YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 6

6
Ukwakhiwa kwendlu kaThixo
1Ke kaloku ngonyaka wamakhulu amane namashumi asibhozo ephumile amaSirayeli eJiputa, xa kanye uSolomon wayekunyaka wesine elawula amaSirayeli, ngenyanga yesibini uZivi, waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo. 2Le ndlu kaNdikhoyo wayakhayo ke uSolomon ngaphakathi ubude bayo babuziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe; zazilithoba ububanzi, ukuphakama zilishumi elinesithathu nesiqingatha. 3Igumbi lesango laliziimitha ezine ezinesiqingatha ubude, ububanzi iziimitha ezilithoba, ububanzi bulingana nobendlu ngokwayo. 4Le ndlu ke wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa asondeleneyo. 5Ngaphandle phaya wakha umgangatho owayame eludongeni, ujikeleza igumbi eliphambili neliphakathi, waza wakha neminye imigangatho phezu kwawo. 6Kumgangatho ophantsi igumbi laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi; elomgangatho ophakathi laliziimitha ezintathu ububanzi; ke lona elokugqibela liziimitha ezintathu ezinesiqingatha ububanzi. Kumgangatho ngamnye udonga lwale ndlu lwalunciphile kunalo mgangatho ungaphantsi. Ngaloo ndlela ke amagumbi la ayexhathise ngodonga, imiqadi yawo inganxibelelananga neendonga ezi.
7Xa yakhiwayo ke le ndlu amatye ayo ayeqingqelwa kulaa ndawo athathwa kuyo. Ngaloo ndlela ke kwakungasetyenziswa sando nasixozi okanye nasiphi na esinye isixhobo esingxolayo sentsimbi apho kweso siza kwakusakhiwa kuso.
8Isango lomgangatho wangaphantsi lalikwicala langasezantsi kule ndlu; kanti ke ukuphuma apho yayingumchankcatho okhokelela kumgangatho wesibini, uphuma khona uye kowesithathu. 9Ke uSolomon wayakha indlu leyo wayigqiba, waza wayixhoma ngemiqadi namaplanga omsedare. 10Umgangatho owayame eludongeni wawuziimitha ezimbini ezinesiqingatha ukuphakama unxityelelaniswe nendlu ngemiqadi yomsedare.
11Ke kaloku lafika ilizwi likaNdikhoyo kuSolomon lisithi: 12“Ngokusingisele kule ndlu uyakhayo, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho yam wahamba ngayo, ndosifezekisa ngawe isithembiso endasenza kuyihlo uDavide. 13Ndiya kuhlala phakathi kwamaSirayeli, ndaye ke andisoze ndibashiye abantu bam amaSirayeli.”
14Ke uSolomon wayakha wayigqiba indlu kaThixo.
Umphakathi wendlu kaThixo
(2 Gan 3:8-14)
15Ngaphakathi iindonga zale ndlu wazambathisa ngamaplanga omsedare ukusuka phantsi emgangathweni kuye kuthi xhaxhe ngesilingi, waza phantsi phaya wandlala amaplanga ompayini. 16Entla phaya apha endlwini wenza igumbi eliphakathi ekuthiwa yingcwele kangcwele. Laliziimitha ezilithoba ubude, lakhiwe ngamaplanga omsedare asuka emgangathweni athi xhaxhe ngesilingi phezulu. 17Igumbi eliphambi kweli ke laliziimitha ezilishumi elinesibhozo ubude. 18Uwonke umphakathi wendlu le yayingumsedare ukroliwe wahonjiswa ngethangazana neentyatyambo. Yayingumsedare nje ngaphakathi, ungekhe ulibone ilitye lodonga.
19Ke kaloku igumbi eliyingcwele eliya lingaphakathi kule ndlu walilungiselela ukuze kulo kuhlale ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo. 20Eli gumbi liphakathi ke lona laliziimitha ezilithoba ubude, ububanzi, nokuphakama. Umphakathi walo ke wawutyatyekwe ngegolide ecwengileyo; ukanti lona iqonga lalambathiswe ngomsedare. 21Umphakathi wale ndlu uSolomon wawutyabeka ngegolide ecwengileyo, waza watsala amatyathanga egolide anqumleza phambi kwelaa gumbi liphakathi, nalo ke elalityatyekwe ngegolide. 22Umphakathi wonke wawutyatyekwe kwangegolide; kananjalo neqonga elikwigumbi eliyingcwele likwatyatyekwe ngegolide.
23Phaya kwigumbi eliyingcwele wenza *izithunywa ezimaphiko zazibini, ezenza ngomthi womnquma. Ukuphakama kwaso ngasinye kwakuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane. 24-25Zozibini ezi zithunywa zazilingana zifana, ngasinye ke sinamaphiko amabini, phiko elo laliziimitha ezimbini ezineesentimitha ezimashumi mabini ubude. Ngoko ke umgama wokusuka kwincam yephiko ukuya kwincam yelinye wawuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane. 26Ukuphakama kwesithunywa ngasinye bekuziimitha ezintlanu. 27Zozibini ke ezi zithunywa zazimi zilungelelene apho kwigumbi eliphakathi. Amabini kuloo maphiko azo athe naa ayerhecana esazulwini segumbi elo, aze amanye la mabini arhece iindonga. 28Zozibini ke ezi zithunywa wazityabeka ngegolide.
29Iindonga zegumbi elikhulu nezegumbi eliphakathi zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, amasundu, kwaneentyatyambo. 30Umgangatho wala magumbi wawambathisa ngegolide.
31Emnyango wegumbi eliyingcwele kwakukho ungcango-mbini owenziwe ngamaplanga omnquma, umgubasi wona wenziwe wangunxa-ntlanu. 32Iingcango zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, namasundu neentyatyambo. Iingcango nemihombiso yazo zazambathiswe ngegolide egudisiweyo. 33Umgubasi womnyango wegumbi elikhulu wawakhiwe buxande, wenziwe ngomthi womnquma. 34Kananjalo wenzelwa iingcango ezimbini zompayini ezisongwayo ngehinjisi. 35Zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko neyamasundu neentyatyambo, yaza yonke loo nto yambathiswa ngegolide egudisiweyo.
36Inkundla yangaphakathi wayakha yazizintlu ezintathu zamatye aqingqiweyo alandelwa luluhlu lwamaplanga omsedare ochweliweyo.
37Ke sona isiseko sale ndlu kaNdikhoyo sabekwa ngenyanga uZivi kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uSolomon. 38Ke kaloku kwathi ngonyaka wakhe weshumi elinanye, kwinyanga yesibhozo uBhuli, yagqitywa ukwakhiwa indlu kaThixo – ncincililii! Ewe, yakhiwa ngokwezicwangciso ezazimisiwe. Loo msebenzi wokuyakha ke wathatha iminyaka esixhenxe.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy