YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 13

13
UAbhiya ukumkani wakwaJuda
(1 Kum 15:1-8)
1Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda, 2waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi kaUriyeli waseGibheya.
Yayisoloko iyimfazwe phakathi koAbhiya noJerobhowam. 3UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.
4UAbhiya wema kwintaba iZemarayim kwelo leentaba lakwaEfrayim, waza wathi: “Phulaphulani, Jerobhowam nani nonke maSirayeli! 5Ngaba anazi na ukuba *uNdikhoyo uThixo wakwaSirayeli umbuso wakwaSirayeli wawunikela kwindlu kaDavide nesizukulwana sayo ngomnqophiso wetyuwa oya kuma ngonaphakade? 6Kambe ke yena uJerobhowam unyana kaNebhati owayeliphakathi likaSolomon unyana kaDavide wasuka wavukelana nenkosi yakhe. 7Iqedlana leendlavini lasuka langakuye, lachasana noRehobhowam unyana kaSolomon, bamvuyelela kuba eselula, engekabi namava, futhi engekomeleli ukuba abe nokuchasana naye.
8“Nangoku ke nisazimisele ukuwuchasa umbuso kaNdikhoyo osesandleni sikaDavide nesizukulwana sakhe. Ngenene ningumkhosi omkhulu, futhi ninaloo mathole enziwe ngegolide enawanikwa nguJerobhowam ukuze abe *ngoothixo benu. 9Andithi na kaloku nabagxotha ababingeleli bakaNdikhoyo abangoonyana baka-Aron kunye nabaLevi, naza nina nazimisela abenu ababingeleli njengezinye izizwe? Kuni nabani na ozihlambulula ngenkunzi yenkomo eselula, kunye nesixhenxe seenkunzi zeegusha, lowo ke uba ngumbingeleli wento engenguye nothixo.
10“Ke thina uNdikhoyo nguThixo wethu, asimlahlanga. Ababingeleli abalungiselela uNdikhoyo ngoonyana baka-Aron bencediswa ngabaLevi. 11Ngazo zonke iintsasa neenjikalanga banikela amadini atshiswayo, benzele uNdikhoyo isiqhumiso esivumba liyolileyo. Babeka isonka kwitafile ehlambulukileyo, balumeke izibane ezikwisiphatho segolide ngazo zonke iinjikalanga. Thina siyazigqala izinto ezifunwa nguNdikhoyo uThixo wethu. Ke nina nisuke namfulathela. 12Niyabona, uThixo unathi; nguye osikhokelayo. Nangoku ababingeleli bakhe baza kunihlabel' umkhosi ngamaxilongo abo. Ewe, maSirayeli, musani ukulwa noNdikhoyo onguThixo wooyihlo, kuba ke soze niphumelele.”
13Ke kaloku uJerobhowam wathumela inxenye yomkhosi wakhe, warhawula uJuda ngasemva, kodwa yena wayengaphambili. 14UJuda ke wathi akujonga ngemva wafumanisa ukuba uhlaselwa ngaphambili nangesemva. Waza ke wakhala kuNdikhoyo, ababingeleli bona bakhalisa amaxilongo. 15Ke wona amadoda akwaJuda ahlab' umkhosi. Yathi yakuvakala intlaba-mkhosi, uThixo wamvuthulula uJerobhowam namaSirayeli onke phambi koAbhiya noJuda. 16AmaSirayeli ke aswantsula phambi koJuda; uThixo wamhlangula uJuda esandleni sawo. 17UAbhiya namadoda akhe bawabetha amaSirayeli atsho anelahleko enkulu, kwawa amawaka angamakhulu amahlanu eengxwelerha kuloo majoni aziimbalasane akwaSirayeli. 18Ewe, uSirayeli woyiswa ngeso sihlandlo, uJuda yena wabuya noloyiso, kuba kaloku wayekholose ngoNdikhoyo uThixo wooyise.
19UAbhiya wamsukelisa uJerobhowam, waza wathimba ezi dolophu: iBhetele, iYeshana ne-Efron namaphandle ayingqingileyo. 20UJerobhowam ke akaphindanga abe namandla ngethuba lonke lika-Abhiya. UNdikhoyo wambetha, waza ke wafa.
21Kodwa ke uAbhiya waya esomelela ngokomelela. Wathatha abafazi abalishumi elinesine, waza wazala oonyana abangamashumi amabini anambini neentombi ezilishumi elinesithandathu.
22Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Abhiya, imisebenzi neentetho zakhe, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uIdo.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy