YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 13

13
USamweli ukhalala uSawule
1Akuba nonyaka ukuya kwiminyaka emibini elawula kwaSirayeli 2uSawule wakhetha amawaka amathathu amadoda akwaSirayeli. Amawaka amabini asala naye eMikimashe naseBhetele kweleentaba. Elinye iwaka walithumela eGibheya kummandla wakwaBhenjamin kunye noJonatan. Amanye amadoda wathi makagoduke.
3UJonatan wahlasela ikampana yamaFilistiya eyayiseGebha. Yaduma kwelamaFilistiya into yokuba amaSirayeli avus' umnyele. USawule wathumela izigidimi ukuba zihambe zibeth' izigodlo kulo lonke, zithi: “Bekan' iindlebe, maHebhere!” 4Weva ke uSirayeli ephela, kusithiwa: “USawule uyihlasele ikampana yamaFilistiya, asuka amaSirayeli aba lizothe kumaFilistiya.” Amadoda akwaSirayeli abizelwa kuSawule eGiligali.
5AmaFilistiya aqokelela umkhosi wokulwa namaSirayeli. Yaba ngamashumi amathathu amawaka eenqwelo zokulwa, namawaka amathandathu amadoda akhwele kuzo, nenyambalala yamajoni. Enjenjeya ukuya kumisa ikampu yawo eMikimashe ngasempumalanga yeBhetaven. 6Athi amadoda akwaSirayeli akubona ukuba mbi kwemeko yawo, nokuxinwa komkhosi wawo, asuka aya kuziqhusheka emiqolombeni nasezihlahleni, ezixhotyeni zamawa, emihadini, nasemaquleni. 7Amanye amaHebhere awelela ngaphesheya kweJordan kwimimandla yakwaGadi naseGiliyadi.
Wasala eGiligali yena uSawule, esankwantya luloyiko amadoda awayesele naye. 8Walinda iintsuku zasixhenxe, njengoko wayeyalelwe nguSamweli. Akafika yena uSamweli eGiligali. Amadoda kaSawule aya echithakala, 9waza ke wathi: “Sondezani kum izinto zokwenza amadini atshiswayo namadini obudlelane.” Zithe zakusiwa, wanikela idini elitshiswayo. 10Kuthe kanye xa agqibezelayo, wagaleleka uSamweli. USawule waya kumhlangabeza, ethakazela. 11Wasuka uSamweli wabuza wathi: “Yintoni le uyenzileyo, Sawule?”
Uphendule ngelithi uSawule: “Hayi, ndithe ndakubona amadoda echithakala, nawe ungafiki ngexesha obuthe uya kufika ngalo, namaFilistiya eqokelelana eMikimashe, 12ndaqonda ukuba la maFilistiya ngahle asihlasele apha eGiligali singekabhekisi *kuNdikhoyo. Ndeva ndinyanzelekile ke ukuba ndinikele idini elitshiswayo kuNdikhoyo.”
13“Wenze ubudenge ke khona!” kutsho uSamweli. “Uwutyeshele umyalelo kaNdikhoyo uThixo wakho. Ukuba ubumthobele uNdikhoyo ubukumkani bakho kwaSirayeli bebuya kuma bumi. 14Kodwa ke ngoku luza kunqamka ulawulo lwakho, kuba uwutyeshele kaloku umyalelo kaNdikhoyo. UNdikhoyo uzityumbele enye indoda esenyongweni yakhe ukuba ibalawule abantu bakhe. ”
15USamweli wesuka eGiligali waya eGibheya kummandla wakwaBhenjamin. USawule wawabala amadoda asele naye, wafumana ukuba amalunga namakhulu amathandathu.
AmaSirayeli aswele izikhali
16USawule nonyana wakhe uJonatan kunye nomkhosi wabo babemise eGebha kummandla wamaBhenjamin. Wona amaFilistiya amisa eMikimashe. 17Umkhosi wamaFilistiya wakhupha amahlelo amathathu. Elinye ihlelo laphuma laya ngaseOfra kummandla waseShuwali, 18elinye laya ngaseBhete-horon, elesithathu labheka kwimida ejongene nentili iZebhoyim ngasentlango.
19KwaSirayeli kwakungekho bakhandi, kuba amaFilistiya athi: “AmaHebhere osuka enze amakrele nemikhonto.” 20Kwakufuneka amaSirayeli aye kumaFilistiya xa afuna ukulolelwa amakhuba namagaba, amazembe kunye neerhengqa zawo. 21Kwakuhlawulwa iqhosha lemali ngokulola izembe nangokulungisa incula, abe mabini xa kulolwa isikali sekhuba okanye kubazwa iimviko. 22Ke ngoko ngomhla wedabi kwakungekho nanye indoda kwaSirayeli eyayinekrele okanye umkhonto, ngaphandle nje kukaSawule nonyana wakhe uJonatan.
Ubugorha bukaJonatan
23AmaFilistiya athumela igqiza lomkhosi wawo ukuya kuvala ingxingwa yaseMikimashe.

Currently Selected:

1 KASAMWELI 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy