YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 12

12
UShishaki uhlasela iJerusalem
(1 Kum 14:25-28)
1Ke kaloku uRehobhowam akuba ewuzinzisile umbuso wakhe selomelele, wasuka yena noSirayeli ephela bawulahla umthetho *kaNdikhoyo. 2Ngenxa yokunganyaniseki kwabo *kuNdikhoyo, uShishaki ukumkani waseJiputa wayihlasela iJerusalem xa ukumkani eRehobhowam akunyaka wesihlanu. 3Umkhosi wakhe wawuneshumi elinambini lamakhulu eenqwelo, namawaka angamashumi amathandathu abakhweli-mahashe, kunye nenyambalala yamajoni angamaLibhiya namaSuki namaKushe awayephuma nawo eJiputa. 4Wazithimba iidolophu ezinqatyisiweyo zakwaJuda, wada waya kuthi xhaxhe eJerusalem.
5Ngelo thuba ke kwafika umshumayeli uShemaya kuRehobhowam neenkokheli zakwaJuda ezaziqokelelene eJerusalem ngokoyika uShishaki, wathetha nabo wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Kaloku nindilahlile, ngoko ke ngoku nam ndiza kuniyekela kuShishaki.’ ”
6Ke kaloku iinkokheli zakwaSirayeli kunye nokumkani zazithoba zathi: “UNdikhoyo wenza ngobulungisa!”
7Ke uNdikhoyo, akubona ukuba bayazithoba, wathumela eli lizwi kuShemaya wathi: “Ngenxa yokuba bezithobile andisayi kubatshabalalisa, koko ndokhawuleza ndibahlangule. Andisayi kuwuphokozela eJerusalem ngoShishaki umsindo wam. 8Kambe ke baza kuba phantsi kwakhe, ukuze bawufunde umahluko phakathi kokukhonza mna nokukhonza ookumkani bezinye izizwe.”
9Ke kaloku uShishaki ukumkani waseJiputa wayihlasela iJerusalem, waza wabuthimba ubutyebi obabusendlwini kaNdikhoyo nobo babukoovimba basebhotwe. Wabutha konke nje kunye naloo makhaka egolide ayenziwe nguSolomon. 10Ngoko ke ukumkani uRehobhowam wenza amakhaka obhedu endaweni yawo, waza wawanikezela ukuba agadwe ngabalindi ababelinda isango lasebhotwe. 11Wayesithi ukumkani xa aya endlwini kaNdikhoyo abalindi bahambe naye bephethe loo makhaka, aze ke akumka bawabuyisele endlwini yabo.
12Ngenxa yokuzithoba kwakhe ke uRehobhowam umsindo kaNdikhoyo wetha phezu kwakhe, akamtshabalalisa ngokupheleleyo. Ewe, kwakusekho noko okuhle kwaJuda.
13Ke ukumkani uRehobhowam wazinza eJerusalem, waza wawuqhuba wahamba kakuhle umbuso wakhe. Ukungena kwakhe embusweni wayeneminyaka emashumi mane ananye, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esachongwayo nguNdikhoyo kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, apho walimisa khona igama lakhe. Unina yayinguNama umAmonikazi. 14Wênza okubi, kuba akazange azimisele ukumlandela ngomxhelo wakhe uNdikhoyo.
15Ke ezinye zeziganeko zikaRehobhowam, ukususela ekuqaleni kuye kutsho esiphelweni, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uShemaya nencwadi yeembali zemboni uIdo, umshumayeli oyichazileyo imilibo yokuzalwa. Yaba soloko iluzenge-zenge lwemfazwe phakathi koRehobhowam noJerobhowam. 16URehobhowam waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAbhiya.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy