YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 27

27
UYotam ukumkani wakwaJuda
(2 Kum 15:32-38)
1UYotam waqala ukulawula eneminyaka engamashumi amabini anantlanu, waza ke wangukumkani eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki. 2Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, kambe akaxelisanga uyise ngokungena endlwini kaNdikhoyo. Kambe ke bona abantu abaziyekanga iindlela zabo zokonakala. 3UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo, kananjalo wenza umsebenzi omkhulu eludongeni kwinduli yeOfeli. 4Wakha iidolophu kwiinduli zelakwaJuda, ngokunjalo neenqaba neemboniselo kwimimandla yamahlathi.
5UYotam walwa nabo ookumkani bama-Amon waboyisa. Ngaloo nyaka ke ama-Amon arhuma kuye isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu namakhulu amane, newaka leetoni zengqolowa, kwakunye newaka leetoni zerhasi. Enjenjalo ukurhuma ke ama-Amon iminyaka yada yamithathu.
6UYotam wakhula ngobungangamsha, kuba kaloku wayebambelele ngokupheleleyo kuNdikhoyo uThixo wakhe.
7Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, kwakunye neemfazwe awazilwayo, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda. 8Waqala ukulawula enamashumi amabini anantlanu, waza ke walawula ishumi elinesithandathu leminyaka. 9UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 27: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy