YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 23

23
UDavide uhlangula iKehila
1Zafika kuDavide iindaba ezithi: “AmaFilistiya ayihlasele idolophu iKehila; aphanga ingqolowa apho ibhulelwa khona.”
2UDavide wabuza *kuNdikhoyo wathi: “Mandiwahlasele na amaFilistiya?”
UNdikhoyo wathi: “Yiya kuwahlasela, ubahlangule abantu baseKehila.”
3Amadoda kaDavide wona avakala esithi: “Singathi sihleli sisoyika kakade apha kwaJuda, sibuye siye kuhlasela umkhosi wamaFilistiya eKehila?”
4Emva koko ke uDavide wabuza kuNdikhoyo kwakhona ukuba angaya kuwahlasela na amaFilistiya. Waphendula wathi uNdikhoyo: “Wahlasele amaFilistiya eKehila, kuba ndiza kuwanikela ezandleni zakho.”
5UDavide wanduluka kunye namadoda akhe, baya kuwahlasela amaFilistiya. Babulala amaFilistiya amaninzi, bathimba nemihlambi yawo. Waba ke uyihlangule njalo loo dolophu uDavide.
UAbhiyatare ubuzela uDavide kuNdikhoyo
6Ekubalekeleni kwakhe kuDavide eKehila uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki wafika esiphethe *isidanga.
7Zafika kuSawule iindaba zokuba uDavide waya eKehila. Wavakala esithi: “Unikelwe nguThixo kum uDavide lo. Uzikhonkxile ngokwakhe ngokuya kungena kwidolophu enamasango atshixwayo.” 8Watsho eqokelela umkhosi wakhe wonke uSawule, ukuba aye kuvingcela uDavide namadoda akhe apho eKehila.
9Zafika kuDavide iindaba zokuba uSawule uceba ukwenza ububi kuye, waza wathi kuAbhiyatare: “Yiza nesidanga.” 10Ubuze *kuNdikhoyo ke uDavide wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ndiva kusithiwa ngenene uSawule uzimisele ukuza kuyihlasela ayitshabalalise iKehila ngenxa yam. 11Ndixelele, mna sicaka sakho, ndiyakubongoza, ngaba angandinikezela kuSawule amadoda amakhulu alapha? Ngaba ngenene uSawule uza kuza njengoko amarhe esitsho?”
UNdikhoyo waphendula wathi: “Uza kuza.”
12“Amadoda amakhulu aseKehila ngaba aza kusinikela kuSawule?” ubuzile uDavide.
“Ewe, aza kuninikela,” kutsho uNdikhoyo.
13Wanduluka kwangoko ke eKehila uDavide kunye namadoda akhe amalunga namakhulu amathandathu, behamba behlala. Akabanga saya eKehila uSawule akuva ukuba uDavide ubalekile wemka apho.
UDavide kweleentaba
14UDavide waya kuhlala kwiindawo ezinqabileyo entlango nakweleentaba zentlango eyiZifi. Wathi rhoqo uSawule ukufuna uDavide, kodwa *uNdikhoyo akamnikelanga ezandleni zakhe. 15Kwathi uDavide eseHoreshe kuloo ntlango iyiZifi weva ukuba uSawule uphumele ukumbulala. 16Kwafika uJonatan apho, eze kumkhuthaza ngaye uThixo. 17Wathi kuDavide uJonatan: “Musa ukoyika, Davide; ubawo uSawule akasoze abe nako ukusa isandla kuwe. Nguwe oza kuba ngukumkani kwaSirayeli; mna ndiza kuba sisandla sakho. Úyayazi naye loo nto ubawo uSawule.” 18Baphinda banqophisana phambi koNdikhoyo. Emva koko wagoduka uJonatan, uDavide yena wasala apho eHoreshe.
19Kwesuka amaZifi, aya eGibheya, eye kuxelela uSawule esithi: “Nanko uDavide ezímele kwelakowethu kwinduli iHakila eyenye yeendawo ezinqabileyo ezikummandla waseHoreshe ezantsi kweYeshimoni. 20Ke ngoko, mhlekazi, nanini wakuthanda, yiza – siya kumnikela ezandleni zikakumkani.”
21Wathi kuwo uSawule: “Nindincedile; ubenga uNdikhoyo anganithamsanqela ngenxa yokundikhathalela kwenu. 22Godukani ke, niphinde nikhangelise kakuhle apho akhoyo, nimazi naloo mntu umbonileyo. Kuthiwa uDavide ulumkile. 23Ziqapheleni kakuhle iindawo ahlala kuzo, nibuye nindazise ke. Emva koko ke ndiya kuhamba kunye nani. Ukuba uselapho ndiya kumkhangela kulo lonke, ndimfune ndide ndimfumane, nokuba kungade kufuneke ndityhutyha-tyhutyhe onke amawaka akwaJuda.”
24Basuka ke abo bantu, bamandulela uSawule ukuya eZifi. Ngoku uDavide namadoda akhe babekwintili ekwintlango iMawoni, kumazantsi elakwaJuda, ezantsi kweYeshimoni. 25USawule wanduluka ukuya kufuna uDavide. Kodwa yena uDavide wayixelelwa loo nto, wemka waya kuhlala kwingxondorha yenduli eyayikuloo ntlango iMawoni. Uthe akuyiva loo nto uSawule, waya kwintlango iMawoni, esekhondweni likaDavide.
26USawule nomkhosi wakhe noDavide namadoda akhe bohlulwa yiloo nduli, omnye ekwelinye icala, omnye ekwelinye, ooDavide bezama ukubaleka umkhosi kaSawule owawuselubarhangqile ukubabamba. 27Kanye ngelo thuba kwafika isigidimi kuSawule, size nodaba oluthi: “Khawuleza uze, kuba amaFilistiya ayaliphanga ilizwe lakowethu.” 28Wajika kwangoko uSawule, waya kuqubisana namaFilistiya. Loo nduli yathiywa igama elithi yiSela-hamalekoti. 29Wemka apho uDavide, waya ezindaweni ezinqabileyo zase-Engedi, wafika wazímela apho.

Currently Selected:

1 KASAMWELI 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy