YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 18

18
UMika ulumkisa uAhabhi
(1 Kum 22:1-28)
1Ke kaloku uYoshafati wayemkhulu ngobutyebi nesidima, waza wazihlobanisa noAhabhi ngobulawu. 2Emva kweminyaka ke waya kutyelela uAhabhi eSamariya. UAhabhi ke wamxhelela iigusha ezininzi, ngokunjalo neenkomo, esenzela yena neqela lakhe; kananjalo wamcenga ukuba ahlasele iRamoti yaseGiliyadi. 3UAhabhi ukumkani wakwaSirayeli wacela uYoshafati wathi: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”
UYoshafati wathi: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho. Siya kuba kunye kule mfazwe.” 4Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”
5Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli waqokelela abashumayeli abangamakhulu amane, wabuza wathi: “Singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”
Bathi: “Yiya; uThixo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”
6Kambe ke uYoshafati wathi: “Akusekho mshumayeli kaNdikhoyo na apha esinokubuza kuye?”
7Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.”
UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”
8Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza elinye lamaphakathi akhe, wathi kulo: “Khawuleza uze noMika, unyana kaImla.”
9Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda babevethe ezobukhosi, bengqendeve ezihlalweni zabo esandeni sokubhula esikufuphi nesango laseSamariya, nabashumayeli belapho phambi kwabo beshumayela. 10Ke uZedekiya, unyana kaKenana, wayenze iimpondo ngentsimbi, waza ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngezi mpondo ùya kuwahlaba uwatshabalalise ama-Aram.’ ” 11Nabanye ke abashumayeli bashumayela kwaloo nto, besithi: “Phakathi! Yihlasele iRamoti yaseGiliyadi. Uza kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani.”
12Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”
13UMika ke yena wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ndiza kuthetha kuphela loo nto andixelela yona uThixo wam!”
14Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”
UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba baza kunikelwa esandleni senu!”
15Ukumkani wathi kuye: “Koda kube kangaphi ndikufungisa ndisithi musa ukundixelela nto yimbi ngaphandle kwenyaniso egameni likaNdikhoyo?”
16UMika wathi: “Ewe, uSirayeli ndimbone ethe saa ezintabeni, engathi ziigusha ezingenamalusi; waza uNdikhoyo wathi: ‘Aba bantu abanankosi, ngoko ke elowo nalowo makagoduke ngoxolo.’ ”
17Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ukuba lo mfo akaze ashumayele into entle ngam, koko zezimbi zodwa!”
18Ke uMika waqhuba wathi: “Ngoko ke liveni ilizwi likaNdikhoyo. UNdikhoyo ndimbone ehleli esihlalweni sakhe, umkhosi wonke wasezulwini umi ngasekunene nangasekhohlo kwakhe. 19Waza ke yena wathi: ‘Yaz' ukuba ngubani na oya kulukuhla uAhabhi aze ahlasele iRamoti yaseGiliyadi, khon' ukuze afele khona?’ Omnye uthethe ngolu hlobo, waza ke omnye wathetha ngoluya. 20Ekugqibeleni ke kuvele moya uthile, wema phambi koNdikhoyo, wathi: ‘Ndiya kumlukuhla mna.’ 21‘Uya kumlukuhla kanjani?’ ubuzile uNdikhoyo. Umoya lowo uthe: ‘Ndophuma ndiye ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abashumayeli.’ Waza ke uNdikhoyo wathi: ‘Hamba ke, wenjenjalo; uya kuphumelela ekumlukuhleni.’ 22Ke ngoku uNdikhoyo ufake umoya wobuxoki emilonyeni yabo bonke aba bashumayeli bakho. Ewe, uNdikhoyo ukumisele intlekele.”
23Wasuka ke uZedekiya unyana kaKenana waya kuMika, wafika wamqhwaba ngempama, wathi: “Ugqithe phi na kum loo moya kaNdikhoyo ukuba aye kuthetha kuwe?”
24UMika wathi: “Loo nto uya kuyiqonda mhla waya kuzimela kwigumbi elingaphakathi.”
25Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Mthatheni uMika lo, nimse kuAmon usibonda wesixeko noYowashe unyana kakumkani, 26nithi: ‘Utsho ukumkani ukuthi: Valelani lo mfo entolongweni, angatyi nto ngaphandle komxheshwana wesonka namanzi, ndide ndibuye ndiphilile.’ ”
27Ke uMika wathi: “Ukuba ngaba ungabuya uphilile, woba uNdikhoyo engathethanga ngomlomo wam.” Waza ke wongezelela ngelithi: “Wagqaleni la mazwi xa ninonke, bantundini!”
Ukufa kuka-Ahabhi
(1 Kum 22:29-35)
28Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda benyuka baya eRamoti yaseGiliyadi. 29Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.
30Ke ukumkani wama-Aram waziyalela iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakhe wathi: “Ze ningalwi naye nawuphi na omnye umntu, nokuba ngomncinci, nokuba ngomkhulu, yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.”
31Zithe ke iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala, waza ke uNdikhoyo wamhlangula. Ewe, uThixo wenza ukuba zirhoxe zimke ngakuye; 32kaloku zathi iingqwayi-ngqwayi ezo zakuqonda ukuba akanguye ukumkani wakwaSirayeli, zayeka ukumsukela.
33Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.” 34Idabi laqhuba ke yonke loo mini, wabe yena ukumkani wakwaSirayeli emi ebambelele enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram kwada kwahlwa. Kambe ke ukutshona kwelanga wafa.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy