YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 5

5
Ityesi yomnqophiso kwelamaFilistiya
1Ayithatha amaFilistiya ityesi kaThixo e-Ebhenezere, ayisa eAshdode. 2Apho afika ayingenisa endlwini yothixo wawo uDagoni, ayimisa ecaleni kwakhe. 3Ngentsasa elandelayo amaFilistiya afika, tyhini uDagoni uthe qungqululu emhlabeni, ewe ngobuso ngaphambi kwetyesi *kaNdikhoyo! Babuya bammisa kwasendaweni yakhe uDagoni. 4Kwakhona ngentsasa elandelayo bafike tyhini kwakhona nanko uDagoni equngquluze ngaphambi kwetyesi kaNdikhoyo! Ngoku wayeqhawuke intloko nezandla, zingasemgubasini wendlu leyo, yena uDagoni esele esisibhukubhuku nje. ( 5Unanamhla oku ababingeleli bakaDagoni, nabani na ongena endlwini kaDagoni eseAshdode, uyawutsiba umgubasi ngenxa yale ntlekele.)
6UNdikhoyo wabaphatha gadalala abantu baseAshdode neziphaluka zayo. Wabathobela izibetho, wabathuthumbisa ngamathumba. 7Athi amadoda alapho akuqonda le meko: “Le tyesi yoThixo wamaSirayeli mayisuke apha phakathi kwethu. Naku esimise kakubi kunye noDagoni uthixo wethu.” 8Kwabizwa intlanganiso yeenkosi zamaFilistiya, kwabuzwa kuzo kwathiwa: “Nithi mayithiweni na le tyesi yoThixo wamaSirayeli?”
Zaphendula zathi: “Mayisiwe eGati ityesi yoThixo wamaSirayeli.” Yasiwa apho ke.
9Nalapho uNdikhoyo wabamisa kakubi abantu, batsho bazizantanta, wabathuthumbisa ngamathumba, omncinci nomdala ngokufanayo. 10Yadluliselwa e-Ekron ityesi yomnqophiso kaThixo.
Yathi isafikanje abantu balapho bakhalaza besithi: “Baze kusibulalisa ngalaa tyesi yoThixo wamaSirayeli thina nabantu bethu!” 11Abantu balapho babiza iinkosi zamaFilistiya, babhekisa kuzo bathi: “Sincedeni; yisuseni apha kuthi le tyesi yoThixo wamaSirayeli. Mayibuyele kowayo, hleze isibulale thina nabantu bethu.” Kaloku bonke abantu besixeko babenkwantyisiwe kukufa, kuba uThixo wayebamise kakubi. 12Abantu abangafanga babethuthunjiswa ngamathumba, senyuka isikhalo sesixeko, sada savakala nasezulwini.

Currently Selected:

1 KASAMWELI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy