YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 12

12
Amazwi kaSamweli okuzibeka phantsi iintambo
1Wasuka ke uSamweli, wabhekisa kumaSirayeli ephela, wenjenje: “Niyabona, into ebeniyicelile kum ndiyenzile, ndammisela ukumkani wenu. 2Nanku; uza kunilawula. Mna sendaluphele ndaba yingwevu. Noonyana bam naba phakathi kwenu. Ndanikhokela ndisemtsha kude kuze kuthi gaa apha. 3Ndim lo ke, ndithi ukuba ndakha ndanona ndimangaleleni ngoku apha phambi *koNdikhoyo naphambi komthanjiswa wakhe ukumkani. Ndakha ndahlutha bani inkabi yakhe yenkomo okanye idonki? Ndakha ndacinezela bani na; ingubani endakha ndamngcungcuthekisa? Ngubani owakha wandinyoba ukundivala umlomo? Ukuba ndakha ndayenza into enjalo, ndiya kuyenza imbuyekezo.”
4Wahlokoma umzi wathi: “Akuzange wasicinezela nanini, ungazange wangcungcuthekisa bani nakanye; yaye akuzange wathatha nto mntwini.”
5Wathi ke uSamweli: “UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe ukumkani ngamangqina am ke ukuba kutsho nina ukuthi ndimsulwa.”
“Ewe,” kutsho abantu, “nguNdikhoyo ingqina lethu.”
6Uqhube wenjenje uSamweli: “Ingqina nguNdikhoyo lo watyumba uMosis noAron, waza wabakhupha ooyihlo-mkhulu eJiputa. 7Sondelani ke, ndiniyale phambi koNdikhoyo ngokunikhumbuza ngemisebenzi yobulungisa ayenzele nina nooyihlo.
8“Kwathi akuba seJiputa uYakobi nomzi wakhe, bazibika kuNdikhoyo, yena wathumela uMosis noAron ababakhuphayo eJiputa, beza kuma kulo mhlaba. 9Bathi bakuba lapha abantu bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo. Yena ke ngoko wabanikela esandleni sikaSisera umphathi womkhosi waseHazore, nakumaFilistiya, nakukumkani wakwaMowabhi, – zintshaba zabo ezo ezabahlaselayo. 10Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’ 11UNdikhoyo ke wathumela uGidiyon, noBharaki, noJefta, waza wagqibela ngam. Wanihlangula kwiintshaba zenu macala onke, nahlala ngenzolo. 12Kodwa nithe nakuqonda ukuba ukumkani uNahashe wama-Amon ufuna ukunihlasela, neza kum, nathi: ‘Sifuna ukumkani wethu,’ naxa uNdikhoyo uThixo wenu engukumkani wenu.”
13Utyatyadule wathi uSamweli: “Nanku ke ukumkani enimkhethileyo. Ufunwe nini ke; uNdikhoyo uyanikhululela ke ngoku. 14Kuya kuba hele, kube chosi, ukuba nje uNdikhoyo uThixo wenu niyamhlonela, nimkhonze, nimphulaphule, ningaphikisani nomyalelo wakhe, koko nimlandele nikunye nokumkani wenu onilawulayo. 15Kodwa ukuba animva uNdikhoyo, niphikisane nomyalelo wakhe, wonichasa njengoko wenjenjalo kooyihlo-mkhulu.
16“Ngoku ke, yimani ngxishi, khon' ukuze nikubone oko kukhulu aza kukwenza uNdikhoyo. 17Naxa ilixesha lokuvuna ingqolowa eli, ndiza kutsho kuNdikhoyo ahlise imvula neendudumo. Niya kuqonda ke ukuba imbi kuNdikhoyo le nto yokufuna kwenu ukumkani.”
18Wathandaza wabhekisa kuNdikhoyo ke uSamweli, kwaza kwangaloo mini kwafika iindudumo kunye nemvula, zithunyelwe nguNdikhoyo. Abantu ke ngoko bamoyika uNdikhoyo ngokunjalo noSamweli. 19Bonke bathi kuSamweli: “Sithandazele kuNdikhoyo uThixo wakho, singafi, thina zicaka zakho. Kuzo zonke izono zethu ebesikade sizenza songeze nobu bubi bokuzicelela ukumkani.”
20USamweli wathi: “Ze ningoyiki! Ewe kambe, naxa nenze bonke obu bubi, nize ningaphambuki nimke kuNdikhoyo, koko nize nimkhonze ngomxhelo uphela. 21Nize ningarhorhozeli emva *koothixo abangento. Abanako ukuninceda, bengenako ukunihlangula. Kaloku bona zizinto ezingento nje. 22Ngenxa yegama lakhe elikhulu uNdikhoyo akayi kubalahla abantu bakhe, kuba kwakholeka kuye ukunenza abantu bakhe ncakasana. 23Mna okokwam andingekhe ndimone uNdikhoyo ngokuyekelela ukunithandazela. Ndizimisele ukunifundisa ukuhamba indlela ethe mbo. 24Kodwa uNdikhoyo nize nimthobele nimkhonze ninyanisekile ngomxhelo uphela. Kaloku nizibonile ukuba zinkulu kwazo izinto anenzele zona. 25Kambe ke, ukuba niqhubela phambili ukwenza ububi, uya kunitshabalalisa kunye naloo kumkani wenu.”

Currently Selected:

1 KASAMWELI 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy