YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 3

3
USolomon wakha indlu kaThixo
(1 Kum 6:1-38)
1Ke kaloku uSolomon waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo eJerusalem kwintaba iMoriya, apho uNdikhoyo wayebonakele khona kuyise uDavide. Kwakuloo ndawo yalungiselelwa nguDavide esandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi. 2Ke ukwakha oko wakuqala ngomhla wesibini kwinyanga yesibini ngonyaka wakhe wesine engukumkani.
3Isiseko sendlu kaThixo eyakhiwe nguSolomon sasiziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe ubude, siziimitha ezilithoba ububanzi. 4Ke yona ivaranda phambili phaya yayiziimitha ezilithoba ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezingamashumi amahlanu anane. Umphakathi lo ke wona wawutyatyekwe ngegolide. 5Igumbi elikhulu laloo ndlu walaleka ngompayini, walityabeka ngegolide, walihombisa ngemifanekiso yamasundu nemixokelelwana. 6Ewe, indlu kaThixo wayihombisa ngamatye axabisekileyo. Wayesebenzisa igolide yasePavayim. 7Imiqadi, imigubasi, iindonga, neengcango, zonke wazityabeka ngegolide; ezindongeni wakrola *izithunywa ezimaphiko.
8Walakha negumbi eliyingcwele kangcwele. Ubude balo babulingana nobubanzi bendlu iyonke, liziimitha ezilithoba ubude nobubanzi. Iindonga zalo wazityabeka ngegolide engaphezu kweetoni ezingamashumi amabini. 9Izikhonkwane zegolide ezazisetyenziswa zazinobunzima obungamakhulu amahlanu anamashumi asixhenxe eegram. Kananjalo namagumbi aphezulu wawatyabeka kwangegolide.
10Ngaphakathi apho kwigumbi eliyingcwele kangcwele wakrola izithunywa ezimaphiko zazibini, wazityabeka ngegolide. 11-12Iphiko ngalinye lezo zithunywa laliziimitha ezimbini ezinekota ubude balo. Isithunywa ngasinye sasithe naa amaphiko, elinye ke iphiko lirhece udonga lwendlu leyo; kanti ke amabini amaphiko kwezo zithunywa ayerhecana. 13Amaphiko ezi zithunywa ayethathe umgama oziimitha ezilithoba. Zazimi ngeenyawo, zikhangele ngaphakathi.
14Umkhusane wawenza ngelaphu eliluhlaza, nelimsobo, nelimfusa, waza wawuhombisa ngemifanekiso ethungiweyo yezithunywa ezimaphiko.
Iintsika ezimbini
(1 Kum 7:15-22)
15Phambi kwendlu leyo wamisa iintsika ezimbini, nganye kuzo iziimitha ezilishumi elinesihlanu ezinesiqingatha ubude. Intsika nganye yayinentloko ekuphakama kuziimitha ezimbini ezinekota. 16Wenza nemixokelelwana ephotheneyo, wayithi cwa kwezo ntloko zezo ntsika. Kuloo mxokelelwano wanxibelela iirharnathi ezilikhulu. 17Ezo ntsika wazimisa apho phambi kwendlu kaThixo, enye ngezantsi enye ngasentla. Le ingezantsi kwathiwa nguJakin, le ingentla yona kwathiwa nguBhowazi.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy