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 7

7
Ukuvulwa kwendlu kaThixo
(1 Kum 8:62-66)
1Ke kaloku uSolomon uthe akugqiba ukuthandaza, suka kwehla umlilo uphuma ezulwini, walidla elo dini litshiswayo kunye neminikelo, kananjalo ubukhazikhazi *bukaNdikhoyo bayizalisa indlu. 2Ababingeleli zange babe saba nako ukungena apho endlwini kaNdikhoyo, kuba kaloku ubukhazikhazi bukaNdikhoyo babuyizalisile. 3Xa ewonke ke amaSirayeli athe akuwubona umlilo usihla, kananjalo nobukhazikhazi bukaNdikhoyo buyigubungele indlu leyo, asuka ee guqaqa ejonge phantsi, enqula uNdikhoyo, embonga esithi:
“Hayi ke bethu, ukulunga kwakhe!
Izibele zakhe zimi ngonaphakade!”
4Ke ukumkani ndawonye nabantu bonke benzela uNdikhoyo amadini. 5Ukumkani uSolomon wenza idini ngeenkomo ezingamawaka angamashumi amabini anambini, kunye neegusha neebhokhwe ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka. Ngaloo ndlela ke ukumkani kunye nabantu bonke bayivula beyinikela indlu kaThixo. 6Ababingeleli kunye nabaLevi bema ngeendawo zabo, abaLevi bephethe izikhalisi zokudumisa uNdikhoyo, ezo ukumkani uDavide wayezenzele ukuba zikhaliswe xa bebulela besithi: “Izibele zakhe zimi ngonaphakade.” Ababingeleli babekhangelene nabaLevi, bona bekhalisa amaxilongo, amaSirayeli onke emi ngeenyawo.
7USolomon wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, wanikela namanqatha angumnikelo wobudlelwane. Kaloku iqonga lobhedu awayelenzile lalingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, namadini enziwa ngamanqatha.
8Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko iintsuku zasixhenxe, enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa. 9Ngosuku lwesibhozo benza intlanganiso. Kaloku itheko lokunikezela iqonga lathatha iintsuku ezisixhenxe, kananjalo nombhiyozo waziintsuku ezisixhenxe. 10Ke ngosuku lwamashumi amabini anantathu kwinyanga yesixhenxe wawandulula agoduka amaSirayeli onwabile enemihlali ngenxa yezinto ezintle uNdikhoyo awayezenzele uDavide noSolomon kunye nabantu bakhe amaSirayeli.
UNdikhoyo ubonakala kuSolomon
(1 Kum 9:1-9)
11Ke uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe, ekufezile nako konke awayezimisele ukukwenza endlwini kaNdikhoyo nakwelo bhotwe lakhe, 12suka uNdikhoyo wabonakala kuye ebusuku, wathi:
“Ndiwuvile umthandazo wakho, ngoko ke le ndawo ndizinyulele yona ukuba ibe yindlu yam yamadini.
13“Ngoko ke kuya kuthi xa ndithe ndawavala amazulu akwabikho mvula, okanye xa ndithe ndathumela iinkumbi zalivikiva eli lizwe, mhlawumbi xa ndithe ndathumela ubhubhani wesifo phakathi kwabantu bam, 14ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo. 15Ewe, amehlo am aya kuhlala ejongile, neendlebe zam ndihlale ndizibazele imithandazo eyenziwa kule ndawo. 16Le ndlu ndiyinyule ndayingcwalisa ukuze igama lam lihlale apha kuyo ngonaphakade. Intliziyo yam namehlo am ohla ekule ndawo.
17“Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam, 18ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho njengoko ndandinqophisene noyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda engumlawuli kwaSirayeli.’
19“Kambe ke ukuba nithe nayijikela nayilahla imimiselo nemiyalelo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula thixo bambi, 20mna ndomncothula uSirayeli kweli lizwe lam ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ewe, ndiya kuyenza undaba-mlonyeni, ibe sisigculelo kuzo zonke izizwe. 21Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka, bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’ 22Bophendula ke abantu bathi: ‘Kungenxa yokuba aba bantu besuke bamfulathela uNdikhoyo uThixo wooyise, lowo wabakhupha eJiputa. Basuke baqhogana nathixo bambi, bababusa babanqula. Kungenxa yeso sizathu ke ebathobele esi sithwakumbe nje.’ ”

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy