YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 27

27
UDavide kwelamaFilistiya
1Emva koko uDavide wacinga wathi: “Uya kuze andithi hlasi andibulale uSawule lo ngenye imini. Icebo linye ke: kukusabela kwelamaFilistiya. Wondincama ke uSawule, ayeke ukundifuna kwaSirayeli, ndibe ke ndiyaphuncuka esandleni sakhe.”
2Wanduluka ke uDavide kunye namadoda akhe angamakhulu amathandathu, benjenjeya ukusinga kwa-Akishe, unyana kaMawoki, ukumkani waseGati. 3Bafumana indawo ke apho ooDavide namadoda akhe, bahlala neentsapho zabo kwelo zwe. UDavide wayehamba nabo abafazi bakhe uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele. 4USawule akuva ukuba uDavide wasabela eGati, wanikezela, wayeka ukumzingela.
5Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba uyakholwa ndim, ndinike idolophana kwezisemaphandleni, ndihlale kuyo. Akukho nto ithi mandihlale apha komkhulu kunye nawe, mhlekazi.” 6Ukumkani uAkishe wamnika idolophu iZikelage. Kususela loo mini ke iZikelage yaba phantsi kolawulo lweekumkani zakwaJuda. 7Apho eFilistiya uDavide wahlala unyaka oneenyanga ezine.
8Ngelo xesha ke uDavide namadoda akhe babemana behlasela amaGeshuri namaGezere kunye nama-Amaleki. Kwamandulo ezi zizwe zazimi kuloo mmandla osuka eShure, uthi ga ngelamaJiputa. 9Ngalo lonke ixesha uDavide ehlasela ummandla othile wayebulala onke amadoda nabafazi, athimbe zigusha, zinkomo, zidonki, neenkamela, nditsho nkqu nempahla enxitywayo. Emva koko wayedla ngokubuyela kwakumkani uAkishe.
10Xa ukumkani uAkishe wayembuza athi: “Ubuye kuhlasela phi namhlanje?” uDavide wayedla ngokuphendula athi: “Ndivela ezantsi kwelakwaJuda,” okanye athi: “Ndivela kummandla wakwaJerameli ezantsi,” okanye athi: “Ndivela ezantsi kwelamaKeni.” 11Wayedla ngokubulala wonke umntu uDavide, indoda nomfazi, kuba wayesithi: “Bangasintama, bathi: ‘UDavide wênza oku noku.’ ” Wenjenjalo ke uDavide ngalo lonke elo xesha aseFilistiya.
12UAkishe wayemthembile uDavide kangangokude avakale esithi: “Selenuka kangaka nje kumawabo amaSirayeli, uza kuhlala apha, abuse kum bonke ubomi bakhe.”

Currently Selected:

1 KASAMWELI 27: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy