YouVersion Logo
Search Icon

1 KUTIMOTI 5

5
Ukuziphatha komalusi webandla
1Ungaze uthethe rhabaxa nomntu omdala kunawe. Thetha naye ngokungathi uthetha noyihlo. Abafana abanganeno kuwe bathathe njengabaninawe, 2abafazi abadala njengonyoko. Phakathi kwabafazana ziphathe nyulu njengakoodade wenu.
3Bahlonele abahlolokazi; ndithetha abahlolokazi ngenene. 4Ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana mabafunde ukwenza iimfanelo zabo ekhaya kuqala, baze ngokwenjenjalo babuyekeze abazali babo, bamkholise noThixo. 5Kodwa umfazi ongumhlolokazi nene-nene ongenabani, ithemba lakhe ulibeke kuThixo. Uthandaza ubusuku nemini ecela uncedo lukaThixo. 6Kanti ke umhlolokazi ozinikezele eziyolweni nasebumnandini, sewafayo naxa ngathi uhleli nje yena. 7Baxelele ngezi zinto abahlolokazi, ukuze bangabekwa bala. 8Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.
9Ubhaliso lwabahlolokazi lwenzelwa abo bangaphezu kwamashumi amathandathu eminyaka ubudala. Ngaphezu koko kufuneka babe babenyanisekile emadodeni abo, 10bedumile nangemisebenzi emihle: ingqeqesho ebantwaneni, ukuphatha kakuhle iindwendwe emizini yabo, ukuhlamba iinyawo zabantu bakaThixo, ukuvelana nabasezingxakini, nokuzimanya kwiindidi ngeendidi zemisebenzi emihle.
11Abahlolokazi abasebatsha uze ungababhalisi bona. Kaloku kuthi wakubavukela umnqweno bafune ukwenda, bamfulathele uKrestu, 12baze ke babe netyala ngokwaphula isithembiso. 13Ngaphandle kwaloo nto baziqhelisa nokuchitha ixesha behamba bejikeleza emizini, bagqibele benolwimi, behamba bethetha ngezinto zabantu. 14Mna ndicebisa ukuba aba basebatsha abahlolokazi mabatshate, bazale, bahlale emizini yabo, ukuze iintshaba zethu zingafumani kroba lokusinyemba. 15Kaloku sekukho abanye abahlolokazi abasebekhethe ukulandela uSathana. 16Ukuba kukho inkosikazi elikholwa enezizalwana ezingabahlolokazi mayizijonge ngokwayo, ingathwalisi ibandla umthwalo, khon' ukuze libe nako ukujonga abo bangenamntu.
17Abakhokeli abasebenza kakuhle ekuphatheni ibandla mabawongwe babonelelwe ngokwaneleyo; ngakumbi abo babulaleka ziintshumayelo nakukufundisa. 18Kaloku zithi *iziBhalo: “Sukuyifaka isicheme inkabi ebhulayo.” Ziphinda kwakhona zithi: “Umsebénzi ufanelwe ngumvuzo wakhe.” 19Isimangalo esenziwa ngomkhokeli uze ungasamkeli ngele kokuba sixhaswa ngamangqina amabini namathathu. 20Abo bonayo, bangxolise ekuhleni, khon' ukuze nabanye boyike ukona.
21Ndiyakuyala phambi koThixo, noYesu Krestu, kunye naphambi kwezithunywa zakhe, ukuba uyigcine le mithetho, ungabi namkhethe. 22Uzungafan' ubeke izandla nayiphi na indoda. Zigcine nyulu, ungazidibanisi nasono samntu.
23Yeka ukumana usela amanzi odwa; thatha intwana yewayini. Yosilungisa isisu sakho, ungasoloko ukhathazwa yimpilo.
24Abanye abantu zidlula zingekakhalazelwa izinto ezimbi abazenzayo. Kanti ezabanye zihlala zifihlakele kude kube kudala beqhuba. 25Ngokukwanjalo ke nezinto ezintle abazenzayo abantu zinokubonakala. Phofu naxa zingabonakali azinako ukufihlakala kuphele.

Currently Selected:

1 KUTIMOTI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy