YouVersion Logo
Search Icon

1 KUTIMOTI 6

6
1Bonke abantu abaphantsi kwedyokhwe yobucaka mababahloniphe ngokupheleleyo abaphathi babo, ukuze igama likaThixo kunye nemfundiso yobuKrestu zingajongelwa phantsi. 2Naxa abaphathi bengamakholwa, izicaka mazingabadeli kuba bekholwa kunye. Ndaweni yaloo nto mazithembeke ngakumbi, kuba kaloku abo zibasebenzelayo banye kunye nazo elukholweni naseluthandweni.
Imfundiso yobuxoki nobutyebi benene
Shumayela ufundise ngale mibandela. 3Nabani na ofundisa imfundiso enxamnye nale, okanye ongahambisaniyo neendaba zeNkosi yethu uYesu Krestu, nemfundiso yonqulo olwamkelekileyo, 4lowo uthiwe lwale likratshi nokungazi. Ungumntu osoloko enxanelwe ukuthetha amazwi alambathayo azala ingxabano nomona, ukungevisisani nokwenyelisa, ukukrokrelana 5neengxoxo ezingaphele ndawo. Zonke ezi zinto yimikhwa yabantu abangqondo zingasebenziyo, asebelahlekene nayo inyaniso. Benza ngathi unqulo yindlela yokuzuza ubutyebi.
6Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo. 7Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. 8Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe. 9Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni. 10Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.
Iziyalo
11Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali. 12Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi. 13Ngoku ke ndiyakugunyazisa phambi koThixo umniki bomi kuzo zonke izinto, naphambi koYesu Krestu, owenza isivumo wangqina phambi koPontiyo Pilato. 14Wuthobele umyalelo, uwuphathe nyulu ungenabala, kude kube yiMini yokubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu. 15Le mbonakalo uThixo uya kuyizalisekisa ngexesha lakhe elifanelekileyo – ewe, uThixo ingangamsha yengangalala elawula konke, iKumkani yeekumkani, iNkosi yamakhosi! 16Nguye yedwa ongasoze afe; uhlala kubuqaqawuli obungafikelelwayo. Akukho mntu wakha wambona nonokuze ambone. Kuye makubekho isidima nobungangamsha ngoku kude kube ngunaphakade! *Amen. 17Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile. 18Bakhuthaze benze imisebenzi emihle, babe zizinhanha ngemisebenzi elungileyo, babe nezinwe, babaphe abasweleyo. 19Ukuba benjenje ke boba bazigcinela indyebo eya kuba sisiseko sekamva labo. Ngokwenjenjalo bobuzuza ubomi bokwenyani.
20Wa Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine! Ziphephe iincoko eziphuthileyo zeli hlabathi, ndawonye neengxoxo ezilambathayo “zolwazi,” 21kuba abaninzi bathe beqhayisa ngalo olu lwazi, suke baluphosa ukholo.
Makube sisisa kuni nonke.

Currently Selected:

1 KUTIMOTI 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy