YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 5

5
1Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide (isiliva, igolide, nazo zonke ezinye izinto zokusebenza) waza ke wazifaka koovimba bendlu kaThixo.
Ityesi iziswa endlwini kaThixo
(1 Kum 8:1-9)
2Ke kaloku uSolomon wawabizela eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon isixeko sikaDavide. 3Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe.
4Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, abaLevi bayithatha ityesi, 5kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli ababengabaLevi bazithwala ezo zinto. 6Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, ziyinyambalala engenakubalwa.
7Ababingeleli ke bayithatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa endaweni yayo kwigumbi elingaphakathi endlwini kaThixo – ingcwele kangcwele – bayibeka phantsi kwamaphiko ezo *zithunywa zimaphiko. 8Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha. 9La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphetho zawo kumntu ophambi kwegumbi elingaphakathi, kodwa ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje. 10Apho kuloo tyesi kwakungekho nto ngaphandle kwamacwecwe amabini amatye, lawo ayefakwe kuyo nguMosis eHorebhe, apho uNdikhoyo wenza umnqophiso namaSirayeli akuba ephumile eJiputa.
11Ke kaloku ababingeleli abo baphuma apho endaweni engcwele. Bonke ababingeleli ababelapho – nditsho abeendidi zonke – babezihlambulule. 12Bonke abaLevi ababeziimvumi – uAsafu, uHeman, noJedutun, noonyana babo, nezizalwane zabo – babemi kwicala lasempuma apho eqongeni, bevethe ezelinen entle kunene, bakhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe. Babekhatshwa likhulu elinamashumi amabini lababingeleli behlokomisa amaxilongo. 13Abo bamaxilongo ngokunjalo nabaculayo batsho ngoncuthu oluyondeleleneyo, ngazwi-nye bedumisa bebulela uNdikhoyo. Babekhatshwa ngamaxilongo, amacangci, nezinye izikhalisi. Ewe, badanduluka ngendumiso bebonga uNdikhoyo besithi:
“Hayi ke bethu ukulunga kwakhe;
izibele zakhe zimi ngonaphakade!”
Ke kaloku indlu kaNdikhoyo leyo yazaliswa lilifu. 14Ngenxa yelo lifu ababingeleli ababanga nako ukwenza imisebenzi yabo. Kaloku ubukhazikhazi besidima sikaNdikhoyo babuyizalisile indlu leyo kaThixo.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy