YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 21

21
UDavide ubalekela eNobhi kwa-Ahimeleki
1Ukusuka apho uDavide waya kwambingeleli uAhimeleki eNobhi. Wamhlangabeza uAhimeleki esoyika, wambuza esithi: “Kutheni uhamba wedwa nje? Kutheni kungekho bani ukukhaphayo nje?”
2Uphendule wenjenje uDavide: “Ndize apha ngokuthunywa ngukumkani. Yaye uthe ze ndingaluxeleli mntu udaba andithume lona. Ndithe kumadodana am siya kudibana endaweni ethile. 3Ngaba akunanto ityiwayo apha? Ndiphe izonka noba zihlanu, okanye nantoni ongaba unayo.”
4Uthe umbingeleli: “Akukho sonka siqhelekileyo sikhoyo apha; kuphela kwesonka esikhoyo sesingcwalisiweyo. Phofu ungasifumana xa loo madodana akho engakhange ahlangane nabantu ababhinqileyo kutshanje.”
5UDavide wamphendula umbingeleli wathi kuye: “Inene, asidibani nabantu ababhinqileyo xa sihambela umcimbi, nokuba ngongephi, andithethi ke xa kungumcimbi omkhulu njengalo siwuphetheyo.”
6Umbingeleli ke wamnika uDavide eso sonka singcwalisiweyo, kuba kwakungekho sonka simbi ngaphandle kweso sasinikelwe kuNdikhoyo. Sasisesisusiwe esibingelelweni, sekubekwe esitsha.
7UDowegi wase-Edom, induna yabelusi bakaSawule, wayekho apho ngaloo mini, ehlaliswe endlwini kaNdikhoyo.
8UDavide wabuza uAhimeleki wathi: “Akunamkhonto na okanye ikrele apha? Udaba lukakumkani lwalungxamisekile kangangokuba andizange ndifumane thuba lakuthatha sixhobo konke.”
9Wathi umbingeleli: “Likho ikrele apha. LelikaGoliyati, lowa mFilistiya wambulalela kwintlambo yom-oki. Naliya phaya ligqunywe ngesidanga, lithandelwe ngesiziba. Ungalithatha xa ulifuna; kuphela kwesikrweqe esikhoyo apha eso.”
Wathi uDavide: “Ndinike lona. Akukho limbi linjengalo.”
UDavide ubalekela eGati kukumkani uAkishe
10Wemka uDavide, ebaleka uSawule, waya eGati kukumkani uAkishe. 11Amaphakathi kakumkani uAkishe abuza kukumkani athi: “UDavide lo asingokumkani na kowabo? Asinguye lo babesombela ngaye abafazi, besithi: ‘USawule ubulele amawaka, kodwa yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi’? ”
12Wakuwazikisa la mazwi uDavide wangenwa kukumoyika ukumkani uAkishe. 13Kwathi ke ngalo lonke ixesha ekufuphi naye, uDavide aziphambanise, enze izinto zobugeza. Wayedla ngokukrwela ezindongeni zesixeko, avuzise izinkcwe zihle ngeendevu.
14Wavakala uAkishe esithi kwiinduna zakhe: “Hayi, le ndoda iphambene! Niyizisela ntoni apha kum? 15Ndiswele amageza kakade le nto nindizisela elinye lize kundiphambanela apha ekhaya?”

Currently Selected:

1 KASAMWELI 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy