YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 14

14
1UAbhiya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko sikaDavide. UAsa unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
UAsa ukumkani wakwaJuda
2UAsa yena wênza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakhe. 3Wazitshabalalisa iindawo eziphakamileyo zonqulo ndawonye namaqonga asemzini; wawacumza amatye anqulwayo, wazigawula iintsika zika-Ashera. 4UJuda wamyalela ukuba alandele uNdikhoyo uThixo wooyise, ayithobele imithetho nemiyalelo yakhe. 5Wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo namaqonga eziqhumiso kuzo zonke iidolophu zakwaJuda, laza ke ilizwe laxhamla inzolo ngexesha lakhe. 6Ngelo thuba lenzolo ke wazihlaziya wazakha izixeko ezinqatyisiweyo zelakwaJuda. UNdikhoyo ke wamthi jize ngenzolo nokuphumla, akwabakho sizwe silwa naye ngaloo minyaka.
7Wathetha noJuda wathi: “Masizomeleze ezi dolophu, sizibiyele zibe neenqaba namasango nemivalo. Lo mhlaba ngowethu, kuba simfunile uNdikhoyo uThixo wethu; ewe, simzondelele ukumfuna, waza ke wasinika ukuphumla macal' onke.” Ngoko ke bakha, baza banenkqubela.
8UAsa lo ke wayenomkhosi ongamawaka angamakhulu amathathu amadoda akwaJuda axhoba ngemikhonto namakhaka amakhulu; awakwaBhenjamin wona angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo, iinto ezixhoba ngeentolo namakhaka amancinci; onke ke lawo ingoompondo-zihlanjiwe kwezemfazwe.
9UmKushe onguZera wabahlasela enomkhosi ongamawaka-waka, enamakhulu amathathu eenqwelo. Wahamba ke wema ngeMaresha. 10UAsa waphuma wamhlangabeza, baza ke bamisa amahlelo abo okulwa kwintili yaseZefata ngaseMaresha.
11UAsa ke wabiza kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Ndikhoyo, akekho onjengawe omncedayo ongenamandla angabhuqwa ngonamandla. Ngoko ke sincede, Ndikhoyo, Thixo wethu. Kaloku thina sithembele ngawe; naku ke ngoku egameni lakho sijongene nalo mkhosi ungaka. Ndikhoyo, unguThixo wethu; musa ukuvumela umntu amelane nawe.”
12UNdikhoyo ke wawabetha amaKushe lawo, oyiswa nguAsa noJuda. AmaKushe abaleka, 13waza uAsa nomkhosi wakhe wawasukela wada wee xhaxhe ngeGerare. Kwafa inyambalala yamaKushe, ngangokude angabi sabi nako ukuphinda enze ibuyambo; ewe, uNdikhoyo nomkhosi wakhe wawatshabalalisa. Ke amadoda akwaJuda athatha into eninzi yamaxhoba. 14Azitshabalalisa zonke iidolophana ezijikeleze iGerare; kaloku bonke babengcangcazela besoyika uNdikhoyo. Bazitshabalalisa zonke ezo dolophana, abe ke amaxhoba emaninzi gqitha apho. 15Kananjalo bazihlasela nezigqubo zabelusi, bathimba imihlambi yeegusha neebhokhwe neenkamela; baza ke bagoduka baya eJerusalem.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy