YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 6

6
Ukugoduswa kwetyesi yomnqophiso
1Yaba ziinyanga ezisixhenxe ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo ikwelamaFilistiya. 2Andula ke amaFilistiya ukubiza ababingeleli noosiyazi balapho, bathi kubo: “Masiyithini na ityesi kaNdikhoyo? Kufuneka sithini na ukuyigodusa?”
3Baphendula ababingeleli noosiyazi bathi: “Kaloku xa niyigodusa ityesi yoThixo wamaSirayeli, kufuneka ikhatshwe ngento yokungxengxezela ityala, ingahambi ingaphethe nto. Xa nenjenjalo niya kuphila, nitsho niyiqonde nembangi yokuba athi rhoqo ukunohlwaya uThixo kaSirayeli.”
4Abuza amaFilistiya athi: “Ingakhatshwa ngantoni na yokungxengxezela ityala?”
Bathi ukuphendula ababingeleli: “Kaloku kufuneka niyikhaphe ngamathumba amahlanu awenziwe ngegolide, kunye neempuku ezintlanu ezenziwe ngegolide; inye kwezo nto imele inkosi yamaFilistiya nganye. Kaloku nonke nabethwa ngobhubhani ngokufanayo kunye neenkosi zenu zontlanu. 5Ze niyenze ke, bethu, le mifuziselo yamathumba enu nezi mpuku zenu zibhubhisa ilizwe, nimzukise uThixo wamaSirayeli. Mhlawumbi ke angatsho apheze ukunibetha nina kunye *noothixo benu nelizwe lenu. 6Yini ukuba niqaqadeke, nixele amaJiputa nokumkani wawo? Kaloku uThixo wawaphatha gadalala amaJiputa, aza awayeka amaSirayeli agoduka.
7“Ngoko ke yenzani inqwelo entsha, nize neemazi ezimbini ezinamankonyane ezingayaziyo idyokhwe. Zibopheni, wona amankonyane niwafake esibaya. 8Ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo ze niyilayishe kuloo nqwelo, nize ecaleni layo nibeke ibhokisi enalaa mifuziselo yenziwe ngegolide, leyo ningxengxeza ngayo kuye. Nize ke iimazi niziyeke zizihambele. 9Ze nijonge ke. Xa inqwelo ithe yasinga kowayo ngaseBhete-shemeshe, soqonda ngaloo nto ukuba kuthe kanti nguThixo kaSirayeli lo usithumele le ntlekele. Kodwa ke ukuba ayiyanga ngakhona siya kwazi ukuba asinguye obesithuthumbisa, yinto nje efane yehla.”
10AmaFilistiya enze njengoko ayeyalelwe. Abopha iimazi zambini, awavalela esibaya amankonyane. 11Ayilayisha ityesi yomnqophiso enqweleni, ayilayisha naloo bhokisi iphethe imifuziselo yeempuku namathumba eyenziwe ngegolide. 12Zenjenjeya ukusinga ngaseBhete-shemeshe ezo mazi, zithe ngqo endleleni, zihamba zinxakama njalo, zingatyekeli ngasekhohlo nasekunene. Zona iinkosi zamaFilistiya zazilandela zada zaya kuma ngomda waseBhete-shemeshe.
13Ukuthi gqi kwayo ityesi yomnqophiso abantu baseBhete-shemeshe babesentlanjeni, bevuna ingqolowa. Yeka ke imincili yabo bakuyibona ityesi yomnqophiso! 14Loo nqwelo yaya kuma malunga nelitye elikhulu entsimini yomfo ekwakusithiwa nguYoshuwa waseBhete-shemeshe. Bayinqunqa yaziinkuni loo nqwelo, baxhela nezo mazi, benzela ngazo uNdikhoyo idini elitshiswayo. 15AbaLevi bayithula ityesi yomnqophiso kunye naloo bhokisi yayinemifuziselo eyenziwe ngegolide, bazibeka phezu kwelo litye likhulu. Abemi baseBhete-shemeshe benzela uNdikhoyo iminikelo kunye namadini atshiswayo. 16Emva kokuba zibukele iinkosi zamaFilistiya zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.
17AmaFilistiya ayethumele imifuziselo yamathumba emihlanu enziwe ngegolide, engxengxeza ngayo kuNdikhoyo. Umfuziselo ngamnye wawumele isixeko. Ezo zixeko yayiyiAshdode, iGaza, iAshkelon, iGati, kunye ne-Ekron. 18Bathumela kwanemifuziselo yeempuku ezenziwe ngegolide. Impuku nganye yayimele isixeko ngasinye sezo nkosi zintlanu zamaFilistiya, nditsho izixeko ezibiyelweyo kunye neziphaluka zazo. Elo litye lalisentsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe lisemi apho unanamhla oku, libubungqina bento eyehla apho.
19UNdikhoyo wababetha abemi baseBhete-shemeshe, kwafa abangamashumi asixhenxe, kuba kaloku basuka bayijonga ityesi yomnqophiso. Kwazilwa ngabemi balapho, kuba uNdikhoyo ebhubhise abantu abaninzi kangaka.
Ityesi yomnqophiso eKiriyati-yarim
20Abemi baseBhete-shemeshe bathi: “Kambe ke ngubani onako ukuma phambi *koNdikhoyo, lo Thixo wahluke kangaka? Singayithumela phi ityesi yakhe ukusuka apha?” 21Bathumela izigidimi eKiriyati-yarim ukuba ziye kuthi kubemi balapho: “Ayibuyisile amaFilistiya ityesi yomnqophiso. Yizani niyiphuthume.”

Currently Selected:

1 KASAMWELI 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy