YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 15

15
Uhlaziyo luka-Asa
1Ke kaloku uMoya kaThixo wafikela uAzariya unyana kaOdede, 2waza wanduluka waya kuAsa, wafika wathi kuye: “Khanindiphulaphule, Asa, nani nonke maJuda namaBhenjamin! Niyabona, *uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya. 3Yaba lithuba elide amaSirayeli engenaye uThixo wokwenene, engenaye nambingeleli wakufundisa; ewe, engenawo namthetho. 4Kuloo nkxwaleko ke abuyela kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, amfuna, aza amfumana. 5Ngaloo mihla kwakungumngcipheko ukuhamba-hamba, kuba kaloku abemi belizwe babephithizela. 6Isizwe sasitshatyalaliswa sesinye, isixeko sibhuqwa sesinye, kuba uThixo wayebaphithizelisa ngeendidi zonke zeenkxwaleko. 7Kambe ke nina yomelelani ninganikezeli, kuba umsebenzi wenu woba nomvuzo.”
8Suka ke uAsa wakhuthazeka akuyiva intshumayelo yomshumayeli unyana kaOdede. Wayitshitshisa imifanekiso engamasikizi kuwo wonke umhlaba wakwaJuda nowakwaBhenjamin, nakwiidolophu awazithimba kweleentaba lakwaEfrayim. Walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliphambi kwevaranda yendlu kaNdikhoyo. 9Waza ke wamqokelela wonke uJuda noBhenjamin kwakunye namaEfrayim, amaManase, namaSimon awayeze kuma phakathi kwabo; kaloku into eninzi kubo yayimshiyile uSirayeli, yeza kuAsa, yakuqonda ukuba uNdikhoyo uThixo wakhe ungakuye.
10Ewe, bahlanganisana eJerusalem ngenyanga yesithathu kunyaka weshumi elinesihlanu wolawulo luka-Asa. 11Ngelo thuba ke benzela uNdikhoyo amadini ngamakhulu asixhenxe eenkomo namawaka asixhenxe eegusha neebhokhwe; mfuyo leyo ke yayingamaxhoba ababuya nawo. 12Bazibophelela kumnqophiso wokufuna uNdikhoyo uThixo wooyise ngomxhelo wabo wonke nangomphefumlo wonke. 13Ke bona bonke ababengazimiselanga ukumfuna uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bamiselwa ukubulawa, omdala nomncinci, oyindoda nongumfazi. 14Bafunga phambi koNdikhoyo, baduma batsho ngentswahla namaxilongo nezigodlo. 15Wonke uJuda wasithakazelela eso sifungo kuba wayesenze ngomxhelo wakhe wonke. UThixo bamfuna ngolangazelelo, baza ke bamfumana. Ngoko ke uNdikhoyo wabaphumza ngeenxa zonke.
16Ukumkani uAsa wamkhiqa unina-khulu uMaka kwisikhundla sokuba yikumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika wayinqunqa, waza wayitshisa kwintili yeKedron. 17Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaSirayeli, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe. 18Wayizisa endlwini kaThixo isiliva negolide nenye impahla yonqulo, leyo yena noyise babeyenze umnikelo.
19Akuphindanga kubekho mfazwe, yada yangunyaka wamashumi amathathu anantlanu wolawulo luka-Asa.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy